IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g99 12/8 iphe. 10-12
  • Ukutshintsha Kwezinto Ngokuphawulekayo Zisiya Ekulungeni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukutshintsha Kwezinto Ngokuphawulekayo Zisiya Ekulungeni
  • Vukani!—1999
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukutshintsha Kwemilinganiselo
  • Bahlala Ndawonye Kodwa Bahlukene
  • Owe-1914, Unyaka Obalulekileyo
  • Kungekudala Kuza Kubakho Ihlabathi Elitsha Ngokupheleleyo
  • Indlela Esazi Ngayo Ukuba ‘Sikwimihla Yokugqibela’
    Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
  • Injongo KaThixo Sele Iza Kuzaliseka
    Iyintoni Injongo Yobomi? Unokuyifumana Njani?
  • Ngaba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Iindaba Ezilungileyo Afuna Ukuba Uzive
    AmaNgqina KaYehova—Angoobani? Yintoni Ayikholelwayo?
Khangela Okunye
Vukani!—1999
g99 12/8 iphe. 10-12

Ukutshintsha Kwezinto Ngokuphawulekayo Zisiya Ekulungeni

“Ngowe-1900 ihlabathi lalisemgubasini welona xesha liphawulekayo lotshintsho kwimbali yoluntu. Ulungelelwaniso oludala lwathatyathelwa indawo lolutsha.”—The Times Atlas of the 20th Century.

EBUTSHENI benkulungwane yama-20, “ihlabathi langena kwixesha elalihamba lodwa ngeziphithiphithi nogonyamelo,” itsho njalo le ncwadi ineenkcukacha icatshulwe ngasentla. Le nkulungwane ibiseza kuba neemfazwe ezininzi kunayo nayiphi na enye, nokubulawa kwabantu abangaphezu kwe-100 lezigidi.

Ngoku, iimfazwe ziye zabulala abantu abangenanto yakwenza nemfazwe ngakumbi kunanini na ngaphambili. KwiMfazwe Yehlabathi I, i-15 ekhulwini labantu abafayo babengenanto yakwenza nemfazwe. Kodwa kwiMfazwe Yehlabathi II, kwamanye amazwe abantu ababengenanto yakwenza nemfazwe abafayo babebodlula lee abafela edabini. Izigidi eziye zabulawa ezimfazweni ukususela ngoko, uninzi lwazo ngabantu abangenanto yakwenza nemfazwe. Lonke olu gonyamelo luye lwazalisekisa isiprofeto seBhayibhile esingomkhweli ‘wehashe elimbala womlilo,’ ‘owanikwa ukuba asuse uxolo emhlabeni.’—ISityhilelo 6:3, 4; Mateyu 24:3-7.

Ukutshintsha Kwemilinganiselo

Inkulungwane yama-20 iye yazalisekisa isiprofeto esikweyesi-2 kuTimoti 3:1-5, esithi: “Ngemihla yokugqibela kuya kubakho amaxesha amanqam ekunzima ukuqhubana nawo. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, abangabathobeliyo abazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, bengenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abajindi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangenakuthanda kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele yinkqayiso, abathandi beziyolo kunokuba ngabathandi bakaThixo, benohlobo lozinikelo lobuthixo kodwa bewakhanyela amandla alo.”

Ngokomlinganiselo othile, abantu abangafezekanga bebesoloko benazo ezi mpawu. Ebudeni benkulungwane yama-20 ezi mpawu ziye zakhula zaza zasasazeka. Abantu abaziphatha ngezi ndlela zichazwe ngasentla babekhe bagqalwa njengabangenabuntu—kungenjalo begqalwa njengabantu abangendawo. Ngoku kwanabantu ‘abanohlobo lozinikelo lobuthixo’ bathi le ndlela yokuziphatha iqhelekile.

Abantu bonqulo bakha bayigqala ingekho ngqiqweni into yokuba isibini sihlalisane singatshatanga. Ukuba nomntwana ungatshatanga kwakha kwagqalwa njengenyala, kanye njengolwalamano lwamafanasini. Abantu abaninzi babengakwamkeli kwaphela ukuqhomfa, kanye njengokuqhawula umtshato. Ukunganyaniseki kwezoshishino kwakungaxoleleki. Kodwa namhlanje, ngokutsho komnye umthombo, “yonke into ivumelekile.” Ngoba? Esinye isizathu sikukuba, “yanelisa iminqweno yabo bangafuni kunqandwa ngabanye.”

