Isizathu Sokuba Busekho Ubungendawo
IBHAYIBHILE ithi: “UYehova [uThixo] ulilungisa kuzo zonke iindlela zakhe.” (INdumiso 145:17; ISityhilelo 15:3) Ethetha ngaye, umprofeti uMoses wathi: “Ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni. NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; lilungisa yaye uthe tye yena.” (Duteronomi 32:4) UYakobi 5:11 uthi: “UYehova unomsa omkhulu nenceba.” UThixo akanakuze abangele ubungendawo.
Umfundi uYakobi wathi: “Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’ Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (Yakobi 1:13) UYehova uThixo akalingi bantu ngobungendawo, engabahendeli nokuba benze izinto ezimbi. Ngubani ke omele abekw’ ityala ngobungendawo neengxaki zako?
Ngubani Ke Ngokwenene Obekek’ ityala?
Umbhali weBhayibhile uYakobi ubonisa ukuba nabantu banalo igalelo kubungendawo, kuba uthi: “Ngamnye ulingwa ngokutsalwa nokuwexulwa ngumnqweno wakhe. Wandule ke umnqweno, xa uthe wakhawula, uzale isono; isono, xa sithe safezwa, sivelisa ukufa.” (Yakobi 1:14, 15) Abantu basenokwenza izinto beqhutywa yiminqweno ephosakeleyo. Ungalibali ukuba abantu basizuz’ ilifa isono. Impembelelo yesono inokwenza umntu angakwazi ukulawula iminqweno ephosakeleyo, aze athi ke ngokuvumela loo minqweno enze izinto ezimbi. (Roma 7:21-23) Liyinene elokuba isono esasizuz’ ilifa ‘besilawula abantu njengokumkani’ sibenz’ amakhoboka ezinto ezimbi ezingunobangela wokubandezeleka okungathethekiyo. (Roma 5:21) Ngaphezu koko, abantu abangendawo banokuba nempembelelo embi kwabanye.—IMizekeliso 1:10-16.
Kodwa ke, umthombo wobungendawo nguSathana uMtyholi. Ubungendawo beza naye ehlabathini. UYesu Kristu wabiza uSathana ngokuthi ‘ngongendawo,’ “umlawuli wehlabathi” elilibutho labantu abangendawo. Uluntu ngokubanzi luthobela uSathana ngokuvukela iindlela ezilungileyo zikaYehova uThixo. (Mateyu 6:13; Yohane 14:30; 1 Yohane 2:15-17) Eyoku-1 kaYohane 5:19 ithi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” Enyanisweni, uSathana neengelosi zakhe ‘balahlekisa umhlaba omiweyo uphela,’ bebangela nje “ooyeha.” (ISityhilelo 12:9, 12) Ngoko ke, nguSathana uMtyholi oyena ubangela ubungendawo.
Ichaza omnye unobangela wobungendawo, iNtshumayeli 9:11 ithi: ‘Sonke sehlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.’ UYesu Kristu wakha wathetha ngentlekele yokudilika kwenye inqaba eyabulala abantu abali-18. (Luka 13:4) Behlelwa yiloo ntlekele kuba babelapho kuloo ndawo ngexesha lokwehla kwayo. Nanamhlanje zisenzeka izinto ezinjalo. Ngokomzekelo, kusenokuwa isitena kwisakhiwo esiphakamileyo siye kubetha umntu nje ozihambelayo. Ngaba simele sithi nguThixo owenze oko? Nakanye. Yinto ibingakhange icetywe nebingalindelekanga. Oku kunjalo naxa kugula ilungu lentsapho okanye ngesiquphe kusifa indoda, ishiya umhlolokazi nabantwana beziinkedama.
Kuyacaca ukuba asingoThixo obangela ubungendawo nokubandezeleka. Eyona njongo kaYehova kukuphelisa ubungendawo nabo babubangelayo. (IMizekeliso 2:22) Eneneni, uza kwenza okungakumbi kunoko. IZibhalo zithi uThixo uza kusebenzisa uKristu ukuze ‘achithe imisebenzi kaMtyholi.’ (1 Yohane 3:8) Le nkqubo yezinto ikhoyo, nesekelwe ekunyolukeni, kwintiyo nobungendawo, iza kutshatyalaliswa. UThixo uza “kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo,” nto leyo eya kubonisa ukuba ukubandezeleka akusekho. (ISityhilelo 21:4) Kodwa usenokubuza: ‘Kutheni uThixo engekakwenzi nje oko? Kutheni esavumele ubungendawo nokubandezeleka kuqhubeke de kube ngoku?’ Ingxelo yeBhayibhile ngoAdam noEva iyayiphendula le mibuzo.
