Imizobo Emihle—YeTingatinga
UDANIEL Augusta ongumphathi weTingatinga Arts Co-operative Society uthi: “Mihle ngendlela engathethekiyo imizobo yeTingatinga. Ibonisa izinto ezahlukahlukeneyo ezintle ezizotywe ngemibala egqamileyo.” Imizobo yeTingatinga ibonisa ubuhle beAfrika—izilwanyana zasendle kunye namasiko eli lizwekazi, ingakumbi lawo aseTanzania apho ivela khona le mizobo.
Imizobo yeTingatinga ithiywe ngegama lomseki wayo uEdward Said Tingatinga owazalwa ngowe-1932. Kuyabonakala ukuba ekukhuleni kwakhe, uEdward wayewathanda gqitha amaphandle kunye nezilwanyana ezazihlala kufuphi nelali yakowabo, ekumzantsi weTanzania. Xa wayeneminyaka engaphaya kwama-20 ubudala, uEdward walifulathela ikhaya lakhe esiya kufuna umsebenzi kunye namadlelo aluhlaza. Kamva wafudukela kwikomkhulu leTanzania iDar es Salaam, apho wafika wafumana umsebenzi wokusebenza ezigadini zabantu. Ngamarhatya, lo mfo wayezonwabisa ngomculo kunye nomdaniso; wada wazenzela igama lokuba yincutshe kwezi zinto.
Unyaka wowe-1968 wabutshintsha gqitha ubomi bukaEdward. Waqashwa kwarhulumente ukuze asebenze kwisibhedlele saseMuhimbili eDar es Salaam. Xa wayelapho, waqalisa ukuzoba izinto awayezithanda xa wayesengumntwana. Yavela ngolo hlobo ke imizobo yeTingatinga. UEdward wayengenazo izinto zokuzoba ezinjengeebrashi, iipeyinti nezinye izinto. Ngenxa yoko, wayesebenzisa nantoni na awayenokuyifumana kwivenkile ekufutshane naye. Ngokomzekelo, wayesebenzisa ipeyinti ekudla ngokupeyintwa ngayo iibhayisekile yaye wayezoba enkcenkceni.
Imizobo kaEdward yayingenabuceducedu buninzi. Wayesebenzisa imibala embalwa yaye wayezoba into ibe nye kuphela kumzobo ngamnye—isilwanyana saseAfrika esithile ngombala ogqamileyo. Kwakungabikho mathafa okanye ezinye izinto.
UEdward wayevumela igcuntswana lezalamane nabahlobo ukuba bambukele xa ezoba. Kungekudala, eli qela labantu layifunda le ndlela yakhe yokuzoba ibe yaqalisa ukwaziwa kulo lonke.
Ukususela kumzobo wayo wokuqala, imizobo yeTingatinga ibisoloko izotywa ngemibala egqamileyo yaye ibingabi nabuceducedu. Noko ke, ukutyhubela iminyaka iye yatshintsha yaza yaquka izinto ezininzi. Eneneni, abanye abazobi bazoba abantu, izilwanyana nezinye izinto ezahlukahlukeneyo.
Izinto Ezizotywayo
Zininzi izinto ezizotywa kwimizobo yeTingatinga—izilwanyana nezityalo zaseAfrika ezahlukahlukeneyo: iinyamakazi, iinyathi, iindlovu, iindlulamthi, iimvubu, iingonyama, iinkawu, amaqwarhashe nezinye izilwanyana kunye neentyatyambo, imithi, iintaka neentlanzi—ingakumbi ezo zinemibala egqamileyo. Abazobi bayakuthanda ukuzoba iMount Kilimanjaro ekumntla-mpuma weTanzania, eyiyeyona ntaba iphakamileyo eAfrika.
Namhlanje, imizobo yeTingatinga idla ngokubonisa ama-Afrika kunye nenkcubeko yawo. Kudla ngokuzotywa imarike ephithizelayo, isibhedlele okanye kuboniswe ubomi beelali.
Ukususela ekuqalisweni kwayo, imizobo yeTingatinga ibisoloko ivulela ama-Afrika aneziphiwo zokuzoba ithuba lokubonisa iitalente zawo ize kwangaxeshanye iwenze agoduke ephethe into esiwa phantsi kwempumlo. Sithethanje, abazobi beTingatinga baneshishini lokuzoba kwidolophu yaseDar es Salaam. Abanye basanamathele kundalashe wokusebenzisa ipeyinti ekudla ngokupeyintwa ngayo iibhayisekile. Ukuba ebesadl’ amazimba, uEdward Tingatinga (owasweleka ngowe-1972) ebeza kuba neqhayiya xa ebona indlela ethandwa ngayo imizobo yakhe.