INQAKU ELIFUNDWAYO 44
INGOMA 138 Izimvi Sisithsaba Sobuhle
Hlala Uvuya Ngoxa Waluphele
“Aza kuqhubeka echuma naxa sele aluphele.”—INDU. 92:14.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngesizathu sokuba kubalulekile ukuba abantu abalupheleyo bahlale bevuya, nokuba bangayenza njani loo nto.
1-2. UYehova ubajonga njani abakhonzi bakhe abalupheleyo nabathembekileyo? (INdumiso 92:12-14; jonga ongaphandle.)
EMHLABENI wonke, abantu bakujonga ngeendlela ezingafaniyo ukwaluphala. Ngokomzekelo: Usakhumbula xa wawuqala ukubona unwele olumhlophe entlokweni yakho? Kusenokwenzeka ukuba wafuna ukuluxhwitha lungekabonwa ngabantu. Kodwa waphinda wacinga ukuba, ukuluxhwitha kwakungazukuzenza zingakhuli ezinye. Lo mzekelo ubonisa indlela ekunzima ngayo kwabaninzi ukuyamkela into yokuba bayaluphala.
2 Kodwa uTata wethu osezulwini ubajonga ngendlela eyahlukileyo abakhonzi bakhe abaluphalayo. (IMize. 16:31) Ubafanisa nemithi echumayo. (Funda iNdumiso 92:12-14.) Kutheni le ndlela abafanisa ngayo ifanelekile? Kaloku imithi egcwele amagqabi neentyatyambo ezinuka kamnandi idla ngokuba yimithi emidala kakhulu. Ngokomzekelo, eJapan kukho umthi ohlala iminyaka emininzi. Eminye yeyona mihle ineminyaka engaphezu kweyi-1000 ikhona. Njengale mithi kudala ikho, abantu abalupheleyo nabathembekileyo, bahle, ngokukodwa emehlweni kaThixo. UYehova ubona ngaphaya kwezimvi zabo. Uyazixabisa iimpawu zabo ezintle, ukuthembeka kwabo, kunye neminyaka emininzi bemkhonza bengagungqi.
Njengemithi emihle neqhubeka ichuma ngoxa ineminyaka emininzi ikho, abantu abakhulileyo nabathembekileyo kuThixo bahle futhi baqhubeka bechuma (Jonga isiqendu 2)
3. Yenza imizekelo ebonisa ukuba uYehova wasebenzisa abantu abalupheleyo ukuze kwenzeke izinto azifunayo.
3 Ukwaluphala komntu akuyehlisi indlela axabiseke ngayo kuYehova.a Udla ngokusebenzisa abantu abalupheleyo ukuze kwenzeke into ayifunayo. Ngokomzekelo, uSara wayesele aluphele xa uYehova wathi uza kuba ngumama wohlanga olukhulu nokhokhokazi kaMesiya. (Gen. 17:15-19) Yena uMoses wayesele emdala kakhulu xa uYehova wamthuma ukuba ayokukhupha amaSirayeli eYiputa. (Eks. 7:6, 7) Yayisele ihambile iminyaka nakumpostile uYohane xa uYehova wamphefumlela ukuba abhale iincwadi eziyi-5 zeBhayibhile.
4. Ngokutsho kweMizekeliso 15:15, yintoni enokunceda abantu abalupheleyo banyamezele iingxaki abanazo? (Jonga nomfanekiso.)
4 Xa abantu besiya besaluphala, baba neengxaki ezininzi. Eqhula, omnye udade wakha wathi, “Ukwaluphala ayikokwamagwala.” Kodwa uvuyob lunokubanceda abantu abalupheleyo bazinyamezele iingxaki ezenziwa bubudala. (Funda iMizekeliso 15:15.) Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto abanokuzenza abantu abalupheleyo ukuze bahlale bevuya. Siza kuthetha nangendlela abanye abanokubanceda ngayo abazalwana noodade abakhulileyo abasebandleni labo. Kodwa masiqale sithethe ngesizathu sokuba kunokuba nzima ukuhlala sivuya xa sisiya sisiba badala.
Ukuvuya kunokubanceda abantu abakhulileyo banyamezele iingxaki ezibangelwa kukwaluphala (Jonga isiqendu 4)
KUTHENI KUNOKUBA NZIMA UKUHLALA SIVUYA XA SISALUPHALA?
5. Ziintoni ezinokubatyhafisa abanye abantu abalupheleyo?
5 Yintoni enokukutyhafisa? Mhlawumbi kukungakwazi ukwenza izinto owawukade ukwazi ukuzenza. Usenokukhumbula laa minyaka wawusemtsha futhi usempilweni. (INtshu. 7:10) Ngokomzekelo, udade onguRuby uthi: “Ndiyaqaqanjelwa, namalungu omzimba awasavumi, kangangokuba kunzima nokunxiba oku. Nento elula njengokuphakamisa iinyawo ndinxibe iikawusi, inzima. Ngenxa yesifo samathambo, izandla zam zindindisholo, loo nto yenza kube nzima ukwenza nemisetyenzana nje emincinci.” Yena uHarold, owayekhonza eBheteli uthi: “Andisamazi umntu endinguye ngoku, ngamanye amaxesha loo nto iye indicaphukise. Ndisengumfana, ndandinamandla. Ndandikuthanda ukudlala ibaseball. Abanye babedla ngokuthi, ‘Yinike uHarold loo bhola, uza kusenza siwuphumelele lo mdlalo.’ Kodwa ngoku andiqondi ukuba ndingakwazi kwaukuphosa loo bhola.”
6. (a) Zeziphi ezinye izinto ezinokubatyhafisa abanye abantu abalupheleyo? (b) Yintoni enokunceda abantu abakhulileyo bazibone xa kufuneka bayeke ukuqhuba? (Jonga inqaku elikule Mboniselo elithi “Ngaba Ndimele Ndiyeke Ukuqhuba?”)
6 Usenokutyhafiswa kukuba ngoku kukho izinto ongasakwaziyo ukuzenzela zona, ekufuneka uncedwe kuzo. Uye utyhafe nyhani ke xa kufuneka kubekho umntu oza kukuhoya, okanye uyokuhlala nomnye wabantwana bakho. Mhlawumbi ukhathazeke kakhulu ngenxa yempilo, awusaboni kakuhle kangangokuba awusakwazi ukuya ezindaweni wedwa, okanye ukuziqhubela imoto. Ibuhlungu nyhani ke loo nto! Kodwa kungasinceda ukukhumbula ukuba ayikokuzenzela izinto, ukuhlala sodwa okanye ukuziqhubela imoto okusenza sixabiseke kuYehova nakwabanye abantu. Sinokuqiniseka nokuba uYehova uyayiqonda indlela esiziva ngayo. Eyona nto ibalulekileyo kuye ngumntu esinguye ngaphakathi, umntu othanda Yena nabakhonzi Bakhe ngentliziyo yakhe yonke.—1 Sam. 16:7.
7. Yintoni enokunceda abantu abakhathazwa kukuba isiphelo sisenokufika bengasaphili?
7 Mhlawumbi iyakukhathaza into yokuba isiphelo seli hlabathi sisenokufika ungasaphili. Yintoni ke enokukunceda? Zama ukukhumbula ukuba uYehova ukulinde ngomonde ukuliphelisa eli hlabathi libi. (Isa. 30:18) Kodwa akalindanga njee. Umonde wakhe unika iimiliyon zabantu ithuba lokuba bamazi baze bamkhonze. (2 Pet. 3:9) Ngoko xa utyhafile, zama ukucinga ukuba bangaphi abantu abaza kuncedwa kukuba nomonde kukaYehova ngaphambi kokuba kufike isiphelo. Ngaba kusenokwenzeka ukuba abanye babo ibe ngabantu bakowenu?
