Iyintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?
YINTONI ebangela ukuba ukunandiphe ukuhambahamba epakini okanye kwithafa elineentyatyambo ezinuka kamnandi? Yintoni ebangela ukuba uchwayite xa ubona ichibi elihle okanye oorhec’ izulu beentaba? Yintoni ebangela ukuba uthand’ ukuphulaphula iintaka ezitsho ngentsholo emnandi emithini? Yaye kutheni le nto ukunandipha ukubukela ixhama elidloba phakathi komhlambi weegusha osedlelweni?
Impendulo yale mibuzo inye. Sasidalelwe ukuhlala eParadesi! Kulapho abazali bethu bokuqala, uAdam noEva babehlala khona. Umnqweno wokuphila eParadesi sawuzuz’ ilifa kubo yaye nguMdali wabo, uYehova uThixo owabenza banaloo mnqweno. Wayesazi ukuba abantu babeya konwaba eParadesi ngenxa yokuba wasidala ngohlobo lokuba sikunandiphe ukuhlala kweli khaya lethu lingumhlaba.
Kwakutheni ukuze uYehova adale umhlaba? ‘Wawubumba ukuba umiwe’ ngabantu. (Isaya 45:18) ‘UMenzi womhlaba’ wanika uAdam noEva ikhaya eliyiparadesi entle, umyezo wase-Eden. (Yeremiya 10:12; Genesis 2:7-9, 15, 21, 22) Kumele ukuba babekunandipha gqitha ukubukela imilambo, iintyatyambo nemithi eyayilapho! Esibhakabhakeni kwakubhabha iintaka ezintle, kuzulazula nezilwanyana ezahlukahlukeneyo—yaye akukho nasinye esasiyingozi ebantwini. Iintlanzi nezinye izilwanyana zazidada kumanzi acwengileyo. Eyona nto yayibalasele nangakumbi kukuba uAdam wayekunye neqabane lakhe elinguEva. Babenokukwazi ukuzala abantwana baze bandise ikhaya labo eliyiParadesi behleli ngolonwabo nentsapho yabo.
Nangona umhlaba ungeyoparadesi namhlanje, unokufaniswa nekhaya elihle elihlala intsapho eyonwabileyo. Ikhaya lethu elingumhlaba esilinikwe nguThixo linayo yonke into esiyifunayo—ukukhanya, ubushushu, amanzi nokutya. Hayi indlela esikuxabisa ngayo ukukhanya nobushushu obuvela elangeni nokukhanya kwenyanga ebusuku! (Genesis 1:14-18) Emhlabeni sifumana amalahle neoyile esinokuzisebenzisela ukubasa ukuze sifudumale. Sifumana amanzi ngenxa yomjikelo wamanzi, kwimilambo, amachibi neelwandle. Ukanti emhlabeni kuthe rhwelele ingca entle neluhlaza.
Kukho intabalala yokutya emhlabeni kanye njengokuba nasemakhayeni ethu kukho igumbi lokugcina ukutya. Ngezityalo neziqhamo, uYehova ‘usinika amaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zethu ngokutya nangokuchwayita.’ (IZenzo 14:16, 17) Ekubeni umhlaba sele ulikhaya elihle kangaka, khawucinge ukuba uya kuba njani xa ‘uThixo onoyolo,’ uYehova, ewenza ube yiparadesi!—1 Timoti 1:11.
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 2]
COVER: Earth: NASA photo; Stars: NASA, ESA and AURA/Caltech