IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb24 Septemba iphe. 14-15
  • Oktobha 28–Novemba 3

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Oktobha 28–Novemba 3
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2024
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2024
mwb24 Septemba iphe. 14-15

OKTOBHA 28–NOVEMBA 3

INDUMISO 103-104

Ingoma 30 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Ukhumbula “Ukuba Siluthuli”

(imiz. 10)

Ukuba novelwano kukaYehova kumenza abe bhetyebhetye (INd 103:8; w23.07 21 ¶5)

Akasilahli xa sithe senza iimpazamo (INd 103:​9, 10; w23.09 6-7 ¶16-18)

Akalindelanga ukuba senze okungaphezulu kwamandla ethu (INd 103:14; w23.05 26 ¶2)

Umyeni umamele kakuhle umfazi wakhe njengoko emchazela indlela avakalelwa ngayo.

KHAWUZIBUZE, ‘Ngaba ndixelisa uYehova ngendlela endimphatha ngayo umntu enditshate naye ngokuba bhetyebhetye?’

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INd 104:24 ​—Le vesi isifundisa ntoni ngamandla kaYehova okudala izinto ezintsha nezahlukeneyo (cl 55 ¶18)

  • Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

(imiz. 4) INd 104:​1-24 (th isifundo 11)

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 3) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. (lmd isifundo 3 ingongoma 4)

5. Ukubuyela

(imiz. 4) KWINDLU NGENDLU. Ncokola ngevidiyo ethi Siyakwamkela Kwisifundo Sakho SeBhayibhile nomntu oye wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. (th isifundo 9)

6. Intetho

(imiz. 5) lmd isihlomelo A ingongoma 6​—Umxholo: Umyeni Ufanele ‘Amthande Umfazi Wakhe Njengokuba Ezithanda.’ (th isifundo 1)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 44

7. Ngaba Uyazazi Izinto Onokukwazi Ukuzenza?

(imiz. 15) Ingxubusho.

Ukusebenzela uYehova ngako konke esinako kuya monwabisa ibe kusenza nathi sonwabe. (INd 73:28) Sekunjalo, ukuze siphephe ukuphoxeka nokuba nexhala kakhulu simele sicingisise ngezinto esifuna ukuzenza ukuba sizakukwazi na ukuzifikelela.

Udade osemtsha ovela kwividiyo ethi “Singenza Okuninzi Ukuba Silindela Izinto Ezisengqiqweni.”

Bukela IVIDIYO ETHI Singenza Okuninzi Ukuba Silindela Izinto Ezisengqiqweni. Uze ubuze le mibuzo:

  • Yintoni ayilindeleyo kuthi uYehova? (Mik 6:8)

  • Indawo eboniswa kwividiyo ethi “Singenza Okuninzi Ukuba Silindela Izinto Ezisengqiqweni.” Lo dade usemtsha ukunye nomhlobo wakhe kwindawo ekuphungelwa kuyo bakhuthaza isifundo seBhayibhile.
  • Udade osemtsha uncedwe yintoni ukuze angabi naxhala kakhulu ngokufikelela oko azimisele ukukwenza?

SINGAZAZI NJANI IZINTO ESINOKUKWAZI UKUZENZA?

  • Sukuzithelekisa nabanye. (Gal 6:4) Sukuvumela izenzo zabanye zikulawule ukuba wenze ntoni okanye ucinge ukuba umele uyenze lo nto. Usenako ukuzenza okanye ungakwazi ukuzenza izinto umntu okwiminyaka yakho okanye ophuma kwintshapho engafaniyo neyakho akwaziyo ukuzenza

  • Sukuvumela uloyiko lukwenze ungazami izinto ezintsha. (Rom 12:1; 1Ko 7:31) Sukoyika ukuzama ukwenza omnye umsebenzi wenkonzo osenokubonakala ngathi unganzima ukuwenza okanye awunakuwonwabela. ​—Mal 3:10

  • Khangela ziintoni onokukwazi ukuzenza uze uzibekele ixesha ofuna ukuzigqiba ngalo. Ngokomzekelo, ingaba ukuba nguvulindlela othe ngxi ingayinto onokukwazi ukuyenza? Kwiinyanga ezimbalwa, awunakuzama ukwandisa ixesha lakho olichitha kumsebenzi wokushumayela okanye uzame ukuba nguvulindlela ongumncedani? Awunakuzama ukuba nguvulindlela othe ngxi nokuba ngunyaka omnye? Ukuba ugqiba ngelithi awunakukwazi ukuba nguvulindlela othe ngxi kangangonyaka okanye ngaphezulu, awusoze uzisole ngezinto ezincinci oye wazimisela ukuzenza waza waziphumeza.​—INt 6:9

  • Yiba bhetyebhetye. Iimeko zethu ziyatshintsha kwanezinto esinokukwazi ukuzenza. Ngoko, zihlole qho izinto onokukwazi ukuzenza.

8. ISifundo SeBhayibhile Sebandla

(imiz. 30) bt isahl. 17 ¶8-12, nebhokisi ekwiphepha 137

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 55 Nomthandazo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share