IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w87 9/1 iphe. 18-23
  • Luphaphele “Uxolo Nokunqaba” Olucetywa Ziintlanga

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Luphaphele “Uxolo Nokunqaba” Olucetywa Ziintlanga
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Abefundisi Nabantu Abasabela Ngayo Kwisibhengezo Esisondelayo
  • Sibangela Ukuba Uluntu Lungaphaphi
  • Khangela KuYehova Ukuze Uzuze Uxolo Nonqabiseko
  • Ukuhlala Uphaphile
  • Uxolo Oluvela KuThixo Nini?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso Lukufuphi!
    Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani?
  • Ukunqabiseka Kwehlabathi Lonke Phantsi ‘KoMthetheli Woxolo’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Ukukhangela Ngaphaya ‘Koxolo Nonqabiseko’ Olucetywa Ngabantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
w87 9/1 iphe. 18-23

Luphaphele “Uxolo Nokunqaba” Olucetywa Ziintlanga

“Xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba.”—1 TESALONIKA 5:3.

1, 2. (a) Kutheni le nto ukufuna uxolo kuye kwaba yeyona ndlela yobulumko? (b) Ngoko, iinkqubo zobupolitika ezingavisisaniyo ziya kuvumelana ngantoni?

ALIZANGE nanini na ihlabathi liphela loluntu libe lelinganqabisekanga njengokuba linjalo namhlanje. Abantu boyika imfazwe yehlabathi yesithathu engabangelwa ziintlanga ezixhobe zaf’ amacala nezinesixhobo ekubonakala ukuba ngoku sesona sincamisileyo—ibhombu yenyukliya. Ukukwazi kweentlanga ukusebenzisa inucleus yeathom kwizixhobo zemfazwe kuye kwabangela ukuba zifikelele kwelona nqanaba zinokufikelela kulo ekubulaleni inyambalala yoluntu. Ngenxa yoko, ukufuna uxolo kuye kwaba yeyona ndlela yobulumko.

2 Eneneni kunjalo, kuba kwixesha lethu ukubakho kwemfazwe yehlabathi yesithathu ekusetyenziswa kuyo izixhobo ezinjalo bekuya kuthetha ukuzitshabalalisa kwehlabathi, njengoko abantu bebeya kuvuthululwa baphele okanye batshatyalaliswe yimiphumo yembubhiso yenyukliya. Iinkokeli ezizimiseleyo zeepolitiki nabaphathi bemikhosi bayasiqonda esi sibakala ibe oko kubenza buhlungu. Abafuni ukubekw’ ityala ngentlekele elolo hlobo yehlabathi lonke. Ngaloo ndlela, iinkqubo zobupolitika ezingavisisani ngokupheleleyo ziya kukufumanisa kuyinto efanelekileyo ukufikelela kwisivumelwano esithile, sokulandela ingcamango ethandwayo lihlabathi ethi “hamba ngoyibonayo nam ndohamba ngendiyibonayo.”

3. Sisiphi isizathu esiya kubangela ukuba iintlanga zibhengeze “Uxolo nokunqaba”?

3 Sekunjalo, iintlanga azithembananga nje kwaphela. Ukuze zihlale ziphaphile, amaziko azo omkhosi ziwagcina exhotyiswe ngamandla. Ngenxa yoko, ngaba iya kuba luthando lokunyaniseka nolokwenene oluphakathi kwamalungu entsapho enye yoluntu oluya kubangela ukuba abalawuli bamanyane ekuvakaliseni ukuba “Luxolo nokunqaba” kulo lonke ihlabathi loluntu? Hayi, koko iya kube ikukudambisa nje uloyiko olufanelekileyo lwabantu.—1 Tesalonika 5:3.

Indlela Abefundisi Nabantu Abasabela Ngayo Kwisibhengezo Esisondelayo

4, 5. (a) Sifanele silindele ukuba abantu ngokubanzi basabele njani kwisibhengezo esisondelayo? (b) Phezu kwako nje ukuxhaswa kwesi sibhengezo sisondelayo ngabefundisi, yiyiphi imibuzo ephakamayo ngesibakala sokuba uThixo uya kusixhasa na?

