IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g03 12/8 iphe. 15
  • Isepha—“Isithinteli-kugula Onokusisebenzisa Ngokwakho”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isepha—“Isithinteli-kugula Onokusisebenzisa Ngokwakho”
  • Vukani!—2003
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukucoceka—Kutheni Kubalulekile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Iindlela Ezintandathu Zokukhusela Impilo Yakho
    Vukani!—2003
  • Abahlambi Beempahla Abangamadoda BaseAbidjan
    Vukani!—2007
  • Iindlela Ezintandathu Zokukhusela Impilo Yakho
    Vukani!—1997
Khangela Okunye
Vukani!—2003
g03 12/8 iphe. 15

Isepha—“Isithinteli-kugula Onokusisebenzisa Ngokwakho”

‘ISIFO esikwindawo yesibini kwezona zifo zinkqenkqeza phambili ekubulaleni abantwana asiyomalariya, ayisosifo sephepha ingenguye noGawulayo. Sisisu esihambisayo,’ latsho njalo iphephancwadi i-The Economist. Ukanti, abaninzi kula maxhoba ngebesaphila nanamhlanje ukuba bona kunye neentsapho zabo babehlamba izandla rhoqo ngesepha.

Abaphandi be-London School of Hygiene and Tropical Medicine bafumanisa ukuba “ukuhlamba izandla kakuhle kunokuzinciphisa izifo ezinokuthanani nokuhambisa kwesisu ngama-43%,” yatsho njalo i-The Economist. “Kunokuba luncedo kakhulu nasekunciphiseni izifo ezinokuthanani namalungu okuphefumla, zifo ezo zibagqibileyo abantwana. Uphando olwenziwa kumkhosi waseMerika lwabonisa ukuba athi amajoni akuhlamba izandla kahlanu ngosuku yehla ngama-45% imfuxane nokhohlokhohlo.” Nakumazwe asakhasayo inkoliso yeentsapho iyakwazi ukuthenga isepha. Ngenxa yoko, kufanelekile ukuchaza isepha “njengohlobo oluthile lwesithinteli-kugula onokusisebenzisa ngokwakho.” Yaye akukho ntlungu uzivayo xa uyisebenzisa!

NeBhayibhile ikhuthaza ucoceko. “Masizicoce kuyo yonke into enokungcolisa umzimba okanye umoya,” itsho njalo eyesi-2 kwabaseKorinte 7:1. (iThe New English Bible) Nangona uThixo enomdla wokuba sicoceke ngokomoya, ukugqala njengento ebalulekileyo nokucoceka emzimbeni. (ILevitikus, isahluko 12-15) Kakade ke, akalindelanga ukuba senze okungaphaya kwamandla ethu. Sekunjalo, simele sihlambe izandla rhoqo xa siphuma kwindlu yangasese, xa sigqiba kuhlamba okanye ukutshintsha umntwana, ngaphambi kokuba silungise ukutya okanye ngaphambi kokuba sitye, simele sihlambe izandla nanini na xa sicinga ukuba sisenokudlulisela iintsholongwane eziyingozi kwabanye. Xa sihlamba izandla rhoqo, sibonisa uthando lobuKristu kwintsapho yethu nakubo bonke esinokudibana nabo.—Marko 12:31.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share