Footnote
a Ukuphinda kukhonzwe uYehova ngendlela ayifunayo okwenzeka ngo-1919 kuphinda kuthethwe ngako kuHezekile 37:1-14 nakwiSityhilelo 11:7-12. Umprofeti uHezekile wabonisa ukuba emva kwexesha elide kakhulu ethinjiwe, onke amaKristu athanjisiweyo ayeza kuphinda amkhonze ngendlela ayifunayo uYehova. Isiprofeto esikwiSityhilelo sithetha ngeqela elincinci labazalwana abathanjisiweyo ababekhokela, nababengasebenzi kangangexeshana kuba babevalelwe etrongweni. Emva kokuba bekhululwe, baphinda bawuqala phantsi umsebenzi kaYehova. Ngo-1919 bamiselwa ukuba babe ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’—Mat. 24:45; jonga incwadi ethi Ekugqibeleni—UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo, iphe. 118.