Ubulungiseleli Bethu—Imbonakaliso Yothando Lokwenene
1 Ngobulungiseleli bethu sithobela eyona mithetho mibini mikhulu. (Mat. 22:37-39) Ukumthanda kwethu uYehova kusishukumisela ukuba sithethe kakuhle ngaye. Ukuthanda kwethu abamelwane bethu kusishukumisela ukuba sibakhuthaze bafune ulwazi ngokuthanda nangeenjongo zikaThixo ukuze, njengathi, bamthande uYehova yaye basukele umvuzo wobomi obungunaphakade. Ngoko ke, ngobulungiseleli bethu sizukisa igama likaYehova size sabelane nabamelwane bethu ngethemba elixabiseke gqitha loBukumkani. Ewe, ubulungiseleli bethu buyimbonakaliso yothando lokwenene ngoThixo nangomntu.
2 Uthando lwethu lusishukumisela ukuba sithethe nazo zonke iindidi zabantu kwiindawo ezahlukeneyo. (1 Kor. 9:21-23) Ngokomzekelo: Kwinqwelo-moya, omnye umdala ongumKristu wahlala ecaleni komfundisi ongumRoma Katolika. Lo mdala wemba umfundisi ngemibuzo ethile echuliweyo waza waguqula ingxubusho yaba ngoBukumkani. Lo mfundisi wathi esihla kuloo nqwelo-moya, wabe sele amkele iincwadi zethu ezimbini. Onjani ukuba mhle umphumo ekubonakaliseni kwalo mdala uthando lokwenene ngommelwane wakhe!
3 Uthando Lokwenene Lusishukumisela Ukuba Sishumayele: Ngokuqinisekileyo abo babandakanyeke kumsebenzi wobuvulindlela babancedani nobexesha elizeleyo babonakalisa uthando lokwenene ngoThixo nangabamelwane. Oovulindlela basoloko bencama ixesha namandla abo ukuze bancede abanye ngokomoya. Yintoni ebashukumisela ukuba benze oko? Omnye uvulindlela wathi: “Ndiyazi ukuba uthando lusisiqhamo somoya kaThixo. Ngoko ngaphandle kwalo, ngendingekho nyanisweni tu kwaphela, ndingasathethi ke ngokuba nguvulindlela onempumelelo. Uthando lundenza ndibaxhalabele abantu, ndizazi iintswelo zabo, ibe ndiyazi ukuba abantu bayasabela xa bethandwa.” UYesu wabonakalisa uthando olunjalo ngabantu. Ngaminazana ithile xa yena nabafundi bakhe ababedinwe beyimfe babesiya kwindawo engasese ‘ukuze baphumle kancinane,’ bafika isihlwele sele sikuloo ndawo. Wenza ntoni uYesu? ‘Eshukunyiswa lusizi ngaso,’ wazibekela bucala iimfuno zakhe ukuze ‘asifundise izinto ezininzi.’—Marko 6:30-34.
4 Kwanaxa abantu bezichasa iindaba ezilungileyo esibaphathela zona, sivuya gqitha, sisazi ukuba ngenxa yothando siye senza unako nako ukuze sibancede bafumane usindiso. Xa ekugqibeleni sonke sigwetywa nguKristu, siya kuvuya gqitha ngenxa yokuba siye sabonakalisa uthando lokwenene ‘sibufeza ngokuzeleyo ubulungiseleli bethu.’—2 Tim. 4:5.