Footnote
b Ekuhambeni kwexesha, kwabonwa ukuba ukuba umhla wokuzalwa koyena mntu ubalulekileyo wawungenakubhiyozelwa, asifanele sibhiyozele nawuphi na umhla wokuzalwa. Ngapha koko, amaSirayeli namaKristu okuqala akazange ayibhiyozele imihla yokuzalwa. IBhayibhile ikhankanya imihla yokuzalwa emibini kuphela, omnye ngokaFaro omnye ngokaHerode Antipas. Umbhiyozo ngamnye wangcoliswa kukubulawa komntu. AmaNgqina kaYehova akayibhiyozeli imihla yokuzalwa ngenxa yokuba le mibhiyozo inemvelaphi yobuhedeni yaye inento yokwenza nokuphakamisa abo babhiyozela umhla wokuzalwa.—Genesis 40:20-22; Marko 6:21-28.