IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb25 Septemba iphe. 14-15
  • Oktobha 20-26

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Oktobha 20-26
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi WokushuMeyela—Incwadi Yentlanganiso—2025
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi WokushuMeyela—Incwadi Yentlanganiso—2025
mwb25 Septemba iphe. 14-15

OKTOBHA 20-26

INTSHUMAYELI 9-10

Ingoma 30 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Hlala Uzijonga Ngendlela Efanelekileyo Iingxaki Zakho

(imiz. 10)

Siyazi ukuba izinto ezibuhlungu ezisehlelayo azithethi kuthi uYehova akasithandi (INt 9:11; w13 8/15 14 ¶20-21)

Asinakulindela ukuba izinto zisihambele kakuhle kwelihlabathi lilawulwa nguSathana (INt 10:7; w19.09 5 ¶10)

Masiziphe ixesha lokuzonwabela izinto ezintle esizenzelwa nguYehova naxa kunzima (INt 9:​7, 10; w11 10/15 8 ¶1-2)

Umntu ongusisi ume ngasemanzini ujonge esibhakabhakeni.

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INt 10:​12-14​—Ezi vesi zisilumkisa ngantoni ngokuhleba? (it “Ukuthetha Ngabantu, Ukungcolisa Amagama’bantu” 4, 8)

  • Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki

3. Ufundo LweBhayibhile

(imiz. 4) INt 10:​1-20 (th isifundo 11)

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 3) KWINDLU NGENDLU. Qala incoko nomntu obonakala engonwabanga. (lmd isifundo 3 ingongoma 4)

5. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Thetha nomntu okhathazwa kukunyuka kwamaxabiso ezinto usebenzisa enye ‘Yeenyaniso Esithandayo Ukuzifundisa’ ezikwi sihlomelo A sencwadana ethi Bathande Abantu. (lmd isifundo 4 ingongoma 4)

6. Ukwenza Abafundi

(imiz. 5) lff isifundo 17 kwindawo ethi ufunde ntoni, khawutsho, into endizimesele ukuyenza. (lmd isifundo 12 ingongoma 3)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 47

7. UYehova Uzakunceda Xa Wehlelwe Yinto Ebuhlungu

(imiz. 15) Ingxubusho.

Yonke imihla sibaneengxaki ezahlukeneyo. Ezinye zezo ngxaki ziye zisifikele singazilindelanga ibe zinokusenza sibene stress, zisityhafise zize zisenze singakwazi nokwenza izinto eziqinisa ukholo. Yintoni enokusinceda sikwazi ukumelana nezoongxaki?

Enoba sinaziphi iingxaki uYehova ‘uyintsika yexesha lethu.’ (Isa 33:6) Ukuze sikwazi ukuthembela ngoYehova sifanele sibe ngabantu abathobekileyo. (IMi 11:2) Xa siye sehlelwa yinto ebuhlungu sisenokufuna ukuzihoya thina kunye nabo sibathandayo, okanye senze izinto ezisakusinceda sikwazi ukumelena nemiphumo yaloo nto ibuhlungu isehleleyo. (INt 4:6)

UYehova usebenzisa abakhonzi bakhe ukuze asomeleze, ngoko simele sikulungele ukucela size salwamkele uncedo lwabo. Khumbula ukuba, abazalwana noodade bakuthanda nyhani ibe bayakuvuyela ukukuxhasa.

Funda ama-2 Korinte 4:​7-9. Uze ubuze lo mbuzo:

  • Kutheni sifanele senze konke okusemandleni ethu ukuze siye kwiintlanganiso, sifunde iBhayibhile size sishumayele enoba kubonakala kunzima ukwenza oko?

Umfanekiso okwi vidiyo ethi “UYehova Usondele Kwabo Baphuke Iintliziyo.” UMzalwana noDade Septer basentlungwini yokuswelekelwa ngumntwana wabo.

Dlala IVIDIYO ethi UYehova Usondele Kwabo Baphuke Iintliziyo. Uze ubuze le mibuzo:

  • Umzalwana nodade Septer baye bancedwa njani nguYehova?

  • Abazalwana noodade baye baba nceda njani?

  • Ufunda ntoni kumzekelo kamzalwana nodade Septer?

8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

(imiz. 30) lfb Isifundo 28, intshayelelo yecandelo 6, nesifundo 29

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 28 Nomthandazo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share