Kuvuswa Imbambano Ebalulekileyo
Isizathu sokuba uThixo avumele ubungendawo buqhubeke de kube ngoku sinento yokwenza neziganeko ezenzeka ekuqaleni kwembali yabantu. Isiganeko esenzeka ngelo xesha savusa imbambano ebalulekileyo ephathelele uMdali ngokwakhe—imbambano eyayingenakulungiswa nje lula. Makhe sibone oko kwenzekayo.
UYehova uThixo wadala indoda nebhinqa lokuqala befezekile waza wababeka eParadesi. Bavavwa ngesipho esasibahlula kwizilwanyana—isipho sokuzikhethela. (Genesis 1:28; 2:15, 19) Ekubeni babenelungelo lokuzikhethela, uAdam noEva babenokusebenzisa ingqondo yabo, bakhethe ukumthanda, bamkhonze baze bamthobele uMdali wabo. Okanye babenokukhetha ukuzimela geqe kuThixo baze ngabom bangamthobeli.
Ukuze anike uAdam noEva ithuba lokubonisa ukuba bayamthanda, uThixo wababekela umqathango wamnye. Wathi kuAdam: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungadla wanele. Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.” (Genesis 2:16, 17) Ukuze bona nabantwana ababeza kubazala baqhubeke bethandwa nguThixo, kwakuza kufuneka uAdam noEva bangasityi isiqhamo saloo mthi. Ngaba babeza kuthobela?
IBhayibhile iyasixelela ngoko kwenzekayo. Esebenzisa inyoka uSathana wathi kuEva: “Utshilo ngokwenene na uThixo ukuba nize ningadli kuyo yonke imithi yomyezo?” Emva kokuba uEva emxelele ngomyalelo kaThixo, uSathana wathi: “Ngokuqinisekileyo anisayi kufa. Kuba uThixo uyazi ukuba mhla nithe nadla kuzo aya kuvuleka amehlo enu nize nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” Emva koko, loo mthi wanqweneleka gqitha kuEva kangangokuba “wathabatha eziqhameni zawo waza wadla.” Le ngxelo iqhubeka isithi: “Emva koko wanika nendoda yakhe isakuba kunye naye yaza nayo yadla.” (Genesis 3:1-6) UAdam noEva balisebenzisa kakubi ilungelo labo lokuzikhethela kuba bamona uThixo ngokungathobeli umthetho wakhe.
Ngaba uyabubona ubunzulu bento eyenzekayo? UMtyholi wawugqwetha umyalelo kaThixo kuAdam. Amazwi kaSathana aveza ukuba kwakungeyomfuneko ngoAdam noEva ukuba baxhomekeke kuYehova xa begqiba ngokulungileyo nokubi. Ngoko ke, imbambano eyaphakanyiswa nguSathana yabangela ukuba kuthandatyuzwe ilungelo nokukufanelekela kukaYehova ukulawula abantu. Eyona nqontsonqa kule mbambano kukuba uYehova ukufanelekele kusini na ukulawula abantu. UThixo wokwenyaniso wayicombulula njani le mbambano?
Kwakuza Kufuneka Ixesha Elaneleyo
UYehova wayenokubatshabalalisa aba bavukeli bathathu—uSathana, uAdam noEva. Asiyithandabuzi into yokuba uThixo unamandla kunabo. Kodwa uSathana wayengathandabuzi amandla kaThixo. Eyona nto wayeyithandabuza lilungelo likaYehova lokulawula. Le mbambano yayichaphazela zonk’ izidalwa ezinenkululeko yokuzikhethela. Kwakufuneka ziqonde ukuba le nkululeko yokuzikhethela imele isetyenziswe ngendlela eyiyo—ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo yokuziphatha neyokomoya. Kungenjalo beziya kwenzakala, kanye njengokuba bekuya kwenzeka kumntu odelela umthetho womxhuzulane ngokutsiba kwisakhiwo eside. (Galati 6:7, 8) Zonke izidalwa ezinenkululeko yokuzikhethela zinokufunda lukhulu ngokondela imiphumo ebuhlungu yokukhetha ukuzimela geqe kuThixo. Kwakuza kuthath’ ixesha ngaphambi kokuba ezi zidalwa zikuqonde oku.
