Okwenzeka Ehlabathini
◼ EBrazil, abantu abasebenzisa iiamphetamines ukuze banciphe emzimbeni baye banda ngama-500 ekhulwini ukususela ngowe-1997 ukusa kowama-2004.—FOLHA ONLINE, EBRAZIL.
◼ Abaqhubi beenqwelo-moya ngabona bantu bafumana urhatyazo lwamehlo, mhlawumbi ngenxa yemitha esesibhakabhakeni.—THE WALL STREET JOURNAL, U.S.A.
◼ Kwiminyaka elishumi ezayo, phantse isiqingatha sabantwana baseAsia abangamawaka ezigidi ezisisi-1,27 baza kuba bengenazo izinto ezisisiseko, ezifana namanzi, ukutya, iindlela zokunyamekela impilo, imfundo nekhusi.—PLAN ASIA REGIONAL OFFICE, THAILAND.
◼ Umsi wecuba osuka kumntu otshayayo oya komnye umntu “uyingozi ngaphezu kokuba abantu becinga.” Emva kweenyanga ezili-18 ukutshaya kwiiofisi, kwiindawo zokutyela nakwezinye iindawo ezivalekileyo kupheliswe ngokusemthethweni ePueblo, eColorado, eUnited States, liye lehla inani labantu abahlaselwa sisifo sentliziyo ngama-27 ekhulwini.—TIME, U.S.A.
Uqhawulo-mtshato Lwaphul’ Izikeyi ESpeyin
Kunyaka wama-2000, inani loqhawulo-mtshato liye laliphinda kabini inani labantu abahlukanayo. Kodwa ngowama-2004, imitshato emibini kwemithathu iye yaqhawuka. Ukususela ngowe-1981, xa imithetho yokuqhawula umtshato yaqalisa ukusebenza, bangaphezu kwesigidi abantwana abaye babona abazali babo beqhawula umtshato. Kutheni luye lantinga kangaka inani labantu abaqhawula umtshato? Ngokutsho kogqirha wengqondo uPatricia Martínez, ngaphezu kwako konke “ukuwohloka kwemitshato kuye kwabangelwa kukufika kwempucuko, ukudodobala kwemilinganiselo yonqulo neyokuziphatha, ngenxa yokuphangela kwabafazi, kunye nokuyekelela kwamadoda ekuncediseni kwimisebenzi yasekhaya.”
Ukutyeba Kakhulu ETshayina
IThe Guardian yaseLondon ithi eTshayina “kuza kubakho abantu abazizigidi ezingama-200 abasemngciphekweni wokuba nemizimba emikhulu kwiminyaka elishumi ezayo.” Yalek’ umsundulu ngokuthi iivenkile ezithengisa ukutya okunamafutha amaninzi “zikuyo yonke indawo kwizixeko ezininzi—inani elandayo labantu abakumgangatho ophakathi abawenzi umthambo, baqhuba iimoto ixesha elide kwaye bachitha ixesha elide bethe ntsho umabonwakude, ikhompyutha kunye nemidlalo yevidiyo.” Inani labantwana ekuthiwa batyebe kakhulu linyuka ngesi-8 ekhulwini nyaka ngamnye yaye eShanghai kukho ngaphezulu kwe-15 ekhulwini labantwana abafunda kumabanga aphantsi abasele betyebe kakhulu.
Umlambo Ubonisa Ukusetyenziswa Kakubi Kweziyobisi
Ngokutsho kwephephancwadi elipapashwe yiEnvironmental Health amanzi athatyathwe kuMlambo iPo waseItali abonisa ukuba abantu abahlala kwintlambo ekufutshane nalapho basebenzisa icocaine engaphezulu kunaleyo eye yaqikelelwa ngabasemagunyeni. Umchamo wabantu abasebenzisa icocaine unebenzoylecgonine. Ubukho beli chiza emntwini kububungqina obusetyenziswa ngabecuphi bokuba ubani usebenzisa icocaine. Ubungakanani bamachiza angena kulo mlambo ngenxa yogutyulo lwelindle bubonisa ukuba ngosuku nje olunye kusetyenziswa icocaine enokuba ziikhilogram ezine, okanye ukuyitofela kangangezihlandlo ezingama-40 000—umlinganiselo oluphinda ngama-80 uqikelelo lwangaphambili.
Izifo Ezibulalayo Ezinokuphetshwa
Ingxelo yeWorld Health Organization yowama-2005 ithi: “Kulo nyaka, malunga nabantu abazizigidi ezili-11 abangaphantsi kweminyaka emihlanu baza kubulawa zizifo ezinokuthintelwa.” Bamalunga nama-90 ekhulwini abantu abafayo ngenxa yezi zizathu zimbalwa: ukuzalwa ngaphambi kwexesha, ukwasulelwa zizifo kunye nokufuthaniseleka ebudeni bokuzalwa, ukungaphefumli kakuhle, inyumoniya, isifo sorhudo, seengcongconi, irhashalala, uGawulayo nentsholongwane kaGawulayo. Le ngxelo ithi: “Ukufa kwaba bantwana kunokuthintelwa ngonyango olukhoyo olulula, olufikelelekayo noluphumelelayo.” Ukongezelela, angaphezu kwesiqingatha sesigidi amabhinqa afa ekhulelwe okanye ebeleka nyaka ngamnye, ubukhulu becala ngenxa “yokungafumani unyango oluphucukileyo.”