4 Xa ekugqibeleni esi sibhengezo sivakaliswa, indlela abantu ngokubanzi abasabela ngayo ifanele ibe yeyokusamkela ehlabathini jikelele. Alithandabuzeki elokuba iinkokeli zonqulo zehlabathi, kuquka abefundisi beNgqobhoko, bamaKatolika nabamaProtestanti, baya kusithulel’ umnqwazi esi senzo sezizwe ngezizwe. Abefundisi badudulela nakuliphi na icala oya ngakulo umoya, khon’ ukuze bahlale bethandwa yaye benegalelo kwiipolitiki baze bamkelwe.

5 Noko ke, into yokuba abefundisi bexhasa ilungiselelo lezobupolitika elibhengezwayo ayithethi ukuba liya kuxhaswa nguThixo wendalo iphela, kuquka umhlaba wethu. Kumapomakazi ezindlu zabo zokubhedeshela, abefundisi basenokwenza imilembelele yemithandazo bekhwaza ngoxa abaxhasi babo beenkonzo bephulaphule yaye basenokucela ukuba uThixo asikelele amanyathelo athatyathwa ngabezobupolitika ukuzisa uxolo nokunqabiseka kwizizwe ngezizwe. Kodwa ngaba yonke imithandazo elolo hlobo yokuzimisela, ekuthi kuyo amarhamente aphulaphuleyo ngaxhatha-linye athi “Amen,” yamkelekile kuThixo wale ndalo iphela? Ngaba unokuba seluxolweni nehlabathi elahluleleneyo ngokonqulo, elimithandazo yalo yoxolo nokunqabiseka iqulunqwa ngokuvumelana namahlelo neemvaba zeenkonzo ezingavisisaniyo?

6, 7. (a) NjengamaYuda amaxesha amandulo, liliphi ikhondo lesenzo iNgqobhoko eye yahamba ngalo? (b) Yintoni eya kuba ngumphumo wokuxhasa kwabefundisi isibhengezo esithi “Luxolo nokunqaba”?

6 Akukho ndawo zizezinye zizibanga zizezixhaswa nguThixo ngaphezu kokuba zisitsho iintlanga zeNgqobhoko. Kodwa uThixo wendalo iphela akalawuli phezu kweNgqobhoko. Iye yahamba ngekhondo lesenzo elifana nelathatyathwa ngamaSirayeli amandulo. Xa athi akaneliseka ngurhulumente uYehova awayewalungiselele wona aza acinga ukuba inkqubo yezobupolitika esetyenziswa ziintlanga ezingabahedeni ezaziwangqongile yayiyephucukileyo, aya kumprofeti kaYehova uSamuweli aza amcela ukuba awamisele ukumkani oza kuwalawula. USamuweli akazange akholiswe kunene yile nto waza wabuhlungu. Waba njalo noThixo lowo uSamuweli wayengumprofeti wakhe.

7 Kwakufanelekile ukuba uYehova abe buhlungu ngesi sicelo sokugatywa kwenkqubo yakhe yolawulo lobuthixo kwaSirayeli. Kunjengokuba watshoyo kumprofeti wakhe uSamuweli esithi: “Ngokuba ingenguwe abamgibileyo, bagibe mna, ukuze ndingabi ngukumkani kubo.” (1 Samuweli 8:4-9) Oku kwafanekisela kwangaphambili ikhondo eliye lathatyathwa yiNgqobhoko kule nkulungwane yama-20. Ngoko ukusothulel’ umnqwazi kwabefundisi kwixesha elizayo isibhengezo esithi “Luxolo nokunqaba” akuyi kuba namphumo mhle, akuyi kusikelelwa nanguThixo.

Sibangela Ukuba Uluntu Lungaphaphi

8. Yiyiphi indima iZizwe Ezimanyaneyo ezisenokuba nayo kwesi sibhengezo sisondelayo, yaye kutheni le nto le ntlangano ibangela ukuba uluntu lungaphaphi?

