Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Imbopheleleko Yokuba Ngumfundi
EMVA kokushiya indlu yomFarisi omi kakuhle, ekubonakala ukuba ulilungu lentlanganiso yamatyala, uYesu uqhubeka esinge eYerusalem. Izihlwele ezikhulu zabantu ziyamlandela. Kodwa ziyintoni iinjongo zazo? Ngokwenene yintoni ebandakanyekileyo ekubeni ngumlandeli wakhe wokwenyaniso?
Njengokuba behamba, uYesu uphethukela kwizihlwele yaye mhlawumbi uyazothusa xa esithi: “Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam.”
Uthetha ukuthini uYesu? Akathethi ukuba abalandeli bakhe bafanele bazithiye ngokoqobo izalamane zabo. Kunoko, bafanele bazithiye ngengqiqo yokuba bangazithandi ngaphezu kokuba bemthanda. Kuthiwa ubawomkhulu kaYesu uYakobi ‘wamthiya’ uLeya waza wathanda uRakeli, nto leyo eyayithetha ukuba uLeya wayethandwa nganeno kunodadewabo uRakeli.
Kwakhona, phawula ukuba uYesu wathi umfundi ufanele athiye “nobakhe ubomi.” Kwakhona okuthethwa nguYesu kukuba umfundi wokwenyaniso umele athande Yena nangaphezu kokuba ethanda obakhe ubomi. Ngaloo ndlela uYesu ugxininisa ukuba ukuba ngumfundi wakhe kuyimbopheleleko enzulu. Akuyonto enokuthatyathwa ngaphandle kokuqwalaselwa ngenyameko.
Kubandakanyeke ubunzima nentshutshiso ekubeni ngumfundi kaYesu, njengokuba eqhubeka esithi: “Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam.” Ngaloo ndlela, umfundi wokwenyaniso umele avume ukuthubeleza ungcikivo olufanayo nolo uYesu wathi walunyamezela, kuquka, ukuba kuyimfuneko, ukubulawa ziintshaba zikaThixo, nto leyo eza kwenzeka kuYesu kungekudala.
Ngoko ke, ukuba ngumfundi kaKristu kungumcimbi izihlwele ezimlandelayo ezifanele ziwuhlolisise ngenyameko. UYesu ubethelela le ngongoma esebenzisa umzekeliso. Uthi: “Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angakhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Hleze, akubon’ ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonelayo baqale ukuhlekisa ngaye, besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba.”
Ngoko uYesu ubonisa izihlwele ezimlandelayo ukuba ngaphambi kokuba zibe ngabafundi bakhe, zifanele zenze izigqibo eziqinileyo zokuba zinokukuzalisekisa okubandakanyekileyo, kwananjengokuba indoda efuna ukwakha inqaba iqiniseka ngaphambi kokuba iqale ukuba inazo izinto zokuyigqiba. Enikela omnye umzekeliso, uYesu uyaqhubeka esithi:
“Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka? Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo.”
Emva koko uYesu ubethelela ingongoma yomzekeliso wakhe, esithi: “Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam.” Oko koko izihlwele ezimlandelayo, yaye, ewe, nawuphi na omnye umntu ofunda ngoKristu, amele akulungele ukukwenza. Zimele zikulungele ukuncama yonke into ezinayo—zonke impahla zazo, kuquka nobomi ngokwabo—ukuba zaziya kuba ngabafundi bakhe. Ngaba ukulungele ukukwenza oku?
UYesu uyaqhubeka esithi: “Ilungile ityuwa.” KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni wathi abafundi bakhe ‘bayityuwa yehlabathi,’ nto leyo etheth’ ukuba banempembelelo ethintela ukonakala ebantwini, nanjengokuba ityuwa yokoqobo isisinqandi-kubola. UYesu uqukumbela ngelithi: “Ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? Ayiwulungele nomhlaba, ayiwulungele nomgquba; ilahlelwa phandle. Lowo uneendlebe zokuva makeve.”
Ngoko uYesu ubonisa ukuba kwanabo babengabafundi bakhe ixesha elide bamele bangayekeleli kuzimiselo lwabo lokuqhubeka. Ukuba bayatyhafa, baya kuba ngabangenaluncedo, babe yinto yokuhlekisa kweli hlabathi baze bangafaneleki phambi koThixo, eneneni, babe sisigculelo phambi koThixo. Ngoko ke, njengetyuwa engenasongo neyonakeleyo, baya kulahlelwa ngaphandle, ewe, batshatyalaliswe. Luka 14:25-35; Genesis 29:30-33; Mateyu 5:13.
◆ Kuthetha ukuthini ukuba ubani “athiye” izalamane zakhe nesiqu sakhe?
◆ Yiyiphi imizekeliso emibini eyenziwa nguYesu, yaye ithetha ntoni?
◆ Iyintoni ingongoma yamagqabaza kaYesu okuqukumbela malunga netyuwa?