Footnote
a UTimoti wayewenza kakuhle gqitha umsebenzi wokushumayela. Kodwa umpostile uPawulos wamkhuthaza ukuba azame ukumsebenzela ngaphezu kokuba esenza uYehova. Ukuba wayenokuyenza loo nto yayithethwa nguPawulos, wayeza kusetyenziswa kakhulu nguYehova, aze abancede kakhulu abazalwana noodade. Ngaba nawe uyafana noTimoti, ufuna ukumsebenzela ngaphezu kokuba usenza uYehova uze ube luncedo kakhulu kubazalwana noodade? Ngokuqinisekileyo unjalo. Ziintoni omele uzimisele ukuzenza eziza kukunceda uyenze le nto? Yintoni ekufuneka uyenze ukuze ukwazi ukuzibekela izinto ofuna ukuzenza, uze uzenze?