8. Yintoni abanokuyenza abantu abakhulileyo xa begula okanye beqaqanjelwa?
8 Nokuba sibangakanani, xa singaziva kakuhle sisenokwenza okanye sithethe izinto esiza kuzisola ngazo. (INtshu. 7:7; Yak. 3:2) Ngokomzekelo, xa indoda eyayithembekile uYobhi yayisentlungwini, ‘yabhuda.’ (Yobhi 6:1-3) Nabantu abakhulileyo ke, ngenxa yesigulo abanaso banokuthetha okanye benze izinto ezingafaniyo tu nabo. Kakade ke, akukho mntu umele azithethelele ngokuba mdala okanye akaphilanga xa engenabubele ebantwini, okanye esoloko efuna bamenzele izinto. Ukuba siyabona ukuba siye sathetha into emkhathazileyo omnye umntu, simele sikhawuleze sicele uxolo.—Mat. 5:23, 24.
UNOKUHLALA NJANI UVUYA?
Yintoni enokukwenza uhlale uvuya ngoxa uneengxaki ezenziwa bubudala? (Jonga isiqendu 9-13)
9. Kutheni umele ubavumele abantu bakuncede? (Jonga nemifanekiso.)
9 Vumela abanye bakuncede. (Gal. 6:2) Isenokungabi lula ke loo nto ekuqaleni. Omnye udade ekuthiwa nguGretl uthi: “Ngamanye amaxesha kuba nzima ukuvuma ukuba abanye abantu bandincede, kuba loo nto indenza ndizive ndingumthwalo. Kundithathe ixesha ukutshintsha indlela ebendicinga ngayo nokuzithoba ndivume ukuba ndiyaludinga uncedo.” Xa uvuma ukuba abanye bakuncede, ubenza bavuyiswe kukupha. (IZe. 20:35) Ngokuqinisekileyo nawe uza kuvuya xa ubona indlela abakuthanda nabakukhathalele ngayo.
(Jonga isiqendu 9)
10. Kutheni singamele silibale ukubonisa umbulelo? (Jonga nemifanekiso.)
10 Bonisa umbulelo. (Kol. 3:15; 1 Tes. 5:18) Siye sizive sinombulelo xa abanye besenzela izinto ezintle, kodwa sisenokulibala ukuyibonisa loo nto. Xa sincuma size sithi enkosi, senza abahlobo bethu babone ukuba siyabaxabisa. ULeah okhathalela abo balupheleyo eBheteli, uthi: “Omnye woodade endiye ndibancede, uye andibhalele ikhadi endibulela. Ayikho mide imiyalezo aye ayibhale, kodwa kuthi ngco ngaphakathi xa ndiyifunda. Ndiyakuthanda ukuyifunda, futhi kuyandivuyisa ukubona indlela ayixabisa ngayo into endimenzela yona.”
(Jonga isiqendu 10)
11. Ungabanceda njani abanye? (Jonga nemifanekiso.)
11 Zimisele ukunceda abanye abantu. Xa usebenzisa ixesha namandla onawo ukuze uncede abanye abantu, awuzukucinga kangako ngeengxaki onazo. Kukho iqhalo laseAfrika elifanisa abantu abakhulileyo nethala eligcwele iincwadi ezinokunceda abantu babe nobulumko. Akukho mntu unokufunda kwiincwadi ezihleli njee eshelfini, futhi azikwazi ukubalisa amabali. Ngoko “njengethala eliphilayo,” mayibe nguwe obalisela abantu abasebatsha ngezinto ezibalulekileyo ozifundileyo ebomini. Babuze imibuzo uze ubamamele. Bancede babone ukuba kutheni kunceda futhi kuvuyisa ukuphila ngemithetho kaYehova. Ngokuqinisekileyo uza konwaba xa uthuthuzela futhi ukhuthaza abahlobo bakho abasebatsha.—INdu. 71:18.
