Ibhotolo Yamandongomane—Indlela YaseAfrika
NGUMBHALELI KAVUKANI! KWIRIPHABLIKI YOMBINDI AFRIKA
KUMAZWE aseNtshona ngokufuthi ibhotolo yamandongomane (peanut butter) ijongwa njengento nje yokuqaba isonka. Noko ke, kwamanye amazwe aseAfrika, inendima ebaluleke kakhulu kubomi bemihla ngemihla. Njani?
Kumbindi Afrika, ukutya okuninzi okudumileyo kwenziwa ngebhotolo yamandongomane. Apha, njengezinye iindawo ezisakhasayo, umgubo nestatshi sombona—izithako zokwenza umhluzi nesuphu iqine—ngokufuthi kunzima ukuzifumana. Ngoko ibhotolo yamandongomane isetyenziswa kakhulu ekwenzeni oku.
Noko ke, akungombandela nje wokuthenga ibhotile yebhotolo yamandongomane kwivenkile yasekuhlaleni. Apho ithengiswa ngetispuni elizeleyo, yaye ibiza imali eninzi. Ngoko ke amabhinqa amaninzi aseAfrika akhetha ukuzenzela. Iyamangalisa indlela owenziwa ngayo lo msebenzi unzima kangaka. Le ngxelo ilandelayo yafunyanwa ngokuthetha namabhinqa aliqela aseAfrika.
Ukulima Amandongomane
Kuyabonakala ukuba, amandongomane akasosilimo ekunzima ukusinyamekela. Owona msebenzi unzima kukulungisa umhlaba. Oku kwenziwa ekuqaleni kwexesha lemvula xa umhlaba usomile kwaye uqinile. NgoAprili kuhlwayelwa imbewu ngesandla, yaye ukuba imvula ikhawuleze yafika, “amandongomane” angavunwa ekupheleni kuka-Agasti okanye ekuqaleni kukaSeptemba.
Eneneni indongomane asiyonqoba kodwa ngumdumba—ilungu lentsapho ye-ertyisi. Amandongomane akakhuli emithini, ngendlela okunokwenzeka ubucinga ngayo; kunoko, akhula kwizihlahla nje ezifutshane, ezivelisa iziqhamo ngendlela engaqhelekanga phantsi komhlaba. Ngoko ngokuqhelekileyo amandongomane abizwa njengeenqoba zomhlaba.
Kumbindi weAfrika umlinganiselo wentsimi wokulima amandongomane usenokuba ziimitha ezingama-90 ubude nezingama-50 ububanzi. Abanye abantu baye bawalima kumhlaba nje omncinane kufuphi nezindlu zabo. Ngokuqhelekileyo kusetyenziswa igaba elinomphini omfutshane nesabile xa kusetyenzwa amasimi. Oku kubandakanya umsebenzi owenziwa ugobile! Esi sityalo sifuna ukulondolozwa kakhulu, ubuncinane ekuqaleni. Intsimi ifuna ukujongwa ukuze izinto ezinjengeempuku zingembi imbewu zize ziyitye. Yaye umhlaba ufunwa ukugcinwa ungenalukhula.
Ingakumbi kufuphi nexesha lokuvuna intsimi ifuna iliso elibukhali. Abantwana basenokuhlala belindile njengoko ixesha lokuvuna lisondela. Elinye ibhinqa lanikela ingxelo yokuba ummelwane walo uye wafumana izihlahla zakhe zamandongomane ziphezulu kwimithi ekufuphi. Iinkawu zazivunela zingakhange zicele mntwini.
Ngokuqhelekileyo xa kuvunwa intsapho yonke ibakho. Wonke ubani uya emasimini eze kuncedisa. Ezi zityalo zisitshulwa ngezandla zize ziyekwe ukuba zome, yaye kamva amandongomane ayasuswa kuze kuziwe nawo emakhaya ngezitya ezikhulu, ezithwalwa ngabavuni entloko.
Emva koko kwenzeka ntoni ngamandongomane? Emva kokuba ehlanjiwe, ayabiliswa ngamanzi anetyuwa. Amanye atyiwa ngoko nangoko yintsapho, kodwa inkoliso igcinelwa ukupheka kamva. Ayanekwa ecaleni kwendlu ukuze ome ngokupheleleyo. Ubani ufanele awajonge ukuze awakhusele xa iibhokhwe zidakasa zifuna ukuwatya.
Emva kokuba amandongomane omile, agcinwa endlwini yengca nodaka eyakhiwe phezu kwamaxhanti. Oku kugcina amandongomane omile, yaye kwakhona kuwabalekisa kwizinto ezinjengeempuku nakubantwana abanokufuna into ehlafunwayo ngoxa uMama esasebenza emasimini.
Ukusuka Kumandongomane Ukusa Kwibhotolo Yamandongomane
Amandongomane amele achutywe ngaphambi kokuba kwenziwe ibhotolo yamandongomane. Kamva ayaqhotswa, ngokuqhelekileyo kwipani enkulu evulekileyo kumlilo weenkuni obaswe emhlabeni nongenamadangatya. Oku kuwenza abe nencasa amandongomane aze achubeke lula. La mandongomane ayapholiswa, aze achutywe. Kuze kusetyenziswe umatshini wokusila ukucola amandongomane aqhotsiweyo ukuze abe yibhotolo enocwambu. Ukuba akukho matshini, umama wekhaya uya kuwagalela phezu kwelitye elikhulu elithe tyaba aze awasile ngebhotile okanye ngelitye elingqukuva.
Kungekudala ibhotolo yamandongomane iya kusetyenziswa njengento yokuqinisa isuphu, ngokuqhelekileyo kukutya okuphekelwa kwimbiza enye kuze kutyiwe necassava, iplantain, okanye irayisi. Ukuba akuqinisekanga ngencasa yokutya okugalelwe ibhotolo yamandongomane, kutheni ungazami ukukwenza?
Ungalandela isalathiso sokupheka esilula uze wenze isityu senyama, amatswele, ikonofile netumato. Yipheke de inyama ithambe, uze ugalele isipinatshi esinqunqiweyo ukuba uyathanda. Ngoxa usapheka oko eziko, thabatha ibhotolo yamandongomane uze ugalele nje amanzi amancinane uze uzamise ukuyenza ngqumbululu—malunga needesilitha ezintathu kwikhilogram enye yenyama—uze uyizamise kwisityu. Mayibile imizuzu elishumi okanye ngaphezulu kwisitovu esishushu ukunciphisa incasa yebhotolo yamandongomane. Ukuba isuphu ayiqinanga ngokwendlela othanda ngayo, yongeza ibhotolo yamandongomane. Galela ityuwa ukuze ibe nencasa. Ukuba uthanda izinto ezinezinongo, unokugalela ipepile ebabayo.
Abaninzi bakufumanisa kumnandi ukukutya oku nerayisi! Yaye nangona okwakho kusenokuba akwenziwanga ngokupheleleyo ngendlela yako, uya kuba uzibonele ngokwakho indlela esetyenziswa ngayo ibhotolo yamandongomane—indlela yaseAfrika!
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Ukuvunwa kwamandongomane, asiwe ekhaya ukuze achutywe aze asilwe