IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 12/10 iphe. 10-11
  • Kutheni UThixo Engamtshabalalisi UMtyholi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni UThixo Engamtshabalalisi UMtyholi?
  • Vukani!—2010
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukumiselwa Komzekelo Wokuziphatha
  • Kusele Ixesha Elingakanani?
  • “Mchaseni UMtyholi” Kanye Njengoko UYesu Wenzayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Mchaseni USathana, Wonibaleka!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • UMtyholi—Akayonto Nje Ekholelwayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 12/10 iphe. 10-11

Imbono YeBhayibhile

Kutheni UThixo Engamtshabalalisi UMtyholi?

UKUBA ubunamandla okunceda umntu obandezelekileyo, ngaba ubungayi kuyenza loo nto? Abantu badla ngokukhawuleza baye kwindawo enentlekele ukuze baye kunceda abantu nokuze basindise ubomi babantu abangabazi nokubazi. Ngoko omnye umntu usenokuzibuza, ‘Kutheni uThixo engakhawulezi amtshabalalise uMtyholi obangela ukuba abantu babandezeleke?’

Ukuze ukwazi ukuphendula lo mbuzo, yiba nomfanekiso ngqondweni wetyala lasenkundleni elingundaba-mlonyeni. Umbulali, efuna ukuphazamisa ukuxoxwa kwetyala uthi ijaji ayiwagwebi kakuhle amatyala ibe uthi iyabanyoba nabancedisi bayo. Ngenxa yoko, kubizwa amangqina amaninzi.

Ijaji iyazi ukuba ukuxoxwa kweli tyala kuza kuthatha ixesha elide yaye ibingathanda ukuba likhawuleze liphele. Kodwa iyaqonda ukuba, ukuze ikwazi ukudlulisela isigwebo esiya kuba ngumzekelo nakwamanye amatyala kufuneka ivumele bonke ababandakanyekileyo ixesha elaneleyo lokuzithethelela.

Oku kudibana njani nocelomngeni uMtyholi—okwabizwa ngokuba ‘yinamba enkulu,’ “inyoka” “noSathana”—awalubeka phambi koYehova, “Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke”? (ISityhilelo 12:9; INdumiso 83:18) Ngubani uMtyholi? Uye wamtyhola ngantoni uYehova uThixo? UThixo uza kumtshabalalisa nini?

Ukumiselwa Komzekelo Wokuziphatha

Ingelosi eyaba nguMtyholi kamva, yayikade ingomnye woonyana bakaThixo abafezekileyo. (Yobhi 1:6, 7) Yaba nguMtyholi xa yaba nomnqweno wokunqulwa ngabantu. Yacel’ umngeni ilungelo likaThixo lokulawula isithi uThixo akafanele athotyelwe. Yathi abantu bamkhonza uThixo kuphela xa ebasikelela. USathana wathi abantu babeya ‘kumqalekisa’ uMdali wabo xa izinto zingabahambeli kakuhle.—Yobhi 1:8-11; 2:4, 5.

UThixo wayengenakuziphendula izityholo zikaSathana ngokumtshabalalisa. Eneneni ukumtshabalalisa kwintsimi yase-Eden kwakunokwenza nabanye ababekho bacinge ukuba uMtyholi unyanisile. Ngoko uThixo onalo lonke igunya wavumela ukuba bonke ababebukele bazibonele ngokwabo eyona nyaniso.

Ngokuvumelana nemigaqo nobulungisa bakhe obugqibeleleyo, uYehova uThixo wathi cala ngalinye laliza kuza namangqina awayeza kuxhasa ibango lalo. Ixesha aye walivumela liye lanika inzala ka-Adam ithuba lokuba ikhethe icala likaThixo ngokugcina ingqibelelo yayo kuye ngenxa yokuba imthanda, nangona iye yajamelana nobunzima.

Kusele Ixesha Elingakanani?

UYehova uThixo wazi kakuhle ukuba abantu baza kuqhubeka bebandezeleka lo gama kusathethwa eli tyala. Sekunjalo, uzimisele ukuliqoshelisa eli tyala ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. IBhayibhile imchaza ngokuba ‘nguYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke.’ (2 Korinte 1:3) Ngokuqinisekileyo ‘uThixo wentuthuzelo yonke’ akayi kumvumela uMtyholi ukuba aphile ixesha elide yaye akayi kuvumela imiphumo yempembelelo yakhe ukuba ibekho ngonaphakade. Kwelinye icala, uThixo akazi kumtshabalalisa ngaphambi kwexesha uMtyholi.

Kuya kuthi ke xa yonke le micimbi izinzisiwe, kucace mhlophe ukuba uYehova unalo ilungelo lokulawula abantu. Ukuzinziswa kwembambano yolongamo eyaqalwa nguSathana kuya kuba ngumzekelo ngonaphakade. Ukuba ulongamo lukaThixo lungaphinda lucelwe umngeni, akusayi kuba yimfuneko ukuba uThixo aziphendulele kuba kuya kukhonjwa koko kwenzeka kuSathana.

Ngexesha elifanelekileyo, uYehova uThixo uya kuthuma uNyana wakhe awamvusayo ukuba atshabalalise uMtyholi nemisebenzi yakhe. IBhayibhile ithetha ngexesha laxa uKristu “enikela ubukumkani kuThixo wakhe noYise, xa etshitshise wonke urhulumente nalo lonke igunya namandla. Kuba umele alawule njengokumkani ade uThixo azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba. Olokugqibela utshaba oluya kutshitshiswa kukufa.”—1 Korinte 15:24-26.

Okuvuyisayo kukuba, iBhayibhile ithembisa ukuba umhlaba uya kuba yiParadesi. Abantu baya kuphila ngokwenjongo kaThixo kwiparadesi enoxolo! “Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:11, 29.

IBhayibhile ilichaza ngolu hlobo ikamva eliqaqambileyo labakhonzi bakaThixo: “Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. Naye abe nguThixo walo. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:3, 4.

NGABA WAKHA WAZIBUZA?

● Bubuphi ubuxoki uMtyholi aye watyhola ngabo uThixo nabantu?—Yobhi 1:8-11.

● Ziziphi iimpawu uThixo anazo ezisiqinisekisa ukuba ngexesha elifanelekileyo uza kumtshabalalisa uMtyholi?—2 Korinte 1:3.

● IBhayibhile isinika liphi ithemba?—ISityhilelo 21:3, 4.

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Ukuze kufikelelwe kwisigwebo esiya kuba ngumzekelo nakwamanye amatyala kufuneka amacala omabini anikwe ixesha elaneleyo lokuzithethelela

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share