6 “‘Unyana uyamhlonipha utata wakhe,+ nesicaka siyayihlonipha inkosi yaso. Ngoko ukuba ndingutata wenu,+ kutheni ndingahlonitshwa nje?+ Ukuba ndiyinkosi, kutheni ndingoyikwa nje?’ utsho uYehova wemikhosi kuni babingeleli abadelela igama lam.+
“‘Kodwa nina nithi: “Silidelele njani igama lakho?”’