13 ‘Ndiyakwazi apho uhlala khona, uhlala apho ikhoyo itrone kaSathana; sekunjalo uqhubeka ubambelele nkqi kwigama lam,+ yaye akuzange ukhanyele ukuba uyakholelwa kum,+ nkqu nangemihla ka-Antipas, ingqina lam elithembekileyo,+ elabulawelwa+ apho uhlala khona, apho ahlala khona noSathana.