IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gf isifu. 17 iphe. 28-29
  • Ukuze Ulondoloze Umhlobo, Kufuneka Ube Ngumhlobo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuze Ulondoloze Umhlobo, Kufuneka Ube Ngumhlobo
  • Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Wakha Phezu Kwentlabathi okanye Kolwalwa?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • “Ukumthanda UThixo Kuko Ukuthi”
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • “Ndinibiza Abahlobo Bam”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
gf isifu. 17 iphe. 28-29

ISIFUNDO 17

Ukuze Ulondoloze Umhlobo, Kufuneka Ube Ngumhlobo

Ubuhlobo busekelwe eluthandweni. Okukhona ufunda ngakumbi ngoYehova, kokukhona uya kumthanda ngakumbi. Njengoko uthando lwakho ngoThixo lusiya lukhula, nomnqweno wakho wokumkhonza uya kukhula. Oku kuya kukushukumisela ukuba ube ngumfundi kaYesu Kristu. (Mateyu 28:19) Ngokuzibandakanya nentsapho eyonwabileyo yamaNgqina kaYehova, unokufumana ubuhlobo noThixo ngonaphakade. Yintoni ofanele uyenze?

Ufanele ubonise uthando ngoThixo ngokuthobela imithetho yakhe. “Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe; kwaye ayinzima imiyalelo yakhe.”​—1 Yohane 5:3.

Sebenzisa oko ukufundayo. UYesu wenza ibali elizekelisa oku. Indoda eyingqondi yakha indlu yayo phezu kolwalwa. Indoda esisidenge yakha indlu yayo phezu kwentlabathi. Xa kwafika izikhukula, indlu eyakhelwe elulwalweni ayizange idilike, kodwa indlu eyakhelwe entlabathini kwaba kukhulu ukuwohloka kwayo. UYesu wathi abo bazivayo iimfundiso zakhe baze bazenze bafana naloo ndoda iyingqondi eyakhela phezu kolwalwa. Kodwa abo baphulaphula iimfundiso zakhe baze bangazenzi bafana naloo ndoda isisidenge yakhela phezu kwentlabathi. Ngaba yiyiphi indoda ofuna ukufana nayo?​—Mateyu 7:24-27.

Indlu eyakhie ematyeni neyakhiwe esantini

Ukuzahlulela. Oku kuthetha ukuya kuYehova ngomthandazo uze umxelele ukuba ufuna ukwenza ukuthanda kwakhe ngonaphakade. Ukwenza ukuthanda kukaThixo kubonisa ukuba ungumfundi kaYesu Kristu.​—Mateyu 11:29.

Ibhinqa lizinikela kuThixo ngomthandazo

Ubhaptizo. ‘Bhaptizwa uze uhlambe izono zakho ngokubiza egameni lakhe.’​—IZenzo 22:16.

Indoda iyabhaptizwa

Zibandakanye ngokupheleleyo ekukhonzeni uThixo. “Nayiphi na into eniyenzayo, yenzeni ngomphefumlo uphela ngokungathi niyenzela uYehova, kungekhona abantu.”​—Kolose 3:23.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share