(Jonga isiqendu 11)
12. Ngokutsho kukaIsaya 46:4, uYehova ubathembisa ntoni abantu abakhulileyo? (Jonga nemifanekiso.)
12 Thandaza, ucele uYehova akuphe amandla. Ngoxa wena usenokudinwa okanye utyhafe, uYehova “akaze adinwe; engaze atyhafe.” (Isa. 40:28) UYehova uwasebenzisa njani amandla akhe angapheliyo? Enye indlela awasebenzisa ngayo kukomeleza abantu abakhulileyo, abathembekileyo kuye. (Isa. 40:29-31) Phofu ke uthembisa ukuba uza kubanceda. (Funda uIsaya 46:4.) UYehova zange akhe angayenzi into ayithembisileyo. (Yosh. 23:14; Isa. 55:10, 11) Xa uthandaza uze ubone indlela akuthanda nakunceda ngayo, awukwazi ukuzibamba luvuyo.
(Jonga isiqendu 12)
13. Ama-2 Korinte 4:16-18 abonisa ukuba yintoni esifanele siyikhumbule? (Jonga nemifanekiso.)
13 Zikhumbuze ukuba imeko okuyo iyadlula. Kuba lula ukuyinyamezela ingxaki esaziyo ukuba iza kuphela. IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba ukwaluphala nokugula ziingxaki ezidlulayo. (Yobhi 33:25; Isa. 33:24) Ngoko kuyavuyisa ukwazi ukuba kuza iintsuku, apho uza konwaba ngaphezu kokuba wakha wonwaba ngaphambili. (Funda ama-2 Korinte 4:16-18.) Kodwa ziintoni abanokuzenza abanye ukuze bancede?
(Jonga isiqendu 13)
BANOKUNCEDA NJANI ABANYE?
14. Kutheni kubalulekile ukuya kubabona nokubafowunela abantu abalupheleyo?
14 Hlala usiya kubabona futhi ubafowunela abazalwana noodade abakhulileyo. (Heb. 13:16) Abantu abakhulileyo banokuziva ngathi babodwa. Omnye umzalwana oziva ngale ndlela, uCamille, uthi: “Ngamanye amaxesha ndiye ndibe nexhala, ndicaphuke kuba andikwazi ukuphuma endlini, futhi akukho nto ingako ndikwaziyo ukuyenza.” Xa sisiya kubabona abantu abakhulileyo, sibenza baqiniseke ukuba babalulekile kuthi futhi siyabathanda. Mhlawumbi kukho amaxesha axa sasifuna ukufowunela okanye ukuya kubona umntu okhulileyo osebandleni, kodwa asayenza loo nto. Sonke sixakekile. Ngoko yintoni enokusinceda ‘siqiniseke ngezona zinto zibalulekileyo,’ njengokuya kubona abantu abakhulileyo? (Fil. 1:10) Kusenokukunceda ukubhala kwikhalenda yakho into eza kukukhumbuza ukuba ubathumelele umyalezo okanye ubafowunele abantu abalupheleyo abasebandleni lakho. Usenokukhetha nosuku oza kuya kubabona ngalo, ungathi uza kuya xa unexesha.
