Isizathu Sokuba Ufanele Ubekho KwiNdibano Yesithili “Yokuhlonela UThixo”
Ulindelwe yimfundiso yeBhayibhile enomvuzo yeentsuku ezintathu kwiNdibano Yesithili yamaNgqina kaYehova ‘Yokuhlonela UThixo’ ebudeni bale nyanga. Ngoncedo lweentetho eziyalayo nodliwano-ndlebe nomdlalo weBhayibhile, kuya kulungiselelwa ukhokelo lweBhayibhile olubalulekileyo. Yibakho nge-9:50 ngosuku lokuqala kusasa xa indibano iqalisa ngengoma.
Ucwangciso losuku lokuqala luya kubalaselisa intetho ethi: “Kuphephe Ukuba Nemilebe Eyenzakalisayo” kunye nentetho ebalulekileyo engemvelaphi yemfundiso kaBathathu Emnye. Ngemva kwemini, abazali baya kunikwa isiluleko sokuba bamkele imbopheleleko yabo efanelekileyo yokuba balungiselele abantwana babo ilifa elingokomoya. Ngokulandelayo, ulutsha luya kukhuthazwa ukuba lulandele umzekelo kaKristu yaye luphile ngokuvisisana nenyaniso. Ucwangciso lolu suku luya kuqukunjelwa ngengxubusho engelungiselelo elizukileyo elenziweyo ngokukhethekileyo ukunceda ulutsha.
Usuku lwesibini iya kuba lolunye usuku oluzeleyo lwemfundiso eya kubalaselisa ubhaptizo kusasa yaye emva kwemini iintetho ezibalaseleyo ezingeQumrhu Elilawulayo lamaKristu nendlela esinokusebenzisana ngayo nalo namhlanje. Emva kwemini ucwangciso luya kuqukunjelwa ngentetho ebalulekileyo ethi “IBhayibhile—Ngaba IliLizwi LikaThixo Okanye Lomntu?”
Ngentsasa yokugqibela, imfundiso esexesheni iya kulumkisa ‘ngomntu wesono’ nangokuphambuka kwimicimbi ephathelele ukudla nokusela, ukuzilungisa nokuzihlaziya. (2 Tesalonika 2:3) Oku kuya kulandelwa ngumdlalo weBhayibhile wale mihla oya kugxininisa ukubaluleka kokuzithoba kuThixo. Ngoko ke, akuyi kunqwenela ukuba uphoswe yintetho yesidlangalala ethi, “Isondele Inkululeko Yabantu Abahlonela UThixo!”
Ebudeni bukaDisemba, kucwangciselwe ukuqhutywa iindibano ezingaphezu kwe-16 kulo lonke eloMzantsi Afrika kuphela, ngoko kuya kubakho enye ekufutshane nekhaya lakho. Dibana namaNgqina kaYehova asekuhlaleni malunga nexesha nendawo yenye ekufutshane kuwe.
[Umfanekiso okwiphepha 32]
Indibano yesithili eseVerona, eItali