8 IZizwe Ezimanyeneyo zisenokuqhayisa ngamalungu azo ali-159 namhlanje, nto leyo ethetha ukwamkela kwazo phantse zonke iintlanga. Alithandabuzeki elokuba ngexesha elifanelekileyo iZizwe Ezimanyeneyo ziya kube zikhokele kwisibhengezo esisondelayo esithi “Luxolo nokunqaba!” Kulusizi ukuthi, loo ntlangano yehlabathi ibangela ukuba amawaka ezigidi zoluntu angaphaphi. Ngoba? Ngenxa yokuba olo xolo, nakubeni luxhaswa zizo zonke iintlangano zonqulo zeli hlabathi, kuquka ezo zeNgqobhoko, aluthethi ukuba kukho uxolo noMdali wendalo iphela, onamandla okunika ubomi nokubuphelisa ngokwendlela ayibona ngayo imicimbi ebalulekileyo emazulwini nasemhlabeni.

9, 10. Sisiphi isimo sengqondo amaNgqina kaYehova anaso ‘ngoXolo nonqabiseko’ njengoko lucetywa ziintlanga, ibe kutheni kunjalo nje?

9 Kwisiprofeto sikalsaya, ngokuqiniseka uMdali uthi: “Amazulu ayitrone yam, ihlabathi sisihlalo seenyawo zam.” (Isaya 66:1) Iintlanga ezilapha azisihombisanga isihlalo seenyawo zakhe ezikuso ngentlangano yazo yeZizwe Ezimanyeneyo. Ngenkqubo yobupolitika zizabalazela ukulondoloza uxolo nokunqabiseka kwehlabathi lonke zize ngaloo ndlela zigcine iZizwe Ezimanyeneyo zikho. AmaNgqina kaYehova azahluleleyo asemhlabeni akanakulithelela ihlabathi ngokuxhomekeka kwimilinganiselo eyenziwe ngumntu ethe yaqaliswa neyiyeyokuzisa uxolo nonqabiseko kwiintlanga zehlabathi. Awathabathele entliziyweni amazwi kaYakobi 4:4 athi: “Bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo? Othe ngoko wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo.”

10 Nangona engaluchasanga ngokuzimisela uxolo nonqabiseko olucetywa ziintlanga, amaNgqina kaYehova akanakuluncomela kwizigidi ngezigidi zabantu abafuna indawo yokukhuseleka xa kuqhambuka eyona ntlekele inkulu ehlabathini ize iphelise le nkqubo yezinto. (Mateyu 24:21) Kuba yinkqubo entsha kaThixo yezinto eya kuzisa ukunqabiseka kwehlabathi lonke phantsi ‘koMthetheli Woxolo,’ uYesu Kristu.—Isaya 9:6, 7.

11. Abefundisi basijonga njani isindululo sokumiselwa koManyano Lwezizwe emva kweMfazwe Yehlabathi I?

11 Imbali inikela ubungqina bokusilela kwamacebo abantu okuzisa uxolo. Sikhumbula ukuba ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi I ngowe-1918, kwacetywa uManyano Lwezizwe njengoluya kuthintela imfazwe yehlabathi. IBhunga Leecawa Ezimanyaneyo ZikaKristu eMerika lasothulel’ umnqwazi eso sindululo laza lathi: ‘‘UManyano olunjalo aluyongenelo nje kwezobupolitika; kunoko luyimbonakaliso yezobupolitika yoBukumkani bukaThixo emhlabeni.” Kodwa ngaba loo nto ekufane kuthiwe yimbonakaliso yezobupolitika yobukumkani bukaThixo basemhlabeni yezisa uxolo nonqabiseko oluhlala luhleli kulo mhlaba?

12. (a) ISityhilelo 17:3, 8 sizaliseke njani? (b) Ngubani osakhwele kumhlana ‘werhamncwa elimfusa,’ ibe uya kukhwela ithuba elingakanani?

