Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Uhambo Olufihlakeleyo Lokuya EYerusalem
KUSEKWINDLA lowama-32 C.E., yaye sele usondele uMthendeleko Weminquba. UYesu phantse umsebenzi wakhe uye wawuphelelisela eGalili ukususela ngePasika yowama-31 C.E., xa amaYuda azama ukumbulala. Kunokwenzeka ukuba, ekuphela kwexesha uYesu atyelela ngalo eYerusalem ukususela ngoko lelaxa wayesiya kwimithendeleko emithathu yaminyaka le yamaYuda.
Ngoku abantakwaboYesu bayambongoza besithi: “Gqitha apha, uye kwelakwaYuda.” IYerusalem isisixeko esikhulu selakwaYuda yaye isisazulu sonqulo lwelo lizwe liphela. Abantakwabo baqiqa ngale ndlela: “Akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhleni.”
Nangona uYakobi, uSimon, uYosefu noYuda bengakholelwa ukuba umkhuluwa wabo, uYesu, ngokwenene unguMesiya, bafuna ukuba abonise amandla akhe angummangaliso kubo bonke abahlanganisene kuloo mthendeleko. Noko ke, uYesu uyiphaphele ingozi esenokubakho. Uthi, “Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo.” Ngoko uYesu uxelela abantakwabo oku: “Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko.”
UMthendeleko Weminquba ngumsitho oqhutywa iintsuku ezisixhenxe, othi uphethwe ngemicimbi yonqulo ngosuku lwesibhozo. Lo mthendeleko uphawula ukuphela konyaka wezolimo yaye ulixesha lokuvuya okukhulu nokubulela. Kwiintsuku eziliqela emva kokuba abantakwaboYesu behambe neqela elikhulu labahambi, yena nabafundi bakhe bahamba ngokufihlakeleyo, bengafuni ukubonwa ngabantu. Bahamba ngendlela edlula eSamariya, kunokuba bahambe ngaleyo isetyenziswa ngabantu abaninzi ekufuphi noMlambo iYordan.
Ekubeni uYesu neqela lakhe beya kufuna indawo yokuhlala emzini wamaSamariya, uthumela kwangaphambili izigidimi zokuba balungiselelwe indawo. Phofu ke, abantu bayalandula ukumenzela nantoni na uYesu emva kokuba beqondile ukuba usinge eYerusalem. Ngokucaphuka, uYakobi noYohane babuza bathi: “Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele?” UYesu uyabakhalimela ngenxa yokuthetha into enjalo, baze ke bahambe baye komnye umzana.
Njengoko behamba endleleni, omnye umbhali uthi kuYesu: “Mfundisi ndiya kukulandela apho ungaya khona.”
UYesu uphendula ngokuthi, “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; ke yena uNyana womntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko yakhe.” UYesu ubonisa ukuba lo mbhali uya kufumana ubunzima ukuba uthi abe ngumlandeli Wakhe. Yaye kubonakala ukuba lo mbhali unekratshi gqitha ukuba angamkela olu hlobo lobomi.
Kwenye indoda, uYesu uthi: “Ndilandele.”
Le ndoda iphendula ngokuthi, “Ndivumele khe ndimke, ndiye kungcwaba ubawo kuqala.”
UYesu uphendula esithi, “Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo; ke wena hamba uye kushumayela ubukumkani bukaThixo.” Kuyabonakala ukuba uyise wale ndoda wayengekafi, kuba ukuba wayefile, kwakungenakwenzeka ukuba unyana wakhe wayengalapho ephulaphule uYesu. Kucacile ukuba lo nyana ucela ixesha lokuba alinde ukufa kukayise. Akakulungelanga ukubeka tanci uBukumkani bukaThixo ebomini bakhe.
Njengoko behamba endleleni besinge eYerusalem, enye indoda ixelela uYesu oku: “Ndiya kukulandela, Nkosi; kodwa ndivumele kuqala, khe ndiye kubulisa abo basendlwini yam.”
Ekuyiphenduleni uYesu uthi: “Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.” Abo baza kuba ngabafundi bakaYesu amehlo abo bamele bawatsolise kwinkonzo yoBukumkani. Kanye njengokuba kunokwenzeka ukuba ifolo ibe goso xa umlimi engakhangelanga nzo phambili, ngoko nabani na okhangela ngasemva kule nkqubo indala yezinto unokukhubeka aze awe kwindlela ekhokelela ebomini. Yohane 7:2-10; Luka 9:51-62; Mateyu 8:19-22.
◆ Ngoobani abantakwaboYesu, yaye bavakalelwa njani ngaye?
◆ Kutheni amaSamariya ekrwada kangaka nje, yaye uYakobi noYohane bafuna ukwenza ntoni?
◆ Ngabaphi abantu abathathu uYesu ancokola nabo endleleni, yaye uyigxininisa njani inkonzo yokuzincama?