-
UYehova UThixo Unenceba KwintsalelaIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu I
-
-
‘Ihlumelo LikaYehova’
5, 6. (a) UIsaya ulichaza njani ixesha loxolo eliya kubakho emva koqhwithela? (b) Iyintoni intsingiselo yegama elithi “ihlumelo,” yaye oku kubonisa ntoni ngelizwe lakwaYuda?
5 Zitsho zithi gingxi izibilini kuIsaya njengoko amehlo akhe egqobhozela ngaphaya kolo qhwithela, ondele kwixesha loxolo. Ubhala athi: “Ngaloo mini oko uYehova akuhlumisayo [“ihlumelo likaYehova,” umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo] kuya kuba kokokuhombisa nokozuko, yaye isiqhamo selizwe siya kuba yinto yokuqhayisa nento entle kwabo basindileyo bakwaSirayeli.”—Isaya 4:2.
6 Apha uIsaya uthetha ngohlaziyo. Isibizo sesiHebhere esiguqulelwe ngokuthi “ihlumelo” sibhekisela ‘kwinto ehlumayo, ikhaba, isebe.’ Sinento yokwenza nokuchuma, ukwanda, neentsikelelo ezivela kuYehova. Lilonke uIsaya uzam’ ukuthi likho ithemba—olu hlanga aluyi kuphanziswa ngonaphakade. UYehova uza kulisikelela eli lizwe lakwaYuda, alibuyisele kwimeko yalo yokuchuma yangaphambili.a—Levitikus 26:3-5.
7. Ihlumelo likaYehova liya kuba ‘lelokuhombisa nelozuko’ ngayiphi indlela?
7 UIsaya usebenzisa amabinzana akukhanyisa mhlophe ukuzuka kohlaziyo oluzayo. Ihlumelo likaYehova liya kuba ‘lelokuhombisa nelozuko.’ Igama elithi ‘ukuhombisa’ lisikhumbuza ngobuhle beLizwe Ledinga ngexesha lokulinikela kukaYehova kuSirayeli kwiinkulungwane ezidluleyo. Ngangendlela elalilihle ngayo kwade kwathiwa “lalingumhombiso [“isacholo,” New American Bible] emazweni onke.” (Hezekile 20:6) Ngoko amazwi kaIsaya ayabaqinisekisa abantu ukuba ilizwe lakwaYuda liya kubuyiselwa kwimeko yalo entle nezukileyo yangaphambili. Eneneni, liya kuba njengesacholo emhlabeni.
8. Ngoobani abaya kunandipha ubuhle belo lizwe libuyiselweyo, yaye uIsaya uyichaza njani indlela abavakalelwa ngayo?
8 Kodwa ke, ngoobani abo baya kuwelwa ngulo mqa esandleni wokunandipha ubuhle belo lizwe libuyiselweyo? Ngabo “basindileyo bakwaSirayeli,” utsho njalo uIsaya. Oko kutsh’ ukuthi, bakho abaya kusinda kwintshabalaliso ebixelwe kwangaphambili. (Isaya 3:25, 26) Loo ntsalela isindileyo iya kubuyela kwaYuda ize ibe nenxaxheba ekuhlaziyweni kwelo lizwe. Aba babuyileyo—“abo basindileyo”—baya ‘kuqhayisa ngobuhle’ bemveliso engumdliva yelizwe labo elibuyiselweyo. (Isaya 4:2) Ukuphuma kwabo ehlazweni lokuphanziswa kuya kubenza babe nesizathu esingakumbi sokuqhayisa.
9. (a) Azaliseka njani amazwi kaIsaya ngowama-537 B.C.E.? (b) Kunokutshiwo ngayiphi ingqiqo ukuba “abo basindileyo” baquka abanye babo bazalelwe ekuthinjweni? (Bona umbhalo osemazantsi.)
9 Kanye njengokuba uIsaya ebetshilo, wagaleleka umgwebo wesaqhwithi ngowama-607 B.C.E. xa amaBhabhiloni ayitshabalalisayo iYerusalem aza ashiya inkitha yamaSirayeli iqungquluzile. Ababhungcayo bathinjelwa eBhabhiloni, nabo sebefane nje basinda ngenxa yenceba kaThixo. (Nehemiya 9:31) Ekugqibeleni, elakwaYuda lashiywa lingamabhodlo. (2 Kronike 36:17-21) Kwandula ke, ngowama-537 B.C.E., uThixo onenceba wabavumela “abo basindileyo” ukuba babuyele kwaYuda ukuze babuyisele unqulo lokwenyaniso.b (Ezra 1:1-4; 2:1) Ukuguquka ngokusuk’ entliziyweni kwaba bathinjwa babuyileyo kuchazwe kakuhle kwiNdumiso 137, ekusenokwenzeka ukuba yabhalwa ngexesha lokuthinjwa kwabo okanye kamsinya nje emva koko. Bafike kwaYuda balima masimi, batyala zimbewu, kwayiloo nto. Khawuyithelekelele nje indlela abamele ukuba bavakalelwa ngayo bakubona ukuba uThixo wayeyisikelela imigudu yabo, elenza ilizwe lichume “njengomyezo wase-Eden”!—Hezekile 36:34-36.