12 ‘Njengerhamncwa elimfusa’ lokomfuziselo leSityhilelo isahluko 17, ekuchophe kulo ihenyukazi lakudala, ‘iBhabhiloni Enkulu,’ uManyano Lwezizwe lwaya “enzonzobileni” ekuqhambukeni kweMfazwe Yehlabathi II ngowe-1939. Oku kwanyanzela ihenyukazi elalikhwele kulo ukuba lehlike. Yakuba iMfazwe Yehlabathi II iphelile ngowe-1945, kwamiselwa iZizwe Ezimanyeneyo njengelandela loManyano Lwezizwe olwalufile. Zinamalungu amaninzi ngakumbi kunalawo oManyano, ngoko zimele zibe yintlangano eqine ngakumbi naleyo ikufanelekeleyo ukuba ihlabathi loluntu likholose ngayo. Ngaloo ndlela kwakungowe-1945 elathi “irhamncwa elimfusa” lokomfuziselo lenyuka ‘liphuma enzonzobileni,’ ibe ihenyukazi lokomfuziselo, ‘iBhabhiloni Enkulu,’ laphinda lakhwela emhlana kulo, apho ngendlela ehlazisayo lisathe ngcu khona ukuza kuthi ga kulo mhla. (ISityhilelo 17:3, 5, 8) Kodwa ngoku akuyi kuba lithuba elide, ngokuvisisana noko ISityhilelo 17:16-18:24 sikuxela kwangaphambili. Kutheni kungayi kuba njalo nje?

13. (a) Ziyintoni iZizwe Ezimanyeneyo? (b) Zafanekiselwa njani kwangaphambili?

13 Eneneni iZizwe Ezimanyeneyo ziyimbumba yehlabathi echasene noYehova uThixo namaNgqina akhe azahluleleyo asemhlabeni. Ngokwenene ziliyelenqe, ekubeni iintlanga zehlabathi zingqubana ngeentloko zize zicebe oko zinokukwenza ngokuchasene nentlangano kaYehova uThixo ebonakalayo yasemhlabeni. Ebudeni boku “kupheliswa kwephakade eli,” zafanekiselwa kwangaphambili liyelenqe ekuthethwe ngalo kuIsaya 8:12.—Mateyu 24:3.

Khangela KuYehova Ukuze Uzuze Uxolo Nonqabiseko

14. Kwakutheni buze ubukumkani bakwaSirayeli bezizwe ezilishumi buzimanyanise nama-Aram, yaye yiyiphi imbambano eyajongana nobukumkani bakwaYuda?

14 Ngaphambi kwexesha likaIsaya uhlanga lwezizwe ezili-12 zakwaSirayeli lwalahlukene phakathi ngenxa yembambano yobukumkani. Oku kwakusemva kolawulo oluzukileyo loKumkani uSolomon. Izizwe ezilishumi zasentla ezaqhekekayo zamisela oko kwathi kwaziwa njengobukumkani bakwaSirayeli nobabunekomkhulu elalikwaSamari. Izizwe ezibini eziseleyo, isizwe sakwaYuda nesakwaBhenjamin, zabambelela ngokunyaniseka kumnombo wasebukhosini kaKumkani uDavide kwisixeko esilikomkhulu saseYerusalem. Ubukumkani bakwaSirayeli bezizwe ezilishumi ngobutshaba bathi bavukela ubukumkani bakwaYuda bezizwe ezibini. Ekuhambeni kwexesha, ubukumkani bakwaSirayeli bamanyana nobukumkani bakwa-Aram, obabunekomkhulu eliseDamasko. Icebo labo yayikukubhukuqa ubukumkani bakwaYuda buze bube phantsi kwabo. Ngoko ke ngaba ubukumkani bakwaYuda babumele bumanyane nelinye ilizwe elinamandla ukuze bumelane nohlaselo lohlanga lwakwaSirayeli olwaluzimanyanise nohlanga lwabahedeni lwakwaAram?—Isaya 7:3-6.

15. (a) Bambi abantu bobukumkani bakwaYuda bahambisana nantoni, yaye esi simo sengqondo sabonakalisa ntoni? (b) Umprofeti uIsaya wathini ngesimo sengqondo esilolo hlobo?

