29 Yasondela imihla yokufa kukaSirayeli,+ ngoko wabiza uYosefu unyana wakhe waza wathi kuye: “Ukuba uyandithanda, ndicela ubeke isandla sakho phantsi kwethanga lam, uze ubonise ukuba undithanda ngokungagungqiyo yaye uthembekile kum. Ndicela ungandingcwabeli eYiputa.+