IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w89 12/1 iphe. 28-30
  • Ndenyuka Eyona Ntaba Intle Kunazo Zonke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndenyuka Eyona Ntaba Intle Kunazo Zonke
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukunganeliseki
  • Ufundisiso LweBhayibhile
  • Ukunikela Ubungqina Kwabanye
  • Iintaba—Isizathu Sokuba Zibe Luncedo Kuthi
    Vukani!—2005
  • ‘Unobungangamsha Ngaphezu Kweentaba’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • UYehova Undomelezile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Ukuphakanyiswa Kwendlu KaYehova
    Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu I
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
w89 12/1 iphe. 28-30

Ndenyuka Eyona Ntaba Intle Kunazo Zonke

NDAZALELWA ndaza ndakhuliselwa kwidolophana ekwiintaba eziseMpuma Yurophu. Abazali bam babengamaRoma Katolika, kodwa abazange bandinyanzele ukuba ndiye ecaweni, yaye ekhaya sasingathandazi kunye okanye sithethe ngonqulo. Ngoko, njengabantu abaninzi abaselula, ixesha namandla am ndandiwachithela kwimidlalo, kwimfundo nasekukhenketheni.

Kwidolophu yethu, kwakukho iqela elalikhuthele gqitha elalinyuka iintaba nelalikhokelwa yindoda eyayilungile, eyayinamava neyayizazi gqitha iintaba. Ngenxa yayo, ndaba yinkcutshe ekunyukeni iintaba. Ngelo xesha ndandineminyaka eli-18 ubudala, yaye kungekudala ndayithanda imibono emihle ngokumangalisayo ebonakala kwiindawo eziphakamileyo, uchulumanco lokujongana nokusinda kwimeko eziyingozi, nobuhlobo nabo sasikunye nabo kwezi ngozi.

Ndikhumbula esinye isihlandlo emva kokuba ndandikweli qela iminyaka emihlanu. Ndandinyuka intaba apho izinto zazihamba lula yaye ndayekelel’ umxakatho, kanye xa ndandifikelela encotsheni. Njengoko ndandisondela kulwalwa olwalusencotsheni, lwaqalisa ukuqhephuka. Ekuphela kwento endandinokuyenza yayikukutsibela ecaleni ndize ndikhwaze ndilumkisa lowo ndandinyuka kunye naye. Ilitye elalisiwa layiqhawula intambo eyayisidibanisile, ndaza ndawa. Okuvuyisayo kukuba, ndawela kwithafana lengca iimitha nje ezine ukubheka ezantsi. Phofu ke, izinto azisoloko zihamba kakuhle kulo mdlalo!

Xa ndandineminyaka engama-24 ubudala, ndafumana isidanga kwiyunivesithi ndaza ndayinkokeli yeqela elincinane labo babenyuka iintaba kwidolophu endandikhulele kuyo. Emva kwethutyana saqokelela imali saza sathenga uduladula omncinane ukuze thina nezixhobo zethu sikwazi ukuya kwiintaba ezikude. Kodwa le nqwelo-mafutha yayingalunganga, yaye ndachitha iinyanga ezintathu, ubusuku nemini, ndiyilungisa. Yathi yakugqitywa, sonke sakhangela imisebenzi eyingozi eyayihlawula kakuhle, njengokusebenza phezulu xa kusakhiwa, yaye ngale ndlela ekugqibeleni saqokelela imali eyaneleyo ukuze sityelele elaseIran. Silapho, ngowe-1974, senyuka intaba-mlilo ephakame kangangeemitha ezingama-5 800 ebizwa ngokuba yiDamavand. Ngoxa ekuqaleni kwakulula ukunyuka, xa sasimalunga nencopho kwafuneka ukuba sinyamezele ikhephu elinzulu, ukuphelelwa ngumoya ngenxa yokuphakama kwale ncopho, nomsi orhaxayo owawuphuma kwiimfanta zentaba-mlilo.

