Iziqulatho
INXALENYE 1 KUTHENI UFANELE UBUYELE KUYEHOVA?
Abakhonzi bakaYehova ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile babeneengxaki ezifanayo nezethu. UYehova wasondela kubo waza wabanceda, ibe uthembisa ukuba uya kwenza loo nto nakuthi namhlanje. Ekubeni enguMalusi onenkathalo nonothando, uYehova uyazikhangela izimvu zakhe ezilahlekileyo aze azicenge ukuba zibuyele kuye.
Inxalenye 1 “Elahlekileyo Ndiya Kuyifuna”
INXALENYE 2-4 ZIZIPHI EZINYE IINGXAKI EZINOKWENZA KUBE NZIMA UKUBUYELA?
Nabakhonzi bakaThixo abanyanisekileyo bakhe baba namaxhala, babuhlungu futhi bazisola, ibe ezo zinto zibaphazamisile. Khawuhlole indlela uYehova aye wabanceda ngayo ukuze babuyele endleleni, baphinde babe yinxalenye yabantu bakhe baze bonwabe kwakhona.
Inxalenye 2 IXHALA—‘Lisenza Sibandezeleke Ngandlela Zonke’
Inxalenye 3 UKUKHUBEKA—Xa ‘Sinesizathu Sokukhalaza’
Inxalenye 4 UMVANDEDWA—‘Ndihlambulule Kwisono Sam’
INXALENYE 5 INDLELA YOKUBUYELA KUYEHOVA
Khawujonge ubungqina obubonisa ukuba uYehova ufuna ubuyele kuye. Funda indlela amaKristu amaninzi aye abuyela ngayo kuYehova, indlela ibandla eliwamkele ngayo nendlela abadala abawancede ngayo ukuze aphinde akhuthale.