3 Emva koko wathi kubaLevi ababefundisa uSirayeli wonke,+ abo babengcwele kuYehova: “Bekani iTyeya engcwele endlini eyakhiwa nguSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli.+ Akuseyomfuneko ukuba niyithwale emagxeni enu.+ Ngoku ke sebenzelani uYehova uThixo wenu nabantu bakhe amaSirayeli.