15. Ziintoni abantu abasebatsha abanokuzenza kunye nabantu abakhulileyo?
15 Ukuba usemtsha, usenokuzibuza ukuba ziintoni onokuncokola ngazo okanye onokuzenza nabantu asele bekhulile. Mayingakukhathazi loo nto, wena nje yiba ngumhlobo. (IMize. 17:17) Ncokola nabo ngaphambi nasemva kweentlanganiso. Mhlawumbi ungabacela bakubalisele ngesibhalo abasithandayo okanye ngento ehlekisayo eyenzeka besebancinci. Unokude ubameme ukuba baze kubukela iJW Broadcasting nawe. Unokubanceda nangokubenzela izinto abangakwaziyo ukuzenzela zona. Ngokomzekelo, unokuqiniseka ukuba izixhobo zabo ze-elektroniki zisebenza kakuhle, okanye ubadawunlowudele iimpapasho ezisand’ ukuphuma. Omnye udade onguCarol uthi: “Cela ukwenza nabo izinto othanda ukuzenza. Ndimdala kona, kodwa ndisafuna ukonwaba. Ndiyakuthanda ukuya kuthenga, ukuzikhupha ndiyokutya nokuya kubuka indalo.” Yena udade onguMaira uthi: “Omnye umhlobo wam uneminyaka eyi-90, undishiya ngeminyaka eyi-57. Kodwa ndidla ngokuyilibala naloo nto, kuba sisoloko sihleka kunye, sibukela neemuvi. Naxa sineengxaki siye sicebisane.”
16. Kutheni ukukhapha abantu abakhulileyo xa besiya koogqirha kunokubanceda?
16 Bakhaphe xa besiya kwagqirha. Ngaphandle kokubasa kwagqirha ngemoto, unokungena nabo ukuze uqiniseke ukuba oonesi noogqirha babaphatha kakuhle futhi bayabahoya. (Isa. 1:17) Unokubanceda nangokubabhalela phantsi izinto ezithethwa ngugqirha. Omnye udade osele ekhulile, uRuth uthi: “Amaxesha amaninzi xa ndihamba ndodwa, oogqirha abayikholelwa into endibaxelela yona, kangangokuba baye bathi, ‘Mama, awuguli wena, yonke le nto isengqondweni.’ Kodwa xa ndingahambi ndodwa, ugqirha uye andiphathe kakuhle. Ndiyababulela abazalwana noodade abaye bandikhaphe.”
17. Zeziphi ezinye iindlela esinokushumayela ngazo nabantu abasele bekhulile?
17 Shumayela nabo. Amanye amaKristu akhulileyo asenokungabi namandla okushumayela kwindlu ngendlu. Ngokomzekelo, ungakwazi ukumema udade okhulileyo ukuba ashumayele nawe ngetroli? Usenokude umphathele nesitulo aza kuhlala kuso kufutshane nayo. Okanye ungakwazi ukucela umzalwana okhulileyo ahambe nawe xa uyokuqhuba isifundo, mhlawumbi ude usiqhubele ekhayeni lakhe? Abadala banokwenza ilungiselelo lokuba iintlanganiso zenkonzo yasentsimini zenzelwe kwikhaya lomnye umzalwana okanye udade okhulileyo, ukuze kube lula ngaye ukuya kushumayela. Soze sizisole ngayo nantoni na esiyenzela abantu abakhulileyo ebonisa ukuba siyabathanda futhi siyabahlonipha.—IMize. 3:27; Roma 12:10.
18. Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?
18 Siye sakhunjuzwa ukuba uYehova uyabathanda futhi uyabaxabisa abantu abalupheleyo. Siziva ngendlela efanayo nathi sonke ebandleni. Kunzima ukwaluphala, kodwa uYehova angakunceda uhlale uvuya. (INdu. 37:25) Kukhuthaza nyhani ukwazi ukuba kuseza iintsuku apho uza konwaba ngaphezu kokuba wawukhe wonwaba ngaphambili! Kuthiwani ke ngomntu ohoye umntu wakowabo okhulileyo, umntwana okanye umhlobo ogulayo? Yintoni enokumnceda ahlale evuya? Impendulo yalo mbuzo siza kuyiva kwinqaku elilandelayo.
INGOMA 30 Thixo Wam, Tata Wam, Mhlobo Wam
a Bukela ividiyo ethi Zinkonde Neenkondekazi—Ninendima Ebalulekileyo kujw.org/xh nakuJW Library.