IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 92 iphe. 214-iphe. 215 isiqe.¶ 1
  • UYesu Ubonakala Kubalobi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYesu Ubonakala Kubalobi
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Kunxweme LoLwandle LwaseGalili
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • KuLwandle LwaseGalili
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • KuLwandle LwaseGalili
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Ukukhonza Njengababambisi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 92 iphe. 214-iphe. 215 isiqe.¶ 1
UYesu uthetha nabafundi ngoxa ebeke intlanzi emlilweni

ISIFUNDO 92

UYesu Ubonakala Kubalobi

Emva kwexeshana uYesu ebonakele kubapostile bakhe, uPetros waya kuloba kuLwandle LwaseGalili. UTomas, uYakobi, uYohane nabanye abafundi bahamba naye. Baloba ubusuku bonke, kodwa abazange babambise nto.

Ngentsasa elandelayo babona indoda imi ngaselunxwemeni. Yathi kubo: ‘Zikho iintlanzi enizibambisileyo?’ Bathi: “Hayi!” Yathi le ndoda: “Phosani umnatha ngasekunene kwesikhephe.” Bawuphosa, emva koko wagcwala ziintlanzi de abakwazi nokuwutsala. Ngoko nangoko uYohane waqonda ukuba le ndoda nguYesu waza wathi: “YiNkosi!” Ngoko nangoko uPetros waziphosa emanzini waza wadada esiya ngaselunxwemeni. Abanye abapostile balandela ngesikhephe.

Xa befika elunxwemeni, babona intlanzi nesonka emlilweni. UYesu wathi mabaze nezinye iintlanzi ukuze bongeze kwesi sidlo. Waza wathi: ‘Mabatye isidlo sakusasa.’

UPetros uhamba elunxwemeni esiya kuYesu, abanye abafundi balandela ngesikhephe

Bakugqiba ukutya, uYesu wabuza uPetros: ‘Ngaba undithanda ngaphezu kokuloba?’ UPetros wathi: ‘Ewe Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.’ UYesu wathi: ‘Yondla amatakane am.’ UYesu waphinda wambuza: ‘Petros, uyandithanda?’ Wathi uPetros: ‘Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.’ UYesu wathi: “Yalusa amatakane am.” UYesu wambuza okwesithathu. UPetros yamhlupha le nto. Wathi: ‘Nkosi, wazi yonke into. Uyazi nokuba ndiyakuthanda.’ UYesu wathi: “Yondla amatakane am.” Waza wathi: “Qhubeka undilandela.”

“[UYesu] wathi kubo: ‘Ndilandeleni, ndiza kunenza abalobi babantu.’ Bayishiya ngoko nangoko iminatha yabo, bamlandela.”—Mateyu 4:19, 20

Imibuzo: Nguwuphi ummangaliso awawenzela abalobi uYesu? Ucinga ukuba kwakutheni ukuze uYesu abuze uPetros athi: “Uyandithanda na?”

Yohane 21:1-19, 25; IZenzo 1:1-3

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share