15 Kobo bukumkani buncinane bakwaYuda kwakukho abathile ababengenalukholo kuThixo wendalo iphela uYehova. Aba bahambisana neli cebo, okanye iyelenqe, lokuba kumanyanwe nobukumkani obunamandla babahedeni beli hlabathi. Bethethelela oko kumanyaniswa ngokungathembeki kobukumkani bukaYehova bakwaYuda nobukumkani beli hlabathi lingahloneli Thixo, bambi babesithi, “Ikukucetywa”! besitsho kwabo babengenacala kubukumkani bakwaYuda. Ngaloo ndlela babebonakalisa ukungabi nalukholo nokungabi nantembelo kuThixo owayenetempile eyayiseYerusalem. Umprofeti uIsaya waphefumlelwa ukuba athethe ngokuchasene nelo yelenqe, kwisahluko 8, indinyana 12 esithi: ‘Ize ningathi, ikukucetywa into yonke abathi abo bantu, kukucetywa; into eyoyikwa ngabo ningayoyiki, ningangcangcazeliswa yiyo.”

16, 17. Yintoni eyayibangela ukuba abantu bakaYehova bamandulo babe noxolo nonqabiseko lokwenyaniso, ibe oku kwabonakaliswa njani xa uKumkani uSaneribhe waseAsiriya wasongela iYerusalem?

16 Into yokuba abantu babekulwalamano lomnqophiso noYehova yayithetha ukuba babeya kuba noxolo nokunqabiseka. Oku kwabonakaliswa xa ukumkani waseAsiriya uSaneribhe wathumela amagosa akhe amathathu aphakamileyo ukuya kuxelela uKumkani uHezekiya nabantu baseYerusalem ukuba banikezele kuSaneribhe. Igosa nesithethi saseAsiriya, uRabheshake, sema phambi kweendonga zeYerusalem saza ngokurhabaxa samcukuceza uYehova uThixo khon’ ukuze siyenze buthathaka okanye siyiphelise intembelo amaYuda awayenayo Kuye. Ebuhlungu kunene koku kuhlaziswa kokuphela koThixo ophilileyo noyinyaniso uYehova yaye ngokufanelekileyo ecinga ngengozi ekuyo iYerusalem phambi kwale nyambalala yamaAsiriya, uKumkani uHezekiya waya etempileni waza wawubeka lo mbandela phambi koYehova uThixo. Ekholiswa yile mbonakaliso yokuba nokholo olubalaseleyo kuye nangokuba eye wabhenela kuye ukuze azibalule njengomongami wendalo iphela, uYehova wamnika impendulo entle. Umprofeti wakhe uIsaya wongezelela amazwi aqinisekisayo. URabheshake ongcikivayo waseAsiriya wayengekaphendulwa, kanye njengokuba uKumkani uHezekiya wayeyalele.—2 Kumkani 18:17-36; 19:14-34.

17 Ngokungathandabuzekiyo emangaliswe gqitha yile nto, uRabheshake wabuyela kwikampu kaSaneribhe, ngelo xesha owayesilwa neLibhena. (2 Kumkani 19:8) Akuva ingxelo kaRabheshake, uSaneribhe wathumela iincwadi ezisongelayo kuHezekiya, emlumkisa ngokuthi: “Musa ukulukuhlwa nguThixo, okholose ngaye wena, usithi, Ayisayi kunikelwa iYerusalem esandleni sokumkani waseAsiriya.” (2 Kumkani 19:9, 10) Ebusuku, uYehova uThixo wasiphendula ngokwakhe isithethi sama-Asiriya, uRabheshake, ibe Yena ngokwakhe waziphendula iincwadi zikaSaneribhe ezisongelayo ukuze abonise ukuba Yena ungophakamileyo kunothixo ongukumkani wama-Asiriya. Ingxelo equkumbelayo yesi siganeko, njengoko ibhalwe kweyesi-2 yooKumkani 19:35, ithi: “Kwathi ngobo busuku, kwaphuma isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wama-Asiriya ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu lamawaka. Bavuka kusasa, nango, ezizidumbu ezifileyo onke.” Ngenj’ ixukuxa ekuvukeni kwawo ama-Asiriya asindileyo, kuquka uKumkani uSaneribhe mhlawumbi noRabheshake, bazibona bengqongwe ngumbono ohlasimlisayo weengxwelerha ezazisilwa noYehova uThixo.

