IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 10/1 iphe. 3
  • Ngaba Uyalilangazelela Ixesha Laxa . . .

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uyalilangazelela Ixesha Laxa . . .
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Amanqaku Afanayo
  • Abanqolobi—Baza Kuwa Kungekudala!
    Vukani!—2001
  • Iziqulatho
    Vukani!—2005
  • Ukungabi Namakhaya—Yintoni Unobangela Wale Ngxaki?
    Vukani!—2005
  • Ngaba Ukungcungcuthekiswa Kuya Kuze Kuphele?
    Imixholo Engakumbi
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 10/1 iphe. 3

Ngaba Uyalilangazelela Ixesha Laxa . . .

□ unokuziva ukhuselekile yaye unqabisekile ekhayeni lakho—kungakhathaliseki ukuba kungaliphi na ixesha lemini?

□ kuya kube kungekho mfuneko yazitshixo, imivalo yentsimbi, iialarm, imingxuma yokukroba, yakubiya ngeengcingo, abalindi, izinja zokulinda nezinye iindlela zonqabiseko?

□ unokuhamba wedwa ezitratweni ukhuseleke ngokupheleleyo, nasebusuku?

□ iziyobisi eziyingozi nazo zonke iingxaki ezinxulumene nazo ziya kuba zilibalekile?

□ zonke iimfazwe ziya kuba zingasekho, nezixhobo zingayi kuphinda zenziwe okanye zifunjwe?

□ ungasayi kuba naxhala lakutya, umoya namanzi angcolileyo?

□ ubugrogrisi, ukuthinjwa kwabantu, nezisongelo zebhombu ziya kuba zipheliswe ngokupheleleyo?

□ ubutyebi bendalo bomhlaba buya kukhuseleka, bungcinwe, buze busetyenziswe ngobulumko ukuze kulungelwe abantu ngokubanzi?

□ ukubawa nokuzingca kungayi kuphinda kube ngamandla aphembelelayo phakathi kwabantu?

□ abantwana beya kugcina ukunyaniseka kwabo yaye babahlonele abanye nezinto zabo?

□ amabhinqa engayi kucinezelwa aze axhatshazwe?

□ imithetho nemimiselo iya kuba nobulungisa yaye isetyenziselwe ukuba kulungelwe bonke?

□ urhulumente eya kwenza izigqibo ezisekelwe kwiintswelo zokwenene kungekhona kwezobupolitika?

□ inkululeko nokulingana izizinto ekungayi kuthethwa nje ngazo kodwa ziqheliselwe?

□ ubuhlwempu bungayi kuba sabakho, kodwa bonke beya kuba nayo nantoni na efunekayo kwimpilo, kwintlalo-ntle, nakulonwabo lwabo?

□ kuya kubakho umnqweno wokufumana abantwana baze banyanyekelwe yaye bangaze baphathwe kakubi okanye balahlwe?

□ isifo nokufa ziya kube zoyisiwe, yaye kungayi kubakho zibetho zoyikisayo?

□ wonke ubani odibana naye eya kuba nobubele, abe luncedo, aze abe ngonokuthenjwa?

□ ubomi bomntu wonke buya kuxabiseka ngokwenene, yaye bonke benokonwaba ngonaphakade?

□ unqulo lungasayi kuba ngumahlukanisi, lukhokelela abantu ekubeni babe neenkani kwimicimbi yonqulo, kwintiyo nakwiimfazwe?

□ bonke beya kuba neendawo zokuhlala ezaneleyo nezintle, nelaxa ukungabi namakhaya kuya kuba yinto yexesha elidluleyo?

Ukuba unokuthi ewe kuwo nawuphi na umbuzo ongasentla, uya kuba nomdla ekufundeni amanqaku alandelayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share