Ngaba Imilebe Yakho “Zizitya Ezixabisekileyo”?
● UKumkani uSolomon wamandulo wabhala wathi: “Kukho igolide, kukwakho nentabalala yeekorale; kodwa imilebe yokwazi izizitya ezixabisekileyo.” (IMizekeliso 20:15) Igolide ibisoloko ixatyiswa kakhulu ngabantu yaye ngomhla kaSolomon neekorale zazixatyiswa. Sekunjalo, imilebe yethu inokuxabiseka ngaphezu kwezi. Njani? Asibobuhle bayo obuyenza ixabiseke kodwa ngamazwi amyoli ewathethayo.
Kwimilebe exabisekileyo kuphuma amazwi alungileyo, anobubele nanothando. “Imilebe yokwazi” ithetha inyaniso ngoThixo njengoko ibhalwe eBhayibhileni. Le ncwadi yamandulo iBhayibhile izele bubulumko nenyaniso ngoMdali wethu kunye nelona cebiso lilumkileyo ngobomi.—Yohane 17:17.
Okubuhlungu kukuba abantu abaninzi bayisebenzisa kakubi imilebe yabo ngokuthetha ubuxoki ngoThixo. Ngokomzekelo, abanye batyhol’ uThixo ngenxa yezinto ezingekho sikweni nokubandezeleka kwabantu, nangona uninzi lwezi ngxaki zibangelwa kwangabantu. Xa ithetha ngale meko, iMizekeliso 19:3 ithi: “Abanye abantu bayazonakalisa ngezenzo zabo zobuyatha baze emva koko babek’ iNkosi ityala.”—Today’s English Version.
Abanye bayalehlisa ixabiso lemilebe yabo ngokuxoka, ukuhleba okanye ngokunyelisa. IMizekeliso 26:23 isenza sibe nomfanekiso ngqondweni woku xa isithi: “Injengokubengezela kwesilivere eyalekwe phezu kweceba lengqayi imilebe evuthayo kunye nentliziyo embi.” ‘Njengesilivere ebengezelayo’ eyogquma isitya sodongwe, “imilebe evuthayo” yomntu ozenza ngathi unothando okanye unyanisekile, eneneni isenokuba ifihla ‘intliziyo embi.’—IMizekeliso 26:24-26.
Kakade ke, ububi obunjalo uyabubona uThixo. Ubona oko sikuko ngokwenene. Ngenxa yoko, uYesu Kristu wathi: “Hlambulula kuqala umphakathi wendebe nowesitya, ukuze nomphandle waso uhlambuluke.” (Mateyu 23:26) La mazwi achan’ ucwethe! Ngaphezu koko, ukucoceka okanye ukuhlambuluka kwangaphakathi kunye nentliziyo enokholo kuya kuvakala kumazwi ethu. Ube yintoni umphumo woko? Imilebe yethu iya kuba “zizitya ezixabisekileyo,” ingakumbi emehlweni kaThixo.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Imilebe yezilumko “izizitya ezixabisekileyo”