Le nto yokuba kufuneka ixesha elaneleyo ukuze kuconjululwe iimbambano ezithile singayizekelisa ngolu hlobo: Masithi ndoda ithile icela ukukhuphisana nenye ukuze kucace enamandla phakathi kwawo. Kungalula gqitha ukucombulula loo mbambano. La madoda anokuphakamisa nje amatye kuze kucace icala. Ephakamise elona litye linzima yiyo enamandla. Kodwa ke ngoku masithi, ucelomngeni lolokuba yiyiphi eyona ndoda ibathanda ngokwenene oonyana neentombi zayo, kwanokuba bona bayayithanda kusini na. Okanye kuthekani ukuba kufuneka kucace eyona ndoda iyinyamekela kakuhle intsapho yayo? Le mibuzo ibingayi kufuna amandla okanye amazwi ukuze iphenduleke. Bekuya kufuneka ixesha elaneleyo, kuphononongwe izibakala, khon’ ukuze kufikelelwe kwizigqibo ezifanelekileyo.
Oko Kuye Kwaboniswa Kukuhamba Kwexesha
Sekudlule iminyaka engama-6 000 ukususela oko uSathana wacel’ umngeni ilungelo likaThixo lokulawula. Ibonise ntoni imbali? Cinga ngezityholo ezibini uSathana awazityabeka uThixo. Ngobugagu wathi kuEva: “Ngokuqinisekileyo anisayi kufa.” (Genesis 3:4) Xa wayesithi uAdam noEva babengayi kufa xa betye eso siqhamo salelweyo, uSathana wayesithi uYehova ulixoki. Yayingesosityholo sincinane noko ke eso. Ukuba uThixo wayenganyanisekanga kulo mbandela, wayenokuthenjwa njani kwezinye izinto? Kodwa, yintoni eye yacaca ngokuhamba kwexesha?
UAdam noEva bagula, batyiwa ziintlungu, baluphala baza bagqibela ngokufa. IBhayibhile ithi: “Iyonke imihla awayiphilayo uAdam yaba ngamakhulu asithoba anamashumi amathathu eminyaka waza wafa.” (Genesis 3:19; 5:5) Okubuhlungu kukuba, uAdam uye wadlulisela esi sono sakhe kubo bonke abantu. (Roma 5:12) Ukuhamba kwexesha kuye kwangqina ukuba uSathana “ulixoki noyise wabo ubuxoki” kwaza kwabonisa ukuba uYehova ‘unguThixo wenyaniso.’—Yohane 8:44; INdumiso 31:5.
USathana waphinda wathi kuEva: “UThixo uyazi ukuba mhla nithe nadla [kumthi owalelweyo] aya kuvuleka amehlo enu [Adam noEva] nize nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” (Genesis 3:5) Ngaloo mazwi, uSathana wakhohlisa abantu batsho bafuna ukuzilawula. Ebalahlekisa wathi, abantu babeya kuphila bhetele xa bezimele geqe kuThixo. Ngaba wayenyanisile?
Ukutyhubela imbali yabantu, kuye kwakho abalawuli abahlukeneyo. Akukho hlobo lolawulo lungakhange luzanywe ngabantu. Noko ke, bekusoloko kusenzeka izinto ezihlasimlis’ umzimba eluntwini. Kwiminyaka engama-3 000 eyadlulayo, omnye umbhali weBhayibhile osisilumko wathi: ‘Umntu ulawula umntu ibe kukwenzakala kwakhe.’ (INtshumayeli 8:9) Yena umprofeti uYeremiya wathi: “Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Nkqu nenkqubela kwinzululwazi nezinto zobugcisa zale mihla azikwazanga kubutshintsha ubunyaniso bala mazwi. Ukuhamba kwexesha kuye kwangqinela ukuchana kwezi ndinyana.
Uza Kwenza Ntoni?
Ixesha eliye lavunyelwa nguThixo lingqina uSathana elixoki kwimbambano yelungelo nokukufanelekela kukaYehova ukulawula abantu. NguYehova uThixo kuphela uMongami wendalo iphela. Unelungelo lokulawula indalo yakhe, kwaye indlela alawula ngayo ihamba yodwa. Loo nto ingqinwa nazizidalwa zasezulwini ezilawulwa nguThixo, kuba zithi: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.”—ISityhilelo 4:11.
Umi phi wena kulo mba wolawulo lukaThixo? Ngaba uyavuma ukuba uThixo unelungelo lokukulawula? Ukuba uyavuma, umele ulwamkele ulongamo lukaYehova. Oku ungakwenza ngokuphila ngokuvisisana nenyaniso nesiluleko esifumaneka eLizwini lakhe iBhayibhile. “UThixo uluthando,” ibe imithetho nemiyalelo yakhe isekelwe ekuthandeni kwakhe izidalwa zakhe. (1 Yohane 4:8) UYehova akasibandezi nantoni na elungileyo. Ngoko ke, sithobele esi siluleko seBhayibhile: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.”—IMizekeliso 3:5, 6.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Unokukhetha ukulawulwa nguThixo ngokufunda iBhayibhile uze uphile ngokuvisisana neemfundiso zayo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]
© Jeroen Oerlemans/Panos Pictures