Ngaba Uyalilangazelela Ixesha Laxa . . .
□ unokuziva ukhuselekile yaye unqabisekile ekhayeni lakho—kungakhathaliseki ukuba kungaliphi na ixesha lemini?
□ kuya kube kungekho mfuneko yazitshixo, imivalo yentsimbi, iialarm, imingxuma yokukroba, yakubiya ngeengcingo, abalindi, izinja zokulinda nezinye iindlela zonqabiseko?
□ unokuhamba wedwa ezitratweni ukhuseleke ngokupheleleyo, nasebusuku?
□ iziyobisi eziyingozi nazo zonke iingxaki ezinxulumene nazo ziya kuba zilibalekile?
□ zonke iimfazwe ziya kuba zingasekho, nezixhobo zingayi kuphinda zenziwe okanye zifunjwe?
□ ungasayi kuba naxhala lakutya, umoya namanzi angcolileyo?
□ ubugrogrisi, ukuthinjwa kwabantu, nezisongelo zebhombu ziya kuba zipheliswe ngokupheleleyo?
□ ubutyebi bendalo bomhlaba buya kukhuseleka, bungcinwe, buze busetyenziswe ngobulumko ukuze kulungelwe abantu ngokubanzi?
□ ukubawa nokuzingca kungayi kuphinda kube ngamandla aphembelelayo phakathi kwabantu?
□ abantwana beya kugcina ukunyaniseka kwabo yaye babahlonele abanye nezinto zabo?
□ amabhinqa engayi kucinezelwa aze axhatshazwe?
□ imithetho nemimiselo iya kuba nobulungisa yaye isetyenziselwe ukuba kulungelwe bonke?
□ urhulumente eya kwenza izigqibo ezisekelwe kwiintswelo zokwenene kungekhona kwezobupolitika?
□ inkululeko nokulingana izizinto ekungayi kuthethwa nje ngazo kodwa ziqheliselwe?
□ ubuhlwempu bungayi kuba sabakho, kodwa bonke beya kuba nayo nantoni na efunekayo kwimpilo, kwintlalo-ntle, nakulonwabo lwabo?
□ kuya kubakho umnqweno wokufumana abantwana baze banyanyekelwe yaye bangaze baphathwe kakubi okanye balahlwe?
□ isifo nokufa ziya kube zoyisiwe, yaye kungayi kubakho zibetho zoyikisayo?
□ wonke ubani odibana naye eya kuba nobubele, abe luncedo, aze abe ngonokuthenjwa?
□ ubomi bomntu wonke buya kuxabiseka ngokwenene, yaye bonke benokonwaba ngonaphakade?
□ unqulo lungasayi kuba ngumahlukanisi, lukhokelela abantu ekubeni babe neenkani kwimicimbi yonqulo, kwintiyo nakwiimfazwe?
□ bonke beya kuba neendawo zokuhlala ezaneleyo nezintle, nelaxa ukungabi namakhaya kuya kuba yinto yexesha elidluleyo?
Ukuba unokuthi ewe kuwo nawuphi na umbuzo ongasentla, uya kuba nomdla ekufundeni amanqaku alandelayo.