Iindibano Zesithili “Zokuba Sesikweni KukaThixo”
OKUNGAKANANI kona ukubandezeleka okukhoyo ehlabathini ngenxa yokungabikho kokusesikweni! Ukusetyenziswa kakubi kwegunya okwandileyo okwenziwa ngabalawuli bobupolitika abathile kuye kwaphumela ekubandezelekeni kakhulu ngokungekho sikweni. Izilangazelelo abanazo abantu bezorhwebo abanyolukileyo ziyabacinezela abantu, nto leyo ephumela kubunzima obukhulu. Kukwakho nengcinezelo ebangelwa ziinkokeli zonqulo zanamhlanje ezifana nezo zangaphambili ngomhla kaYesu, awathi ngazo: “Babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu, babe ke bona bengathandi kuyishukumisa nangomnwe lo wabo.” (Mateyu 23:4) Kukwakho nokusetyenziswa kakubi kwegunya okugqithiseleyo nomphumo wako wokungabikho kokusesikweni kwizangqa zeentsapho.
Imbali ibonisa ukuba ibiya kuba kukuchitha ixesha ukukhangela kubantu abangafezekanga ukuba balungise iimeko ezinjalo, kungakhathaliseki ukuba baneenjongo ezintle kangakanani na. Kodwa emazulwini phaya kukho Oyena Mntu Uphakamileyo nokwanguMgwebi, uYehova. UnguThixo wokusesikweni. Ngokufanelekileyo, uMoses wavuma le ngoma: “NguLiwa; ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni; nguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; lilungisa, uthe tye yena.”—Duteronomi 32:4.
Sele kulithuba uYehova ekunyamezele ukungabikho kokusesikweni kweli hlabathi, kodwa akayi kwenjenjalo ngokungenasiphelo. Kukho ixesha elimisiweyo lokuba enze isenzo size ke isiprofeto esifumaneka kuIsaya 14:4-7 sizaliseke, esithembisa ukuba zonke iindlela zobuzwilakhe ziya kuphela lize ‘liphumle lonke ihlabathi.’
Ngenxa yokholo lwawo olomeleleyo kula madinga abuprofeti, amaNgqina kaYehova ayakuvuyela ukuvakalisa kulo lonke elimiweyo ukuba kungekudala uYehova uza kuphelisa yonke ingcinezelo, intswela-bulungisa, nokungekho sikweni ngokungenisa ulawulo olupheleleyo loBukumkani. Ngelo xesha akuyi kubakho bani uya kubangela ingozi okanye onakalise, kuba ‘umhlaba uya kuzala kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.’—Isaya 11:9.
Ukuze komelezwe ukholo lwethu kwimigwebo yobulungisa kaYehova, iindibano zesithili zowe-1988 ziya kuba nomxholo othi “Ukuba Sesikweni KukaThixo.” Ukugxininiswa kwalo mxholo akuyi kusishukumisela nje kuphela ekwaziseni ithemba lethu lokuba sesikweni kukaThixo, kodwa kwakhona kuya kusikhuthaza ukuba senze ngokuvisisana nokuba sesikweni kukaThixo kuzo zonke iinkqubano zethu.
Njengabakhonzi bakaYehova, sonke siyazi ukuba ngenxa yokona kwabazali bethu bokuqala, sityekele ekuzingceni, kokungekho sikweni. Ngoko siya kuyixabisa inkcazelo entle esiya kuyifumana ngeentetho, imiboniso, udliwano-ndlebe, nemidlalo esekelwe eBhayibhileni eya kubalaselisa imfuneko yokuphakamisa ukuba sesikweni kukaThixo. Oku kuya kuvisisana nomyalelo okuMika 6:8 ‘wokwenza okusesikweni, sithande inceba, size sihambe noThixo wethu ngokuthozamileyo.’ Oku kuphumela kwimvisiswano, kulwaneliseko, nakuvuyo; kukwancedela ukuhambisela phambili ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kuwo wonke umhlaba.
Imbalasane yezi ndibano ikukuba iqela lezixeko liya kuhlanganiswa ngemfonomfono ukuze lifumane iintetho ezikhethekileyo eziya kunikelwa ngamalungu eQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Kwakhona, abavangeli basemazweni kulo lonke ihlabathi baya kulungiselelwa indlela yokuya kwezi ndibano; kwakhona oku kuya kubenza bakwazi ukuya emakhaya baze babuye babe neentsapho zakomawabo kwakhona.
Ukuba ibe kukuvuma kukaYehova, iiNdibano Zesithili “Zokuba Sesikweni KukaThixo” ziya kuqalisa ngoLwesine malunga neye-1:30 p.m. yaye ziya kuqukunjelwa ngeye-4:00 p.m. ngenjikalanga yangeCawa. Masiyilungelelanise imicimbi yethu ukuze sibekho xa ucwangciso luqalisa yaye masicebe ukuhlala de kube yingoma nomthandazo wokuqukumbela mhla ngamnye. Yiza uzilambele ngokwenene izidlo zokomoya yaye ukuxhobele ukuthabatha amanqaku. Qinisekiswani kukuba uYehova usilungiselele “isidlo” sezinto ezilungileyo esiya kusomeleza size sisishukumisele umsebenzi ongaphambili.—Isaya 25:6; INgoma yazo iiNgoma 2:4.
Ewe, ngamnye kuthi makeze ezimisele ukufumana eyona ntsikelelo inkulu yokomoya enokufumaneka kwiiNdibano Zesithili “Zokuba Sesikweni KukaThixo.”