“Imbubhiso Ebangelwa Kukunqongophala Kwemali”
NGUMBHALELI KAVUKANI! ENIGERIA
NGOKUTSHO kwengxelo yeUNICEF (United Nations Children’s Fund), amazwe akumazantsi eSahara eAfrika athwaxwa “yimbubhiso ebangelwa kukunqongophala kwemali.” Phantse isiqingatha sabemi—abantu abanokuba zizigidi ezingama-220—baphila kwebomvu yona indlala, abakwazi nokunyamekela ezona mfuno zabo zisisiseko. Ummi oqhelekileyo ulihlwempu kangangama-20 ekhulwini kunokuba wayenjalo kwiminyaka elishumi edluleyo.
Le ngxelo ithi: “Kwimfundo, iminyaka yee-1980 inokuchazwa kuphela njengeshumi leminyaka elahlekileyo.” Imali echithwa ngomfundi ngamnye inciphe ngesinye kwisithathu, yaye abantwana ababhalisa kwizikolo zamabanga aphantsi baye behla ukusuka kuma-79 ukusa kuma-67 ekhulwini. Iinkonzo zokunyamekela impilo nazo ziyaphela kumazwe amaninzi aseAfrika, kukho neekliniki ezivalayo ngenxa yokungabikho kwabasebenzi namayeza.
Le ngxelo idwelisa izizathu ezininzi ezibangela amanqam ezoqoqosho kweli lizwekazi, kuquka inkcitho yezomkhosi, ukuhla korhwebo, namatyala awoyikekayo, ezithi iingcali akasayi kuze ahlawulwe. Ingxelo yeUNICEF ithi: “IAfrika ayinako ukuphucula ngaphandle kokuncedwa ngamanye amazwe ngomkhamo ongazange waqikelelwa ngaphambili.”
Ngaba oku kubonakala kunokwenzeka? IBhayibhile ayifihli makhuba kulinywa ngako oku kuba ithi: “Musani ukukholosa ngamanene, ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso.” (INdumiso 146:3) Isicombululo seengxaki ezinzulu zaseAfrika asikho koorhulumente babantu. BuBukumkani bukaThixo obuya kuzisa isiqabu esihlala sihleli—singapheleliswa kwiAfrika yodwa kodwa nakwihlabathi liphela.—Mateyu 6:10.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 31]
WHO/OXFAM