Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Uzalisekisa Isiprofeto SikaIsaya
EMVA kokuba uYesu eye waqonda ukuba abaFarisi nabalandeli bakaHerode abakwiqela lakhe baceba ukumbulala, yena nabafundi bakhe babuyela kuLwandle lwaseGalili. Apha abantu abayinkungu nelanga abaphuma kulo lonke elasePalestina, kwanabaphuma ngaphandle kwemida yayo, bayagxalathelana ukuya kuye. Uphilisa abaninzi, nto leyo ebangela ukupa bonke abo banezifo ezoyikekayo batyhudise ukuza kumchukumisa.
Ngenxa yobukhulu bezihlwele, uYesu uxelela abafundi bakhe ukuba beze nephenyane rhoqo xa eqhuba inkonzo. Ngokushenxa elunxwemeni, unokwenza ukuba izihlwele zingamxinaniseli. Unokuzifundisa ekwiphenyane okanye ahambele komnye ummandla ongaselunxwemeni ukunceda abantu apho.
Umfundi uMateyu uphawula ukuba umsebenzi kaYesu uzalisekisa “okwathethwayo ngoIsaya umprofeti.” Ngoko uMateyu ucaphula isiprofeto asizalisekisayo uYesu, esisesi:
“Yabonani, umkhonzi wam endimnyulileyo; intanda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam; ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe, waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo. Akayi kuphika, akayi kunkqangaza, akukho mntu uya kuliva izwi lakhe ezitratweni. Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula, nomsonto oqhumayo akayi kuwucima, ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo; kanjalo ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga.”
Kakade ke, uYesu ungumkhonzi oyintanda lowo uThixo akholiswayo nguye. Ibe uYesu uyakucacisa oko kukokusesikweni ngokwenyaniso, okufihlwa zizithethe zonqulo lobuxoki. Ngenxa yokusebenzisa umthetho kaThixo ngokungafanelekanga, abaFarisi abanakuza kwaukuza ukunceda umntu ogulayo ngeSabatha! Ngoko, ecacisa ukuba sesikweni kukaThixo, uYesu uyabakhulula abantu kumthwalo wezithethe ezingekho sikweni, nto leyo ebangela ukuba iinkokeli zonqulo zizame ukumbulala.
Kuthetha ukuthini ukuthi ‘akayi kunkqangaza, okanye aliphakamise ilizwi lakhe ukuze libe nokuviwa ezitratweni’? Kaloku, xa ephilisa abantu, uYesu ‘ubakhalimela ukuba bangamtyhili.’ Akakufuni ukumemezwa ezitratweni okanye kubaliswe iingxelo ezingaye nezigqwethiweyo.
Kwakhona, uYesu uvakalisa isigidimi sakhe esithuthuzelayo kubantu abafanekiswa nengcongolo etyumkileyo, evikivekileyo nenyhashiweyo. Banjengomsonto oqhumayo, ontlantsi yawo yokugqibela ephantse yacima. UYesu akayityumzi ingcongolo evikivekileyo okanye acime umsonto olozizayo noqhumayo. Kodwa ngothantamiso nangothando uthi ngobuchule aphakamise abo balulamileyo. Ngokwenyaniso, uYesu ungulowo ezinokuthi iintlanga zithembelekuye! Mateyu 12:15-21; Marko 3:7-12; Isaya 42:1-4.
◆ UYesu ukucacisa njani okusesikweni, engankqangazi okanye aliphakamise ilizwi lakhe ezitratweni?
◆ Ngoobani abanjengengcongolo evikivekileyo nomsonto oqhumayo, yaye uYesu ubaphatha njani?