IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w89 4/15 iphe. 3
  • Unqulo Lobuxoki Luzenza Ihenyukazi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unqulo Lobuxoki Luzenza Ihenyukazi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubuhenyu Obungokomoya Bude Babubi Ngakumbi
  • “Ndiza Kukwenza Uyeke Ukuthengisa Ngomzimba”
    Ekugqibeleni—UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo
  • Kutheni Isanda Nje Le Ngxaki?
    Vukani!—2003
  • Ukugwetywa Kwehenyukazi Elidume Kakubi
    ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • ‘Ulwaphulo-mthetho Lwenkohlakalo’
    Vukani!—2003
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
w89 4/15 iphe. 3

Unqulo Lobuxoki Luzenza Ihenyukazi

1. Abaninzi baye babujonga njani ubuhenyu?

BAMBI bathi ngowona mkhwa kudala wabakho—lowo wokuba lihenyukazi, unongogo, okanye ihulekazi. Njengoko esetyenziswa ngokuqhelekileyo, onke la magama athetha into enye, abhekisela kwibhinqa eliziphethe kakubi elithengisa ngomzimba walo emadodeni. Kanti, kwakha kwakho ixesha apho umntu onjalo ebesothulelw’ umnqwazi!

2, 3. Indima ababenayo abefundisikazi kwiBhabhiloni yamandulo yayichasene njani nomthetho kaYehova awawunika uSirayeli ngokuphathelele ukuhenyuza kwendoda nebhinqa?

2 Ethetha ngobufundisi beBhabhiloni yamandulo, uNjingalwazi S. H. Hooke, ongumphengululi kwizifundo zeBhayibhile ezivunjululweyo, wathi: “Ubufundisi babungapheleliselwanga kumadoda, kodwa amabhinqa ayeyila inxalenye yamalungu eetempile ezinkulu. Kwakujongwa njengento ehloniphekileyo ukuba yinxalenye yeqela labefundisikazi, ibe siva ngookumkani abaninzi ababenikele ngeentombi zabo kubizo lobufundisi. . . . Owona msebenzi wabo ubalulekileyo yayikukukhonza njengoonongogo abangcwele kwimisitho emikhulu eyayibhiyozelwa ngamaxesha athile onyaka. . . . Ngokuqhelekileyo, kwitempile kaIshtar [uthixokazi wokuzalisa nowemfazwe], kwakukho iqela elininzi lamabhinqa anjalo.”

3 Oku kwakwahluke mpela kwindlela olwalufanele uhlanga lwakwaSirayeli lumnqule ngayo uYehova uThixo. UMthetho wakubeka ngokucacileyo oku ngokuthi: “Makungabikho ng’awukazi [henyukazi, NW] kwindawo engcwele ezintombini zakwaSirayeli; makungabikho sifebe [esiqhelisela ubufanasini] kwindawo engcwele koonyana bakaSirayeli. Uze ungalungenisi utsheqo lwehenyukazi nomvuzo wenja endlwini kaYehova uThixo wakho, ngenxa yesibhambathiso nokuba sisiphi; ngokuba zingamasikizi kuYehova.” (Duteronomi 23:17, 18) Ngaloo ndlela, umvuzo wehenyukazi wawungamkeleki njengomnikelo wetempile kaThixo. Kwanobuhenyu obungenanto yakwenza nonqulo babulihlazo. AmaSirayeli ayalelwa oku: “Musa ukuyihlambela intombi yakho, uyenze ihenyu, ukuze ilizwe lingahenyuzi, lingazali ilizwe ngamanyala.” Imithetho enxamnye nobuhenyu nobufanasini, zinto ezo ezichazwa ‘njengezinto ezingamasikizi,’ yayilukhusela uhlanga, ngokomoya nangokwenyama.—Levitikus 19:29; 20:13.

Ubuhenyu Obungokomoya Bude Babubi Ngakumbi

4. Luluphi uhlobo lokuhenyuza olude lwalubi gqitha?

4 Noko ke, ngokwembono kaThixo, kukho uhlobo lobuhenyu olude lwalubi ngakumbi—ukuhenyuza ngokomoya, okanye ukuzibanga unqula uThixo wokwenyaniso ngoxa ngokwenene unqula yaye uthanda abanye oothixo. IYerusalem yamandulo yada yathabath’ unyawo ekuhenyuzeni. Yayinikela ngezipho kwezo ntlanga zazihenyuza nayo ngokomoya, ingcolisa unqulo lokwenyaniso.—Hezekile 16:34.

5, 6. Ngoobani abahenyuzayo ngokomoya kule nkulungwane yama-20, nto leyo ekhokelela kweyiphi imibuzo?

5 Kwanakule nkulungwane yama-20, ukuhenyuza ngokomoya kuyinto eqhelekileyo kwinkqubo yonqulo yeli hlabathi. INgqobhoko iyeyona nxalenye ibalaseleyo yaloo nkqubo—inkqubo ethi iBhayibhile iyibize ngokuthi “iBhabheli [iBhabhiloni, NW] Enkulu, unina wamahenyukazi nowamasikizi omhlaba.”—ISityhilelo 17:5.

6 Kodwa iya kuphelela phi iBhabhiloni Enkulu? Ibe loo phumo wokugqibela uya kukuchaphazela njani wena nobathandayo? Ukuba uThixo wawagweba ngokuqatha amahenyukazi kwaSirayeli wamandulo, yintoni aya kuyenza ngokuhenyuza ngokomoya kwale mihla? Amanqaku alandelayo aya kuhlolisisa loo mibuzo neminye enxulumene nayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share