Izaziso
◼ Uncwadi oluza kuhanjiswa ngoFebruwari: Ninokuhambisa nayiphi na kwezi ncwadana zinamaphepha angama-32: IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?, Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!, nethi Indlela Esa Kubomi Obungunaphakade—Ngaba Uyifumene? Xa ubuyela, zama ukuqalisa isifundo seBhayibhile usebenzisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, okanye incwadana enemifanekiso ethi Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade ukuba yiyo eza kumnceda. NgoMatshi nangoAprili: Amaphephancwadi iMboniselo noVukani! Xa ubuyela, mbonise incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile okanye incwadana ethi Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade uze uzame ukuqalisa isifundo seBhayibhile. NgoMeyi: Hambisa iphecana elithi Ngaba Ungathanda Ukwazi Eyona Nyaniso? Okanye naliphi na elinye iphephancwadi elisesitokhweni. Ukuba umninimzi unomdla, mbonise indlela yokufunda iBhayibhile usebenzisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile okanye incwadana enemifanekiso ethi Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade.
◼ Intetho Ekhethekileyo yonyaka wama-2013 engexesha leSikhumbuzo iza kuba nomxholo othi “Ngaba Ukufa Kuthetha Isiphelo Sayo Yonke Into?”
◼ Kwenziwe intetho entsha yeSikhumbuzo emele isetyenziswe zizo zonke izithethi zeSikhumbuzo ukuqala ngo-2013. Umxholo wayo uthi “Kuxabise Oko Akwenzele Kona UKristu!”
◼ Intsimi engabelwanga bani yowama-2012 iye yaphumelela. Kwintsimi ephantsi kwesebe lethu, eli phulo lixhaswe ngamabandla angama-433 nabavakalisi abangama-7987. Bahambise iincwadi ezingama-8 829, iincwadana ezinemifanekiso ezingama-32 682 namaphephancwadi angama-82 795, oku kuye kwaphumela ekubeni kwenziwe amabuyelo angama-5 062 nezifundo zeBhayibhile ezingama-778. Ngoku sijonge phambili kwintsimi engabelwanga bani yowama-2013.