Kwindlela egodukayo kuduladula omncinane saceba ukuya kunyuka iNtaba yeArarat kodwa kwafuneka sikurhoxise oko ngenxa yeengxwabangxwaba zobupolitika. Ngowe-1975 saya kutyibiliza emkhenkceni kwiiAlps zaseOstriya, yaye kwangaxeshanye, saseka umbutho wokhuphiswano lwazwenibanzi lokufota esawubiza ngokuthi “Men and Mountains.” Olu khuphiswano lusaqhutywa nyaka ngamnye. Sisonke savakalelwa kukuba ubomi bethu babuphelele yaye busanelisa.

Ukunganeliseki

Noke, xa ndandineminyaka ephantse ukuba ngama-30 ubudala, ndaqalisa ukukruquka kukunyuka ezintabeni ndaza ndazibuza ndisithi: ‘Eneneni ngaba ubomi buphelele apha?’ Bambi bandixelela ukuba manditshate, kodwa ndandinabahlobo ababetshatile yaye babengabonakali bonwabe kangako. Kwanezibini ezazinolwalamano olwalusekelwe kumahlandinyuka okunyuka iintaba zabonakala ziphelelwe lulonwabo lobomi bokwenene bemihla ngemihla. Ndandingasazi isizathu sokuba imitshato yazo ingabi yeyonwabisayo, kodwa nakuba ndandiya kuthanda ukutshata mna ngokwam, ndandingafuni ukungonwabi njengazo.

Ukongezelela ndaphawula umahluko kubantu abaselula ababengenelele lo mdlalo wokunyuka iintaba. Ngaphambili, kwakusoloko kukho umoya wokubonakalisa imbeko, intsebenziswano nobuhlobo kwiikampu zabo babenyuka iintaba zeAlps. Ngoku, amakhwenkwe aselula nangenamava ayengenasimilo yaye ayenganeliswa kukwenza inkqubela ethe ngcembe. Ayefuna ukuqhayisa nokunyuka kwiindawo ezazinzima gqitha nezaziyingozi kuwo. Ekubeni ndandiziva ndinganelisekanga ngakumbi nangakumbi, ndaba neengxubusho ezinde nezinzulu nomhlobo wam uBonjo. Ekugqibeleni wacebisa ukuba ndithethe nomnye esasinyuka naye intaba, uHenry.

UHenry wandiboleka incwadi ethi, Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade, yaye ndathi ndakuyifunda, ndamangaliswa kukubona indlela eyixubusha ngayo imibuzo eyayisoloko indikhathaza entliziyweni yam. Kwaye kwacaca ukuba uHenry wayefundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, ngoko ndacela ukubathelela. Wavuma, yaye kangangeminyaka emibini ndandibandakanyeke kufundisiso olunzulu lweBhayibhile nolwalo naluphi na uncwadi lweBhayibhile endandinokulufumana.

Ufundisiso LweBhayibhile

Njengoko ulwazi lwam lwalusiya lusiba nzulu, ndaba novuyo olongezelelekileyo. Ndandinxulumene nje ngegama nonqulo lwamaRoma Katolika, kodwa ndandimangalisiwe kukubona ukuba ubuKristu obungokweBhayibhile babungasekelwanga kwimisitho, kwizithethe, nakwiimvakalelo ezingekho ngqiqweni. Kunoko, babubandakanya imigaqo ephakamileyo yokuziphatha eyayichaphazela zonke iinkalo zobomi bomKristu. Ukongezelela, ndandimangalisiwe kukubona ukuba iBhayibhile isengqiqweni ngeyona ndlela yaye ayiphikisani neemfundiso zenzululwazi ezinobungqina obomeleleyo.

Ingqina elalineengxubusho noHenry kunye nam alizange lisinyanzelele ukuba siguqule izimvo zethu nendlela yethu yokuphila. Kuphela into elayenzayo kukucacisa oko iBhayibhile ikutshoyo. Ngenxa yoku, ndaqhubeka ndinyuka iintaba kuyo yomibini loo minyaka yokuqala yokufundisisa. Kodwa njengoko ulwazi lwam lwaluya lusiba nzulu, ndaye ndaqonda ukuba ukunyuka iintaba kwakufana nento endilikhoboka layo. Ingozi eyandehlela ngokuwa kwelitye nayo yandikhumbuza amazwi kaYesu xa uSathana wamcel’ umngeni ukuba aziwise eluchochoyini lwetempile: “Uze ungayihendahendi iNkosi uThixo wakho.” (Mateyu 4:5-7) Ndaqonda ukuba lo msebenzi wawubonakalisa ukungabi naluxabiso ngobomi uYehova andinike bona.

