Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
NJENGOKO singena kwiminyaka yokuqala yale nkulungwane yama-21, kuyasivuyisa ukubhalela, ‘nina nilumanyano lwabazalwana luphela’ kulo lonke ihlabathi, yaye siniqhwabel’ izandla ngokuzibhokoxa kwenu. (1 Pet. 2:17) Phantse kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo, uYesu wabuza: “Xa uNyana womntu efika, uya kulufumana ngokwenene na ukholo emhlabeni?” (Luka 18:8) Umsebenzi wenu wenzondelelo ebudeni bonyaka wenkonzo odluleyo uwuphendula ngoewe omkhulu loo mbuzo kaYesu! Abanye kuni baye banyeliswa, yaye begculelwa ngenxa yokholo lwenu. Kwiindawo ezininzi, niyanyamezela phezu kwazo nje iimfazwe, iintlekele, izifo, okanye indlala. (Luka 21:10, 11) Ngenxa yenzondelelo yenu kwimisebenzi emihle, nangoku uYesu unako ‘ukulufumana ukholo emhlabeni.’ Ngokuqinisekileyo kukho uvuyo emazulwini ngenxa yoko!
Siyazi ukuba akulula ukunyamezela. Cingani ngezilingo ezifunyanwa ngabazalwana bethu kwelinye ilizwe elisentshona Asiya. Ugonyamelo nxamnye namaNgqina kaYehova phantse lube yinto eqhelekileyo kwelo lizwe. Kutshanje, amapolisa aye achitha indibano enoxolo yabantu abamalunga nama-700. Ukuvalwa kweendlela kwathintela abanye abali-1 300 ekubeni baye khona. Ihlokondiba labantu abazigqume ubuso, abanye kubo ngamapolisa, lavusa uqhushululu kuloo ndawo inendibano, labetha abantu ababelapho, laza layintumeka ngomlilo loo ndawo yayiza kusetyenziselwa indibano. Kwesinye isihlandlo, amalungu onqulo agabadeleyo angomba abazalwana kanobom ngamagqudu anezikhonkwane.
Oko kuxhatshazwa kuyothusa kodwa akumangalisi. Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale oku: “Bonke abo banqwenela ukuphila ngozinikelo lobuthixo ngokunxulumene noKristu Yesu, nabo baya kutshutshiswa.” (2 Tim. 3:12) Kwinkulungwane yokuqala, amaKristu anyamezela intshutshiso yomlomo, neyasemzimbeni, ibe amanye ada abulawa. (IZe. 5:40; 12:2; 16:22-24; 19:9) Kuye kwenzeka into efanayo nakwinkulungwane yama-20, yaye ngaphandle kwamathandabuzo kuza kuqhubeka kunjalo nakule yama-21. Ukanti, uYehova usixelela oku: “Nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nawe asiyi kuphumelela.” (Isa. 54:17) Esinjani sona ukuvuyisa isiqinisekiso! Enyanisweni, kangangendlela esixabiseke ngayo kuYehova wada wathi ngomprofeti wakhe uZekariya: “Ochukumisa nina uchukumisa ukhozo lweliso lam.” (Zek. 2:8) Iintshaba zabanquli bakaYehova azinalo ithuba lokoyisa ekugqibeleni. Unqulo olunyulu luya koyisa!
Ngokomzekelo, kwilizwe elikhankanywe ngaphambili, amaNgqina kaYehova afumana iincopho ezimbini ezintsha kwinani labavakalisi ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2001. Ewe, abazalwana bethu bayanyamezela phezu kwabo nje ubunzima, njengoko besenjenjalo kuyo yonk’ indawo. Ehlabathini lonke, ebudeni bonyaka wenkonzo odluleyo, veki nganye ngabantu abangama-5 066 abaye babhaptizwa befuzisela uzahlulelo lwabo kuYehova. Bekunye nathi sonke, ngoku aba batsha bazimisele ‘ukuma ngokuqinileyo bangahexi kuko konke ukuthanda kukaThixo.’—Kol. 4:12.
Kwakhona, cinga ngoko kuye kwenzeka kutshanje eGrisi. Phezu kwayo nje iminyaka yenkcaso yeCawa yobuOthodoki bamaGrike, ngoku amaNgqina kaYehova avunywa ngurhulumente ‘njengonqulo olwaziwayo.’ Uxwebhu olwalusamkela oko lwachaza nento yokuba isakhiwo seBheteli yaseGrisi “yindawo engcwele yaye sivakaliswa njengesingcwele, esinikelwe ukuze kunqulwe uThixo.” Kwakhona sivuyiswa kukunazisa ukuba ebudeni bonyaka wenkonzo odluleyo, iinkundla ziye zawisa izigwebo zomthetho ezivuyisayo ezichaphazela unqulo lwethu eBulgaria, eJamani, eJapan, eKhanada, eRashiya, eRomania, naseUnited States. Hayi indlela esinombulelo ngayo kuYehova ngokugcina umnyango okhokelela emsebenzini uvulekile kuloo mazwe!
Njengoko sicinga ngeendlela uYehova axhasa ngazo abantu bakhe kule mihla yokugqibela, sibona ukuba ungoyena Mhlobo ulungileyo sinokuze sibe naye. Siyavuyiswa lulwalamano esinalo kunye naye, sisazi ukuba uyasithanda, uyasifundisa yaye uyasiluleka. Ewe, siza kuqhubeka sifumana iimvavanyo zokholo. Kodwa ukholo olungagungqiyo kuYehova luya kusomeleza. UYakobi wabhala wathi: “Kugqaleni kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nihlangabezana nezilingo ezahlukahlukeneyo, nisazi nje ukuba ukuvavanywa kokholo lwenu kuvelisa unyamezelo.” (Yak. 1:2, 3) Ngaphezu koko, unyamezelo lwethu lubonakalisa uthando lwethu ngoYehova, yaye lusenza sibe novuyo olukhulu! Bazalwana abathandekayo, qinisekiswani kukuba uYehova uya kuxhasa ngamnye wethu. Ukuba sihlala sithembekile, ngokuqinisekileyo uya kusinceda singene kwihlabathi elitsha. Ufuna ukuba siphumelele.
Ngoko ke, siyanibongoza bazalwana noodade, nina baselula nabakhulileyo, ukuba nigcine engqondweni ngokusondeleyo iintsikelelo ezimangalisayo ezisilindeleyo ngaphambili. Kwanga isimo sengqondo sethu singafana neso sompostile uPawulos owabhala wathi: “Iimbandezelo zeli xesha langoku ndizibalela ekuthini azilingani nayo nantoni na xa zithelekiswa nozuko oluza kutyhilwa kuthi.” (Roma 8:18) Thembelani kuYehova xa nijamelene nabo nabuphi na ubunzima. Nyamezelani, yaye ninganikezeli. Nakanjani na, anisayi kuze nizisole ngoko. ILizwi likaThixo lisiqinisekisa ngoku: “Lowo ulilungisa, ngokuthembeka kwakhe uya kuqhubeka ephila.”—Hab. 2:4.
Abazalwana benu,
IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova