IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w25 Februwari iphe. 25-27
  • Ungaziphakamisi Njengabantu Beli Hlabathi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ungaziphakamisi Njengabantu Beli Hlabathi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • YINTONI ESINOKUYENZA UKUZE SINGAZIPHAKAMISI?
  • Sukuzicingela Kakhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • UYehova Uyabathanda Abantu Abathobekileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • Kutheni Ufanele Wambathe Ukuthobeka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Hlakulela Ukuthobeka Ngokunyanisekileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
w25 Februwari iphe. 25-27
Indoda ecaphukileyo ayithetha kakuhle nomntu owamkela iindwendwe ehotele. Emva kwayo kume abantu abaze ehotele.

Ungaziphakamisi Njengabantu Beli Hlabathi

UYIPHAWULE into yokuba abantu abaninzi kweli hlabathi bacinga ukuba bamele bafumane amalungelo akhethekileyo, okanye baphathwe ngendlela ebhetele kunabanye? Nokuba zenziwa kangakanani ezo zinto kubo, abaneli. Aba bantu baphakamile, futhi abanambulelo ngezinto abanazo. IBhayibhile yayithe baza kuba njalo ke abantu ngemihla yokugqibela.​—2 Tim. 3:2.

Inyaniso kukuba bebesoloko bekhona abantu abaziphakamisileyo. UAdam noEva bakhetha ukuzigqibela ukuba yintoni elungileyo, iyintoni embi, yaza loo nto yasifaka kwiingxaki ezinkulu. Emva kwamakhulu eminyaka, uKumkani u-Uziya wakwaYuda wayecinga ukuba unelungelo lokutshisa isiqhumiso esiqholiweyo etempileni, kodwa wayengenalo tu elo lungelo. (2 Kron. 26:​18, 19) Ngendlela efanayo, abaFarisi nabaSadusi babecinga ukuba uThixo umele abaphathe ngendlela ekhethekileyo kuba nje uAbraham wayengukhokho wabo.​—Mat. 3:9.

Ekubeni siphila nabantu abaziphakamisayo nabacinga ukuba babhetele kunabanye, nathi sinokosuleleka. (Gal. 5:26) Sinokuqalisa ukucinga ukuba kukho imisebenzi esimele siyifumane entlanganweni, okanye simele siphathwe ngendlela ekhethekileyo. Yintoni enokusinceda singabi njalo? Okokuqala nje, simele siqonde ukuba uYehova uthini ngale nto. Mibini imigaqo yeBhayibhile enokusinceda.

NguYehova ogqibayo ukuba yintoni esifanele siyifumane. Nantsi imizekelo.

  • Entsatsheni, umyeni umele azive ehlonitshwa ngumfazi wakhe, nomfazi azive ethandwa ngumyeni wakhe. (Efe. 5:33) Abantu abatshatileyo bamele bathandane bodwa, bangancwasi abanye abantu. (1 Kor. 7:3) Abazali banelungelo lokuthotyelwa ngabantwana babo, nabantwana bafanele bathandwe baze bakhathalelwe ngabazali babo.​—2 Kor. 12:14; Efe. 6:2.

  • Ebandleni, abadala abasebenza nzima sifanele sibahloniphe. (1 Tes. 5:12) Kodwa abanalo ilungelo lokubalawula abazalwana noodade.​—1 Pet. 5:​2, 3.

  • UThixo unike oorhulumente ilungelo lokufuna irhafu nelokuhlonitshwa ngabantu ababalawulayo.​—Roma 13:​1, 6, 7.

Ngenxa yokuba uYehova esithanda, zininzi kakhulu izinto asinika zona ezingasifanelanga. Kuba sinesono, inye kuphela into esifaneleyo, kukufa. (Roma 6:23) Kodwa ngenxa yothando lukaYehova olungagungqiyo, zininzi izinto asinika zona. (INdu. 103:​10, 11) Imisebenzi esiyenzayo entlanganweni neentsikelelo ezingasifanelanga esizifumanayo, sizifumana ngenxa yobubele bukaThixo.​—Roma 12:​6-8; Efe. 2:8.

YINTONI ESINOKUYENZA UKUZE SINGAZIPHAKAMISI?

Yilumkele indlela abacinga ngayo abantu beli hlabathi. Singaqondanga, sisenokucinga ukuba simele sifumane izinto ezingaphezu kwezabanye. Ukuze abonise indlela ekunokuba lula ngayo ukucinga njalo, uYesu wenza umzekelo wabasebenzi ababhatalwa idenariyo. Abanye baqala ekuseni, basebenza imini yonke kutshisa; kanti abanye basebenza iyure nje enye. Aba babeqale ekuseni babecinga ukuba bafanele babhatalwe kakhulu, ngenxa yomsebenzi ababewenzile. (Mat. 20:​1-16) Kulo mzekelo, uYesu wayebonisa ukuba abalandeli bakhe bamele banele zizinto uThixo abanika zona.

Abanye abasebenzi abakumzekelo kaYesu bakhalaza kumntu obaqeshileyo.

Amadoda awayesebenze imini yonke ayecinga ukuba afanele abhatalwe kakhulu

Bulela, ungalindeli ukwenzelwa izinto ngabanye. (1 Tes. 5:18) Linganisa umpostile uPawulos. Yena zange acele abazalwana baseKorinte ukuba bamncede ngezinto azidingayo nangona wayenelungelo lokuyenza loo nto. (1 Kor. 9:​11-14) Asimele silindele ukuba abantu baza kusinika izinto esizidingayo, kodwa simele sibabulele ngezo basinika zona.

Umpostile uPawulos namadoda amabini benza intente.

Umpostile uPawulos zange alindele ukuba aphiwe imali

Thobeka. Umntu ocinga ukuba ubhetele kunabanye udla ngokucinga nokuba ufanele afumane izinto ezingaphezu kwezo anazo. Kanti ukuthobeka kuza kusinceda singacingi ngaloo ndlela iyingozi.

Imifanekiso: 1. Xa umprofeti uDaniyeli wayelixhego. 2. IBhabhiloni yakudala. 3. UDaniyeli esengumfana, nabahlobo bakhe abathathu abangamaHebhere.

Indlela awayethobeke ngayo umprofeti uDaniyeli yamenza wathandwa nguYehova

Umntu owayethobekile esinokufunda kuye ngumprofeti uDaniyeli. Wayephuma kwintsapho eyaziwayo, emhle, ekleva futhi enezinto ezininzi awayekwazi ukuzenza. Loo nto yayinokumenza acinge ukuba indlela ekhethekileyo awayephathwa ngayo nemisebenzi awayeyenza yayimfanele. (Dan. 1:​3, 4, 19, 20) Kodwa uDaniyeli wahlala ethobekile, futhi loo nto yamenza wathandwa nguYehova.​—Dan. 2:30; 10:​11, 12.

Masingavumi ukuba neempawu ezixhaphakileyo kubantu beli hlabathi, ukucinga ukuba sibhetele kunabanye nokuziphakamisa. Kodwa masihlale sivuyiswa ziindlela ezingasifanelanga asisikelela ngazo uYehova ngenxa yobubele bakhe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share