Footnote
c Ngowe-1267, uNaḥmanides wagaleleka kwilizwe elaziwa ngoku ngokuba kukwaSirayeli. Zininzi izinto awazenzayo kwiminyaka yakhe yokugqibela. Waphinda wasibuyisela isidima samaYuda waseka neziko lemfundo eYerusalem. Kwakhona wawagqiba amavandlakanya akhe kwiTorah, kwiincwadi zokuqala ezintlanu zeBhayibhile, waza waba yinkokeli yokomoya yoluntu olungamaYuda olwaluhlala kwisixeko saseAcre esisemantla nesigudle unxweme, kulapho ke wayambatha khona ingubo kaqaqaqa ngowe-1270.