Unokuzifumana Phi Iimpendulo?
OLUNYE usukelo lonqulo kukufundisa abantu ngenjongo yobomi. Kodwa ke, abantu abaninzi baye bafumanisa ukuba iintswelo zabo zokomoya azaneliswa ziimfundiso zonqulo lwabo. UDenise, okhuliswe njengomKatolika, ukhumbula oku: “Incwadi efundisa ngonqulo yaseBaltimore iquka lo mbuzo, ‘Kwakutheni ukuze uThixo asidale?’ ize ithi xa iphendula, ‘UThixo wasidala ukuze sibonakalise ukulunga kwakhe size sonwabe ngonaphakade kunye Naye emazulwini.’
UDenise uthi: “Oku akuzange kuwuphendule umbuzo wam wokuba kutheni ndilapha nje. Ukuba ndilindele ukuya ezulwini, ndimele ndenze ntoni okwangoku?” Abantu abaninzi bavakalelwa njengoDenise. Olunye uhlolisiso luye lwafumanisa ukuba abantu ababini kwabathathu ekuye kwathethwa nabo, babekholelwa ukuba iicawa ezininzi nezindlu zesikhungo azibancedi abantu bafumane injongo ebomini.
Ngenxa yoko abantu abaninzi babhenela kwezinye izinto ukuze bafumane iimpendulo—kwinzululwazi okanye kwiintlobo ezahlukeneyo zentandabulumko, njengokungabi nalo unqulo okanye ukungabi nanjongo ebomini. Kutheni abantu beqhubeka befuna iimpendulo, nangona bembalwa abafumana ulwaneliseko?
Sinentswelo Yokomoya
UGqr. Kevin S. Seybold uthi, “abantu batyekele ekunquleni.” Kutshanje izazinzulu ziye zafumanisa ukuba abantu banotyekelo lokufuna ukwazi injongo yobomi. Ezinye zikholelwa kwelokuba, ngenxa yemizila yemfuza nendlela adalwe ngayo umntu, ufuna ukuba nolwalamano noThixo.
Nangona abaphengululi neenkcuba-buchopho besaphikisana ngelokuba abantu banentswelo yokomoya kusini na, abantu abaninzi abafuni de baxelelwe zizazinzulu ukuba banayo le ntswelo. Yiloo ntswelo kanye ebangela sizibuze le mibuzo: Kutheni silapha? Simele senze ntoni ngobomi bethu? Ngaba siza kuphendula kuMdali onamandla ngezenzo zethu?
Ukuba uyiqwalasela kakuhle indalo, uya kufumana ezinye iimpendulo kule mibuzo. Ngokomzekelo, cinga nje ngendlela indalo entsonkothe ngayo, ukususela kwiseli enye yento ephilayo ukusa kwiminyele esemajukujukwini. Ngaba ezi zinto azisixeleli ukuba kukho uMyili, okanye uMdali okrelekrele? IBhayibhile ithi: “Kuba iimpawu [zikaThixo] ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo, kwanamandla angunaphakade nobuThixo bakhe, khon’ ukuze bangabi nakungxengxezeleka.”—Roma 1:20.
Yanelise Intswelo Yakho Yokomoya
Ngokuphathelele indlela uThixo adale ngayo abantu, iBhayibhile ithi: “Kwanexesha elingenammiselo ulibeke ezintliziyweni zabo.” (INtshumayeli 3:11) Sidalwe saba nomnqweno wokuphila kungekhona ukufa. Sifuna ukwazi injongo yobomi, nokufumana iimpendulo kwimibuzo yethu.
Ngoko ke, ukufuna iimpendulo yinxalanye yobomi. Emva kokuphawula izinto eziphunyezwe yinzululwazi nezobugcisa, umbhali weThe Wall Street Journal wathi: “Asikafumani mpendulo yokuba singoobani, kutheni silapha yaye siyaphi.” Siya kuba silumkile xa sifuna iimpendulo kumthombo ofanelekileyo. Ibhekisela kuloo Mthombo, iBhayibhile ithi: “[NguThixo] owasenzayo, asisithi.”—INdumiso 100:3.
Ngaba akukho ngqiqweni ukufuna iimpendulo kuLowo wasidalayo ukuze saneliseke ngokomoya? UYesu Kristu wathi masenze kanye oko. Wathi nguMthombo wobomi kuphela—uMdali wethu—onokwanelisa iintswelo zethu zokomoya.—INdumiso 36:5, 9; Mateyu 5:3, 6.
Ngokuqinisekileyo, ukuze intswelo yethu yokomoya yaneliseke, kubalulekile ukufumana impendulo yombuzo othi, Kutheni silapha nje? Nceda ukhe uqwalasele imbono yoMdali wethu ngalo mbandela.