Ukungakhathalelwa kwemilinganiselo ephakamileyo yobuntu kule nkulungwane kuye kwatshintsha izinto eziza kuqala. IThe Times Atlas of the 20th Century ithi: “Ngowe-1900 ukuxabiseka kwezizwe nabantu kwakungaxhomekekanga emalini abanayo. . . . Ngasekupheleni kwenkulungwane impumelelo yezizwe yayixhomekeke ngokupheleleyo emalini ezinayo. . . . Kuye kwenzeka utshintsho olufanayo kwindlela abantu ababujonga ngayo ubutyebi.” Namhlanje ukwanda kokungcakaza kukhuthaza ukuthanda imali, ngoxa unomathotholo, umabonwakude, imifanekiso eshukumayo neevidiyo zikhuthaza ukuthanda izinto eziphathekayo. Kwanokhuphiswano lwezemidlalo nolokubhengeza lukhuthaza ingcamango yokuba, xa unemali unento yonke, phantse yonke into ixhomekeke kuyo.

Bahlala Ndawonye Kodwa Bahlukene

Ekuqaleni kwenkulungwane yama-20, abantu abaninzi babehlala kwimimandla esemaphandleni. Kuthiwa ekuqaleni kwenkulungwane yama-21, ngaphezu kwesiqingatha sabemi siya kuhlala ezixekweni. Incwadi ethi 5000 Days to Save the Planet ithi: “Umsebenzi wokulungiselela abantu abahlala ezixekweni impilo esemgangathweni namhlanje, ubangela iingxaki ezingaphaya kwengqondo, singasathethi ke ngalowo wezizukulwana ezizayo.” Iphephancwadi leZizwe Ezimanyeneyo iWorld Health lathi: “Ehlabathini bayanda abantu abahlala ezixekweni. . . . Amakhulu amawaka . . . ngoku ahlala kwiimeko eziyingozi kwimpilo yawo nezibubeka esichengeni ubomi bawo.”

Hayi indlela ekudida ngayo ukuba ngoxa abantu befudukela kufutshane nabanye ezixekweni, kodwa abantu bayahlukana! Umabonwakude, iimfonomfono neInternet, nendlela yokuthenga usebenzisa ubuxhakaxhaka bezi mini, nangona ezo zinto ziluncedo, zibandeza ithuba lokuba abantu basebenzisane bejongene ubuso ngobuso. Ngenxa yoko, iphepha laseJamani iBerliner Zeitung liqukumbela ngelithi: “Inkulungwane yama-20 asiyonkulungwane yokuxinana kwabemi nje kuphela. Ikwayinkulungwane yobulolo.”

Loo nto ibangela izishiqi ezifana nesinye esakha senzeka eHamburg, eJamani, apho kwafunyanwa isidumbu senye indoda kwindlu yayo emva kweminyaka emihlanu yafayo! “Akukho mntu wayeyikhumbula, yayingakhunjulwa zizalamane, abamelwane nditsho namagunya,” yatsho njalo iDer Spiegel, yaza yongezelela isithi: “Kubemi abaninzi le nto ibonisa umlinganiselo omkhulu wokungazani kwabantu mihla le nokunganxibelelani kwizixeko ezikhulu.”

Ezi meko zingaginyisi mathe azibangelwanga nje yinzululwazi nezobugcisa. Zibangelwa ngabantu ngokuyintloko. Le nkulungwane iye yavelisa abantu abaninzi kunangaphambili “abazithandayo, abathandi bemali, . . . abangenambulelo, . . . bengenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, . . . abangenakuthanda kulunga, . . . abathandi beziyolo kunokuba ngabathandi bakaThixo.”—2 Timoti 3:1-5.

Owe-1914, Unyaka Obalulekileyo

Ngokutsho kukaWinston Churchill, “umso wenkulungwane yama-20 wabonakala uqaqambile yaye uzolile.” Abaninzi babecinga ukuba yayiza kuba lixesha loxolo nonqabiseko olungenakuthelekiswa nanto. Kodwa ngowe-1905, iWatch Tower kaSeptemba 1 yalumkisa ngelithi: “Kuza kubakho iimfazwe ezingakumbi kungekudala,” yaphinda yathetha “ngentlekele enkulu” eyayiza kubakho ngowe-1914.

