IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w04 4/1 iphe. 32
  • Ngaba Sifanele Sithandaze Kwiingelosi Sicele Uncedo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Sifanele Sithandaze Kwiingelosi Sicele Uncedo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
w04 4/1 iphe. 32

Ngaba Sifanele Sithandaze Kwiingelosi Sicele Uncedo?

NGABA kufanelekile ukuthandaza kwiingelosi xa sibandezelekile? Abantu abaninzi bacinga njalo. Eneneni, iNew Catholic Encyclopedia ithi: “Ubani uthandaza . . . kwiingelosi . . . kodwa kuphela ngengqiqo yokuba zisithethele kuThixo.” Ngaba sifanele sithandaze kwiingelosi ukuze zisithethele?

ILizwi likaThixo lisinika amagama eengelosi zikaThixo ezimbini kuphela ezithembekileyo, uMikayeli noGabriyeli. (Daniyeli 8:16; 12:1; Luka 1:26; Yude 9) Ekubeni la magama ekhankanywe eBhayibhileni, siyaqonda ukuba ingelosi nganye ingumntu owahlukileyo wokomoya onegama, kungekhona nje amandla angaphiliyo. Sekunjalo, ezinye iingelosi azizange zivume ukuchaza amagama azo. Ngokomzekelo, xa uYakobi wacela ingelosi eyayimtyelele ukuba imxelele igama layo, ayizange ivume. (Genesis 32:29; ABagwebi 13:17, 18) IBhayibhile ayinaludwe lwamagama eengelosi, ngaloo ndlela ithintela abantu ekubeni banikele ingqalelo engafanelekanga kuzo.

Omnye wemisebenzi yeengelosi kukudlulisela ebantwini izigidimi ezivela kuThixo. Enyanisweni, igama lantlandlolo lesiHebhere nelesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ingelosi” lithetha “umthunywa.” Noko ke, iingelosi azingobalamleli abasa imithandazo yabantu etroneni yOyena Uphakamileyo. UThixo wathi imithandazo ifanele ibhekiswe kuye egameni loNyana wakhe, uYesu Kristu, owathi: “Ukuze oko nikucelayo kuBawo egameni lam aninike.”—Yohane 15:16; 1 Timoti 2:5.

UYehova uThixo akaxakekanga kakhulu kangangokuba angasiphulaphuli xa sithetha naye ngendlela efanelekileyo. IBhayibhile iyasiqinisekisa isithi: “Usondele uYehova kubo bonke abo bambizayo, kubo bonke abo bambiza ngenyaniso.”—INdumiso 145:18.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share