18. (a) Waba yintoni umphumo kuSaneribhe onamabhongo? (b) Nguwuphi umzekelo esi siganeko sembali esimele siwunike amaNgqina kaYehova namhlanje?

18 Oyisiwe kumacebo akhe okuzingca okuIwa nentlangano kaYehova yaye ehlaziswe gqitha, “ubuso bakhe buthe khunubembe” uSaneribhe wangxama ukusinga kwikomkhulu lakhe, eNineve, suka nje apho wagwintwa ngoonyana bakhe ababini. (2 Kronike 32:21; 2 Kumkani 19:36, 37) Ubukhosi baseAsiriya abuzange buphinde buyisongele intlangano kaYehova ebonakalayo. Eneneni, oku yayikokona kuthethelelwa kuzukileyo kolongamo lwendalo iphela loThixo Osenyangweni. Ngaphezu koko, ukugcinwa kweYerusalem ikhuselekile kungumzekelo oncamisileyo obonisa lowo amaNgqina kaYehova namhlanje afanele akhangele kuye ngenkoloseko epheleleyo ukuze afumane uxolo nonqabiseko oluhlala luhleli nolungenakuphazanyiswa—akafanele akhangele kwiyelenqe lezobupolitika koko, afanele akhangele kuYehova uThixo.

Ukuhlala Uphaphile

19. IWatch Tower Society iya kuqhubeka isenza ntoni?

19 Ukuze ikuncede uhlale uphaphile, iWatch Tower Society iya kuqhubeka izikhupha izilumkiso ezisexesheni ngeempapasho zayo ukuze zifundwe ngabantu, khon’ ukuze ungaqutyulwa lubhengezo olusondelayo lwenkohliso oluthi “Luxolo nokunqaba,” olucetywa ziintlanga zale nkqubo yezinto indala.

20. Kutheni le nto amaNgqina kaYehova engayi kukhuthaza abantu ukuba bakholose ‘ngoXolo nonqabiseko’ olusondelayo, yaye ke ngoko lixesha lantoni eli?

20 AmaNgqina kaYehova azahluleleyo akanakukukhuthaza ukukholosa ‘ngoXolo nokunqaba’ okuya kubhengezwa ngentembelo ziintlanga zehlabathi; engenako nokubanqwenelela impumelelo abantu abayila olo “Xolo nokunqaba” lwezizwe ngezizwe aze, kwangaxeshanye, abe noYehova uThixo. Akulumkele ukuzimanyanisa neentlanga zale nkqubo indala yezinto. Akayeki ukuzikhumbuza ukuba “uhlanga” olutsha, olwalwahlukile kuManyano Lwezizwe, lwazalwa kumnyaka wasemva kwemfazwe we-1919. Olu “hlanga” lutsha luyaqhubeka lukhula yaye lusanda emhlabeni wonke, kanye njengokuba kwaxelwa kwangaphambili kuIsaya 60:22: “Omncinanana uya kuba liwaka, noweyeleyo abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako oko.” Ewe, lingoku ixesha lokuba bonke baluphaphele “uXolo nokunqaba” olusondelayo olucetywa ziintlanga.

Ubuya Kuphendula Njani?

◻ Abantu ngokubanzi basenokusabela njani kwisibhengezo esithi “Luxolo nokunqaba”?

◻ Yintoni eyafanekiselwa kwangaphambili ‘liyelenqe’ elichazwe kuIsaya8:12?

◻ IZizwe Ezimanyeneyo zibangele njani ukuba uluntu lungaphaphi?

◻ Kutheni le nto amaNgqina kaYehova engayi kufunyanwa engaphaphanga?

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Alithandabuzeki elokuba iZizwe Ezimanyeneyo ziya kukhokela ekubhengezeni “Uxolo nokunqaba” okusondelayo!

[Umfanekiso okwiphepha 21]

Igosa laseAsiriya uRabheshake lamcukuceza uThixo kaSirayeli, kodwa umphumo wabonisa ukuba uxolo nokunqabiseka kokwenyaniso kuvela kuYehova uThixo kuphela

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share