MEYI 5-11
IMIZEKELISO 12
Ingoma 101 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. Ukusebenza Nzima Kuyanelisa
(imiz. 10)
Sukuchitha ixesha uleqana nezinto ezingabalulekanga (IMi 12:11)
Sebenza ngamandla akho onke, uwenze kakuhle umsebenzi wakho (IMi 12:24; w16.06 30 ¶6)
Uza kusikelelwa ngokusebenza kwakho nzima (IMi 12:14)
ICEBISO: Ukusebenza nzima kuyanelisa ingakumbi xa sibona indlela ekubanceda ngayo abanye. —IZe 20:35; w15 2/1 5 ¶4-6.
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
IMi 12:16—Umgaqo okule vesi unokumnceda njani umntu akwazi ukumelana nobunzima? (ijwyp inqaku 95 ¶10-11)
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) IMi 12:1-20 (th isifundo 5)
4. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 2) KWINDLU NGENDLU. (lmd isifundo 1 ingongoma 4)
5. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 3) KWINDLU NGENDLU. Qalisa isifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 5 ingongoma 4)
6. Ukubuyela
(imiz. 3) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Bonisa umntu onabantwana iwebhsayithi yethu. (lmd isifundo 9 ingongoma 3)
7. Ukuthethelela Iinkolelo Zakho.
(imiz. 3) Umboniso. ijwfq inqaku 3—Umxholo: Ngaba AmaNgqina KaYehova Akholelwa Ukuba Icawa Yawo Yeyona Ichanileyo? (lmd isifundo 4 ingongoma 3)
Ingoma 21
8. UYehova Usinceda Simelane Neemeko Zemali
(imiz. 15) Ingxubusho.
Ngaba unexhala lokungafumani umsebenzi, lokuphelelwa ngumsebenzi okanye lokungakwazi ukwenza imali eyaneleyo ngoku okanye xa umdala? Imeko yemali yelihlabathi inokutshintsha nanini na. Nangona kunjalo, uYehova uyasiqinisekisa ukuba xa simbeka kuqala uza kusoloko esinika zonke izinto esizidingayo, enoba kukho utshintsho olukhulu kangakanani kwiimeko zethu zezimali.—INd 46:1-3; 127:2; Mat 6:31-33.
Dlala IVIDIYO ethi Zange Wasiphoxa UYehova. Uze ubuze lo mbuzo:
Sifunda ntoni kumava kaMzalwana uAlvarado?
Funda 1 Timoti 5:8. Uze ubuze lo mbuzo:
Le vesi iluqinisa njani ukholo lwakho kwisithembiso sokuba uYehova uza kusoloko ebanika izinto abazidingayo abakhonzi bakhe?
Khawucinge ngale migaqo yeBhayibhile enokukunceda ukwazi ukumelana neengxaki zemali:
Phila ubomi obulula. Waphephe amatyala angeyomfuneko nokusebenzisa imali kwizinto ezingeyomfuneko.—Mat 6:22
Yenza izigqibo eziza kukusondeza kuThixo xa ukhetha umsebenzi nemfundo.—Fil 1:9-11
Thobeka uze ube bhetyebhetye. Ukuba uphelelwa ngumsebenzi kulungele ukwenza nawuphi na omnye umsebenzi oza kukunceda ukhathalele intsapho yakho nokuba ujongelwa phantsi.—IMi 14:23
Kulungele ukubapha loo nto unayo abanye nokuba awunazinto zininzi.—Heb 13:16
9. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) bt isahl. 26 ¶1-8, neebhokisi ezikwiphe. 204, 208