“UKumkani Wehlathi” WakwiNtshona YeIkhweyita
YINTONI leyo? Yingwe, eyona kati inkulu yaseMerika. Unokuyifumana phi? Ehlathini, emigxobhozweni, ezinkqantosini nakwimithana eshinyeneyo yakuMbindi Merika nakuMzantsi Merika. Ngokungafaniyo nezinye iikati, ingwe ithanda ukuhlala kungekuphela ehlathini nasemithini kodwa nasemanzini.
Khawube nombono wakho umi kufutshane nengwe esele ikhulile. Inokuba ziimitha ezimbini ubude, ungekawubali umsila nobunzima obuziikhilogram ezili-120 nangaphezulu. Ingwe ihlala yodwa kodwa idla ngokudibana nezinye kuphela xa ifuna ukwenza abantwana. Inkunzi ikulungela oku xa ineminyaka emithathu okanye emine, kodwa imazi inokuba namathole xa ineminyaka emibini. Amathole ayo ngokuqhelekileyo adla ngokuba mabini, azalwa emva kweenyanga ezintathu okanye ezine. Ezinye izingwe kuthiwa ziphila iminyaka engaphezu kwengama-20.
Ngokuphathelele ukufihlakala kwesi silwanyana sikhulu, esinye isazi sebhayoloji sathi: “Kunzima ngeyona ndlela ukubona izingwe! Inokuma apha ecaleni kwam, . . . kodwa ndingayiboni.” Uboya bale kati bungumbala omdaka yaye bunamabala amnyama anamabala amancinane ngaphakathi kwawo, nto leyo eyinceda ikwazi ukuzifihla.
Umzingeli Ongabonakaliyo
Ingwe, engumzingeli onamava, itya malunga neendidi ezingama-85 zezilwanyana kuquka iitapir, amaxhama neenkawu. Kuba ithanda ukuhlala nasemanzini, ingwe izibamba lula iintlanzi namafudo. Abantu bakha babona ingwe ibulala ihashe, yalirhuqa umgama ongangeemitha ezingama-80 yaza yaliwelisa umlambo.
Le kati inamaqhinga idla ngokubukela ixhoba layo ihleli emthini. Kugqitha umhlambi weepeccary—izilwanyana ezibalekayo ezifana neehagu—ize izitsibele. Ngamazinyo abukhali ibulala ibe nye ize ikhawuleze ibuyele emthini. Ilinda de umhlambi udlule ize ithathe ukutya kwayo.
Kodwa ingwe ayinakumqwenga umntu yaye ayizange ikhe itye mntu. Enyanisweni ngabantu abanokuyifaka engozini ingwe.
Isizathu Sokuba Zibe Mbalwa
Izingwe zazikade zizalise ingingqi esuka kumzantsi weUnited States ukuya kutsho kwincam yoMzantsi Merika. Sithethanje, zizalise isiqingatha nje kuphela sengingqi ezaziyizalise kwiminyaka elikhulu eyadlulayo. De kwaphakathi kwiminyaka yee-1970, nyaka ngamnye abazingeli babebulala amawakawaka ezingwe kuba befuna izikhumba zawo. Ngowe-1968 nje kuphela, zingaphezu kwe-13 500 izikhumba ezathunyelwa zisuka kwimimandla eyahlukahlukeneyo yaseMerika. Ngowama-2002, kwaqikelelwa ukuba kusele izingwe ezingaphantsi kwama-50 000. Ngoku kusenokwenzeka ukuba kusele malunga ne-15 000 xa kungabalwa ezikumzi wogcino-zilwanyana.
Ngokohlolisiso olwenziwe yiWildlife Conservation Society kuye kwafunyaniswa ukuba phantse ama-40 ekhulwini eendawo ezihlala kuzo izingwe aye atshatyalaliswa ngabantu abatshabalalisa amahlathi. EMexico nje kuphela, mzuzu ngamnye kutshatyalaliswa amahlathi alingana nebala lebhola. Oko kunyanzela izingwe ukuba zitye imfuyo yabantu ukuze ziphile.
Amalinge Okuzisindisa
Amazwe amalunga nama-200 aye axhasa imithetho ebekwe yiConvention on International Trade in Endangered Species ethi akukho semthethweni ukuzingela izingwe ngenjongo yokuzithengisa. Kuye kwakhiwa iipaki zokugcina izilwanyana ukuze kulondolozwe indawo yazo yokuhlala. Ngowe-1986 iCockscomb Basin Wildlife Sanctuary yaseBelize yaba yindawo yokuqala ehlabathini egcina izingwe. Ukongezelela, iMexico iye yabekela bucala ihlathi eliziihektare ezili-150 000 eCalakmul Biosphere Reserve ekuSingasiqithi weYucatán ukuze ikhusele izingwe.
Asazi ukuba aya kuphumelela kangakanani na amalinge okukhusela “lo kumkani wehlathi.” Kodwa sinokuthuthuzelwa kukwazi ukuba kungekudala uMdali wethu onothando uza ‘konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba’ yaye kuza kubakho uxolo phakathi kwabantu nezilwanyana nto leyo eyayiyinjongo kaThixo kwasekuqaleni.—ISityhilelo 11:18; Isaya 11:6-9.
[Imaphu ekwiphepha 24, 25]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Iingingqi Ezinezingwe
◻ Ingingqi Ezazikuyo
◼ Ingingqi Ezikuyo
NORTH AMERICA
CENTRAL AMERICA
SOUTH AMERICA