10, 11. (a) ABafundi BeBhayibhile babethinjwe njani ‘yiBhabhiloni Enkulu’ ebutsheni benkulungwane yama-20? (b) UYehova wayisikelela njani intsalela yamaSirayeli okomoya?
10 Kuye kwenzeka uhlaziyo olufanayo nangomhla wethu. Ebutsheni benkulungwane yama-20, amaNgqina kaYehova, awayesaziwa njengaBafundi BeBhayibhile ngoko, angeniswa ekuthinjweni kokomoya ‘yiBhabhiloni Enkulu,’ ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. (ISityhilelo 17:5) Nangona babezigatya iimfundiso ezininzi zonqulo lobuxoki, aBafundi BeBhayibhile babesadyojwe ziingcamango naluqheliselo oluthile lobuBhabhiloni. Abanye babo bade bavalelwa entolongweni ngokoqobo, ngenxa yentshutshiso eyaxhokonxwa ngabefundisi. Ilizwe labo lokomoya—eliyimeko yabo yonqulo, okanye yokomoya—lashiywa liyinkangala.
11 Kodwa entwasahlobo yowe-1919, uYehova waba nenceba kule ntsalela yamaSirayeli okomoya. (Galati 6:16) Wakubona ukuguquka kwayo nomnqweno wayo wokumnqula ngenyaniso, waza wayikhulula entolongweni, yaye ngokubaluleke nangakumbi, ekuthinjweni kokomoya. UThixo wababuyisela kwimeko entle yokomoya aba “basindileyo,” wabenza bachuma kanobom. Le meko yabo intle yokomoya, iye yatsalela izigidi zabantu aboyik’ uThixo ekubeni babathelele kunqulo lokwenyaniso.
12. Amazwi kaIsaya ayibalaselisa njani indlela uYehova anenceba ngayo kubantu bakhe?
12 La mazwi kaIsaya abalaselisa indlela uThixo anenceba ngayo kubantu bakhe. Nangona uhlanga lwamaSirayeli lwamnikel’ umva uYehova, kodwa waba nenceba kwintsalela eguqukileyo. Kumele kusikhuthaze ukwazi ukuba kwanabo banxaxha ngokunzulu banalo ithemba lokuba bangabuyela kuYehova. Abo baguqukayo abamele bavakalelwe kukuba abayifanelanga inceba kaYehova, kuba akayigatyi intliziyo etyumkileyo. (INdumiso 51:17) IBhayibhile isiqinisekisa ngelithi: “UYehova unenceba nobabalo, uzeka kade umsindo yaye unobubele bothando obuninzi. Njengoyise obenzela inceba oonyana bakhe, uYehova ubenzele inceba abo bamoyikayo.” (INdumiso 103:8, 13) Ngokuqinisekileyo, uThixo onjalo ukuba nenceba ukufanele ukudunyiswa sithi sonke!
-
-
UYehova UThixo Unenceba KwintsalelaIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu I
-
-
a Bambi abaphengululi bathi ibinzana elithi ‘ihlumelo likaYehova’ libhekisela kuMesiya, owayeza kuvela emva kokubuyiselwa kweYerusalem. KwiiTargums zesiAramiki, eli binzana lifundeka ngokuthi: “UMesiya [uKristu] kaYehova.” Okubangel’ umdla kukuba, kwaesi sibizo sikwasinye sesiHebhere (tseʹmach) siphinda sisetyenziswe nguYeremiya xa ethetha ngoMesiya ‘njengehlumelo lobulungisa’ eliveliselwe uDavide.—Yeremiya 23:5; 33:15.
b “Abo basindileyo” baquka nabo babezalelwe ekuthinjweni. Aba babenokugqalwa ‘bengabasindileyo,’ ekubeni ngebengazange bazalwe ukuba ookhokho babo babengasindanga kuloo ntshabalalo.—Ezra 9:13-15; thelekisa amaHebhere 7:9, 10.
-