Eneneni, kwangowe-1879, le mpapasho yalatha kowe-1914 njengonyaka obalulekileyo. Kwiminyaka eyalandelayo yabonisa ukuba iziprofeto zeBhayibhile kwincwadi kaDaniyeli zathetha ngaloo nyaka njengexesha lokumiselwa koBukumkani bukaThixo ezulwini. (Mateyu 6:10) Nangona owe-1914, wawungeloxesha lokuba obu Bukumkani buyilawule ngokupheleleyo imicimbi yehlabathi, wawulixesha lokuqalisa kolawulo lwabo.

Isiprofeto seBhayibhile saxela kwangaphambili ukuba: “Ngemihla yabo kumkani [bakhoyo namhlanje], uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani [ezulwini] obungayi konakala naphakade.” (Daniyeli 2:44) Obu Bukumkani, obunoKumkani onguKristu, baqala apha emhlabeni ukuhlanganisa abantu aboyika uThixo nababefuna ukuba ngabalawulwa babo.—Isaya 2:2-4; Mateyu 24:14; ISityhilelo 7:9-15.

Ngoko owe-1914 wangqamana kunye noko kwakusenzeka ezulwini, ngokuthi ube kukuqalisa ‘kwemihla yokugqibela,’ ukuqalisa kwexesha eliya kuphelela ekutshatyalalisweni kwenkqubo yezinto egqubayo xa kungoku. UYesu waxela kusengaphambili ukuba eli xesha liya kuphawulwa ziimfazwe zehlabathi, ukunqongophala kokutya, oobhubhani bezifo, iinyikima zomhlaba ezitshabalalisayo, nokwanda kokuchas’ umthetho kwakunye nokuphola kothando lwabantu ngoThixo nangabantu. Wathi zonke ezi zinto, zaziya kuphawula “ukuqala kwenimba yenkxwaleko.”—Mateyu 24:3-12.

Kungekudala Kuza Kubakho Ihlabathi Elitsha Ngokupheleleyo

Ngoku sele sikunyaka wama-85 ‘wemihla yokugqibela,’ yaye ngokuthe ngcembe sisondela kwisiphelo sale nkqubo ikhoyo nenganelisiyo yezinto. Kungekudala uBukumkani bukaThixo, ngaphantsi koKristu, “buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani [ezikhoyo ngoku], bona bume ngonaphakade.”—Daniyeli 2:44; 2 Petros 3:10-13.

Ewe, uThixo uya kubutshayela bonke ububi emhlabeni aze akhokelele abantu abaneentliziyo ezilungileyo kwihlabathi elitsha ngokupheleleyo. “Abathe tye baya kulima ilizwe, basale kulo abagqibeleleyo, banqunyulwe ezweni abangendawo.”—IMizekeliso 2:21, 22.

Esinjani sona ukuvuyisa isigidimi—ngokuqinisekileyo sikufanele ukuvakaliswa kwiindawo ezikude! Kungekudala uBukumkani bukaThixo buya kucombulula iingxaki ezandiswe yinkulungwane yama-20: imfazwe, ubuhlwempu, ukugula, ukungabikho kokusesikweni, intiyo, ukunganyamezelani, ukungaqeshwa, ulwaphulo-mthetho, ukungonwabi, ukufa.—Bona INdumiso 37:10, 11; 46:8, 9; 72:12-14, 16; Isaya 2:4; 11:3-5; 25:6, 8; 33:24; 65:21-23; Yohane 5:28, 29; ISityhilelo 21:3, 4.

Ngaba ithemba lokuphila ngonaphakade kwihlabathi elitsha lobulungisa nelinolonwabo olungathethekiyo libangela umdla kuwe? Cela ukuba amaNgqina kaYehova akunike inkcazelo engakumbi. Aya kukubonisa eBhayibhileni yakho ukuba iminyaka ebalulekileyo yotshintsho ephawula inkulungwane yama-20 iza kuphela kungekudala yaye emva koko unokunandipha iintsikelelo ezingapheliyo!

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Kungekudala kuza kubakho ihlabathi elitsha ngokupheleleyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share