Footnote
a “Njengoko ngokungathandabuzekiyo uSathana wayeqonda ukuba nguYesu uNyana kaThixo ekwakuprofetwe ngaye njengoza kumtyumza intloko (Gen 3:15), ngoko wazama zonke iindlela zokumtshabalalisa uYesu. Kodwa, xa ingelosi uGabriyeli yachazela uMariya ngokukhawula kwakhe uYesu, yathi kuye: ‘Umoya oyingcwele uya kukufikela, namandla Oyena Uphakamileyo aya kukusibekela. Ngenxa yeso sizathu kwanoko kuzalwayo kuya kubizwa ngokuba kungcwele, uNyana kaThixo.’ (Lu 1:35) UYehova wamkhusela uNyana wakhe. Amalinge okutshabalalisa uYesu eseyimveku akazange aphumelele.”—I-Insight on the Scriptures, Umqulu 2, iphepha 868, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.