-
Ukukhahlela Iflegi, Ukuvota Nokusebenza Kwarhulumente“Zigcineni Kuthando LukaThixo”
-
-
Ukuba umKristu isazela sakhe siyamvumela ukuba asebenze kwarhulumente kunokuya entolongweni, amanye amaKristu afanele asihlonele isigqibo sakhe. (Roma 14:10) Noko ke, ukuba uvakalelwa kukuba akanakuwenza loo msebenzi, abanye bafanele basihlonele neso sigqibo.—1 Korinte 10:29; 2 Korinte 1:24.
-
-
Imichiza Etsalwe Kwizinto Eziyila Igazi Neendlela Zokutyanda“Zigcineni Kuthando LukaThixo”
-
-
ISIHLOMELO
Imichiza Etsalwe Kwizinto Eziyila Igazi Neendlela Zokutyanda
Imichiza etsalwe kwizinto eziyila igazi. Le michiza itsalwa kwizinto ezine eziyila igazi—iiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe, iiplatelets, nesiyilelo-gazi (plasma). Ngokomzekelo, iiseli ezibomvu zineproteni ekuthiwa yihemoglobin. Imichiza eyenziwe ngehemoglobin yomntu okanye yesilwanyana iye isetyenziswe ukunyanga abantu abanomlambo (anemia) okanye abophe kakhulu.
Isiyilelo-gazi—ama-90 ekhulwini aso ayilwe ngamanzi—sineencindi zamadlala, ityuwa, iienzymes, nesondlo esiquka izimbiwa neswekile. Isiyilelo-gazi sikwanemichiza ebangela amahlwili, amajoni alwa neentsholongwane, neeproteni ezinjengealbumin. Xa umntu eye wasengozini yokosulelwa sisifo esithile, oogqirha banokumtofa igamma globulin etsalwe kumntu omzimba wakhe ukwaziyo ukulwa neso sifo. Iiseli ezimhlophe zinokuvelisa ii-interferons neeinterleukins, ezinyanga izifo ezosulelayo nomhlaza.
Ngaba amaKristu afanele avume ukunyangwa ngeendlela ezisebenzisa imichiza etsalwe kwizinto eziyila igazi? IBhayibhile ayisiniki zinkcukacha zingqalileyo ngalo mba, ngoko mntu ngamnye umele azenzele isigqibo phambi koThixo ngokwesazela sakhe. Abanye basenokungayamkeli le michiza, besithi uMthetho kaThixo awawunika amaSirayeli wawusithi igazi lesidalwa lalifanele ‘liphalazelwe emhlabeni.’ (Duteronomi 12:22-24) Ngoxa abanye bengavumi ukutofelwa igazi elipheleleyo okanye izinto eziliyilayo, banokuvuma ukunyangwa ngemichiza etsalwe kwizinto eziyila igazi. Basenokuba bavakalelwa
-