Ngoko ke imbopheleleko endandinayo kwiqela lethu labo babenyuka iintaba ndayinikela kwenye inkweli eyayinamava ndaza ndafumanisa ukuba kwakungenzima ukusuka ekunyukeni iintaba ukuya kubuKristu. Njengoko ndandirhoxa ngokupheleleyo okanye ndithengisa zonke izixhobo zam—izihlangu zokutyibiliza, iintsimbi zokunyuka, iicarabiners, izando, izikhonkwane zokubambelela, nezembe lasemkhenkceni—ngokunyanisekileyo ndandinokuthi, ndisebenzisa amazwi ompostile uPawulos, kum ngoku kuphela nje “zaziyinkunkuma.” (Filipi 3:8) Ndaziva ndaneliseke ngokunzulu njengoko ndathi ndakwazi ukuthelela umsebenzi ozukileyo wokudumisa igama likaThixo ekuhleni. Ngowe-1977 mna noHenry salufuzisela uzahlulelo lwethu kuYehova ngokubhaptizwa emanzini.

Ukunikela Ubungqina Kwabanye

Ngelo xesha, kwakukho amalungu anokuba li-15 eqela labo babenyuka iintaba kwidolophu yethu, yaye ngokuthe ngcembe mna noHenry sanikela ubungqina kubo bonke. Hayi indlela ekwaba luvuyo ngayo xa umntakwethu, naye owayelilungu labo babenyuka iintaba, ndawonye nomkakhe, bathi baqalisa ukufundisisa iBhayibhile baza babhaptizwa ngowe-1981. Ngaxa lithile kamva, uBonjo wasithelela, kuquka nomnye, ongowesihlanu kwiqela labo babenyuka iintaba. Sasingasenasizathu sakuphinda sinyuke iintaba eziphakamileyo. Eyona nto yayisivuyisa kakhulu yayikukutyelela abantu ababehlala entlanjeni ababeyixabisa inyaniso yeBhayibhile. Kwanomama wayamkela le nguqulelo njengeyona nto izisa isiqabu kakhulu, owayesoloko engakhululekanga ngenxa yomsebenzi wokunyuka iintaba owawusenziwa ndim nomntakwethu. Ekugqibeleni, naye wasithelela kunqulo olucocekileyo lukaYehova.

Ngoku umnqweno wokutshata endandinawo wawungasekho kangako. Ngenxa yeLizwi likaThixo, ndandiyazi imigaqo eyayiza kundinceda ukuze ndibe nomtshato ophumelelayo, kodwa ngoku ndandikuvuyela ukuhlala ndingatshatanga ndize ndikhonze uYehova ngaphandle kwesiphazamiso. USolomon wavakalisa oku: “Umfazi onengqondo uvela kuYehova.” (IMizekeliso 18:22; 19:14) Ngoko ke, ndagqiba ekubeni ngomonde ndilindele kuYehova ukuze andinike esi sipho, ngoxa ndandiphila ngendlela eyayiza kundenza ndifaneleke njengomyeni xa ndandinokusifumana. Kwakungowe-1982 xa wathi uYehova wandisikelela ngokumangalisayo ngomfazi ofanelekileyo.

Mna nomfazi wam sisahlala ezintabeni, yaye ndisazithanda. Kodwa eyona nto siyixhalabele ngokuyintloko ngoku kukunceda abantu ukuba banyuke enye intaba. Yiyiphi loo ntaba? Yileyo ikhankanywe kwisiprofeto sikaIsaya: “Ke kaloku kuya kuthi ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova ivelele ezincotsheni zazo iintaba, izongamele iinduli, zibe ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga. Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe. Kuba kuya kuphuma umyalelo eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem.” (Isaya 2:2, 3) Hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukukwazi ukunyuka le ntaba, eyeyona intle kuzo zonke!—Linikelwe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share