IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb25 Januwari iphe. 2-3
  • Januwari 6-12

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Januwari 6-12
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi WokushuMeyela—Incwadi Yentlanganiso—2025
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi WokushuMeyela—Incwadi Yentlanganiso—2025
mwb25 Januwari iphe. 2-3

JANUWARI 6-12

INDUMISO 127-134

Ingoma 134 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Bazali, Qhubekani Nikhathalela Abantwana Benu

(imiz. 10)

Abazali banokuqiniseka ukuba uYehova uza kubanceda bakwazi ukuhoya iintsapho zabo (INd 127:​1, 2)

Abantwana basisipho esixabisekileyo esivela kuYehova (INd 127:3; w21.08 5 ¶9)

Qeqesha umntwana ngamnye ngokohlobo lwezinto azidingayo (INd 127:4; w19.12 27 ¶20)

Utata usebenzisa incwadana ethi “Izifundo Endizifunda EBhayibhileni” ukuze afundise abantwana bakhe ababini abancinci. Abantwana bazibona beseParadesi bedlala nendlovu kunye negorila.

UYehova uvuya kakhulu xa abazali bethembela kuye futhi besenza konke okusemandla abo ukukhathalela abantwana babo

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INd 128:3​—Kutheni umdumisi efanisa oonyana nezithole zomthi womnquma? (it-1-E 543)

  • Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

(imiz. 4) INd 132:​1-18 (th isifundo 2)

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 3) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. (lmd isifundo 1 ingongoma 3)

5. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Umninimzi ukholelwa kwinto engavumelaniyo noko kufundiswa yiBhayibhile. (lmd isifundo 5 ingongoma 4)

6. Ukwenza Abafundi

(imiz. 5) lff isifundo 16 ingongoma 4-5. Yenza amalungiselelo kunye nesifundo sakho ukuze sifunde nangona ungazubakho kwiveki ezayo. (lmd isifundo 10 ingongoma 4)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 13

7. Bazali, Ngaba Ningumzekelo Omhle Ebantwaneni Benu?

(imiz. 15) Ingxubusho.

Intlangano kaYehova ipapashe izinto ezininzi ukuze incede abazali bafundise abantwana babo ngoYehova. Sekunjalo, esona sixhobo sinamandla abazali abanaso kukuba ngumzekelo omhle ebantwaneni babo.​—Dut 6:​5-9.

NoYesu wayesisebenzisa esi sixhobo ukufundisa abafundi bakhe.

Funda uYohane 13:​13-15. Uze ubuze lo mbuzo:

  • Ucinga ukuba kutheni le ndlela kaYesu yokufundisa yayisebenza kakuhle?

Njengomzali, izinto ozenzayo zinokubanceda abantwana bakho babone ukuba izinto obafundisa zona ziluncedo. Umzekelo wakho omhle uza kwenza abantwana bakho bakumamele baze bakulungele ukukuthobela njengomzali.

Imifanekiso: Imifanekiso ekwividiyo ethi “Ukufundisa Abantwana Bethu Ngokuba Ngumzekelo Omhle Kubo.” 1. Intsapho yakwaGarcia ihleli emotweni ilungele ukuya kwiintlanganiso zebandla. 2. Iintsapho ihleli etafileni emva kokubuya ezintlanganisweni. Batya izinto ezimnandi njengoko bencokola. 3. Umzalwana uGarcia uyaphumla ekufundeni ukuze athethe nenye yeentombi zakhe. 4. UMzalwana noDade Garcia basebenzisa iBhayibhile ukuze bathethe nenye yeentombi zabo.

Dlala IVIDIYO ethi Ukufundisa Abantwana Bethu Ngokuba Ngumzekelo Omhle Kubo. Uze ubuze le mibuzo:

  • Zeziphi izifundo ezibalulekileyo uMzalwana noDade Garcia abazifundisa abantwana babo?

  • Kutheni le vidiyo ikwenza ufune ukuqhubeka ungumzekelo omhle ebantwaneni bakho?

Ngomzekelo wakho ungabafundisa abantwana bakho ukuba . . .

  • benze izigqibo ezifanelekileyo ngendlela yokuzonwabisa, ukusela utywala nokusebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola

  • ukukhonza uYehova kube yeyona nto ibalulekileyo ebomini babo

  • xa betshatile baphathe umntu abatshate naye ngothando nangentlonipho

8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

(imiz. 30) bt isahl. 20 ¶13-20

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 73 Nomthandazo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share