-
Iphepha LabapapashiAmaNgqina KaYehova Nemfundo
-
-
Iphepha Labapapashi
AmaNgqina KaYehova Nemfundo
Le magazini ayithengiswa. Ibhalelwe ukufundisa abantu iBhayibhile
ehlabathini lonke ibe ixhaswa ngeminikelo
Ukuba ufuna ukunikela, yiya ku-donate.jw.org
Ngaphandle kokuba kuboniswe ngenye indlela, iZibhalo ezikule magazini zithathwe kwiZibhalo Ezingcwele ZeNguqulelo Yehlabathi
Elitsha.
Ishicilelwe ngoJanuwari 2019
Xhosa (ed-XO)
© 1995, 2002, 2015 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
-
-
Injongo Yale Ncwadana InemifanekisoAmaNgqina KaYehova Nemfundo
-
-
Injongo Yale Ncwadana Inemifanekiso
ISITHANDI sobulumko esingumDatshi uSpinoza sabhala sathi: “Ndiye ndazama ukungazihleki izinto ezenziwa ngabantu, zingandililisi, yaye ndingazicaphukeli, kodwa ndiziqonde.” Njengomfundisi-ntsapho, ujamelene nocelomngeni lokuzama ukuqonda iimbono, iimvelaphi nezinto abazikholelwayo abafundi obafundisayo, kuquka nabantwana bamaNgqina kaYehova. Maxa wambi, aba bafundi basenokuthabatha inyathelo elibonakala lingaqhelekanga kwimibandela ethile. Kodwa xa bekwenza oko ngenxa yonqulo lwabo okanye ngenxa yendlela abafundiswe ukuziphatha ngayo, kubalulekile ukuba unikele ingqalelo. Le ncwadana yenziwe yiWatch Tower Bible and Tract Society (umbutho opapashayo wamaNgqina kaYehova) yaye yenzelwe ukukunceda ubaqonde bhetele abafundi abangamaNgqina. Sinethemba lokuba uya kuzipha ithuba lokuyifunda ngenyameko.
Ukuqonda iinkolelo zonqulo lomnye umntu akuthethi kuthi uyazamkela okanye uyazilandela, yaye ukuxelelwa ngazo akuthethi ukuba uza kuguqulelwa kolo nqulo. Injongo yale ncwadana inemifanekiso asikokuhlohla wena okanye abantwana obafundisayo ngeembono zonqulo lwamaNgqina. Kuphela umnqweno wethu kukukwazisa ngemigaqo neenkolelo abanye babantwana obafundisayo abazifundiswayo ngabazali babo ukuze ubaqonde ngokulula abantwana abangamaNgqina uze usebenzisane nabo. Kakade ke, abantwana basenokungakwenzi oko bakufundiswayo, ekubeni umntwana ngamnye efunda ukuqhutywa sisazela sakhe.
Njengenkoliso yabazali, amaNgqina kaYehova afuna abantwana bawo bazuze lukhulu kwimfundo yabo. Ngenxa yoko, afundisa abantwana bawo ukusebenzisana nabafundisi-ntsapho. Ngokufanayo ke, abazali abangamaNgqina nabantwana babo bayakuxabisa ukuqondwa nokuhlonelwa ngabafundisi-ntsapho.
AmaNgqina kaYehova ngamaKristu aziwa ehlabathini lonke. Noko ke, maxa wambi aqondwa phosakeleyo. Ngoko ke, sinethemba lokuba le ncwadana inemifanekiso iya kukunceda ubaqonde bhetele abantwana abangamaNgqina obafundisayo. Ngokukhethekileyo, sinethemba lokuba uya kusiqonda isizathu sokuba, kwiimeko ezithile, basenokufuna ilungelo lokwahluka.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]
COVER: Pharaoh: The Complete Encyclopedia of Illustration/J. G. Heck. BACK COVER: Pyramids: From the book The Pictorial History of the World; butterfly: The Complete Encyclopedia of Illustration/J. G. Heck
-
-
Indlela AmaNgqina KaYehova Ayijonga Ngayo ImfundoAmaNgqina KaYehova Nemfundo
-
-
Indlela AmaNgqina KaYehova Ayijonga Ngayo Imfundo
Njengabo bonke abazali, amaNgqina kaYehova alixhalabele ikamva labantwana bawo. Ngoko ke ayijonga imfundo njengebaluleke gqitha. “Imfundo ifanele incede abantu babe luncedo kwabanye abantu. Kwakhona ifanele ibancede bayazi kakuhle imvelaphi yabo baze baphile ubomi obanelisa ngakumbi.”
NJENGOKUBA esi sicatshulwa sikwiThe World Book Encyclopedia sibonisa, enye yeenjongo eziphambili zemfundo kukuqeqeshela abantwana ubomi bemihla ngemihla, nto leyo equka ukubaqeqeshela ukuba ngaminazan’ ithile banyamekele iintswelo zentsapho. AmaNgqina kaYehova akholelwa kwelokuba le yimbopheleleko engcwele. NeBhayibhile ithi: “Ukuba ke umntu akabakhathalele abakhe, ngokukodwa abendlu yakhe, ulukhanyele ukholo, unobubi ngaphezu kongakholwayo.” (1 Timoti 5:8) Iminyaka abantwana abayichithela esikolweni ibaxhobisela iimbopheleleko abaza kuzithwala ebomini. Ngenxa yoko, amaNgqina avakalelwa kukuba imfundo kufuneka ithatyathwe nzulu.
AmaNgqina azabalazela ukuphila ngokuvisisana nomyalelo weBhayibhile othi: “Konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngentliziyo yenu yonke, ngokungathi nisebenzela iNkosi anisebenzeli bantu.” (Kolose 3:23, Today’s English Version) Lo mgaqo usebenza kuzo zonke izinto zobomi, kuquka isikolo. Ngaloo ndlela amaNgqina akhuthaza abaselula bawo bazibhokoxe baze bayithabathe nzulu imisebenzi abayinikwa esikolweni.
Kwakhona iBhayibhile ifundisa ukuba umntu athobele imithetho yelizwe ahlala kulo. Ngoko xa kunyanzelekile ukuba ahambe isikolo de abe neminyaka ethile, amaNgqina kaYehova ayawuthobela lo mthetho.—Roma 13:1-7.
Ngoxa ingakujongeli phantsi ukubaluleka kokuqeqeshelwa kwabo ubomi bemihla ngemihla, iBhayibhile ibonisa ukuba le asikuphela kweyona njongo iphambili yemfundo. Imfundo ephumelelayo ikwafanele ibenze babe novuyo ebomini ize ibancede babe ngabantu abalungeleleneyo phakathi kwabanye abantu. Ngaloo ndlela, amaNgqina kaYehova avakalelwa kukuba kubaluleke gqitha ukuba babe nelungelo lokuzikhethela kwizinto ezenziwa ukuphuma kwesikolo. Ayakholelwa ukuba ukuzihlaziya okwakhayo, umculo, ukuzonwabisa, ukwenza umthambo, ukuya kwimizi yogcino-zincwadi nakwiimyuziyam, njalo njalo, kunendima ebalulekileyo kwimfundo elungeleleneyo. Ukongezelela, afundisa abantwana bawo ukuba bahlonele abantu abadala baze bajonge amathuba okubanceda.
Kuthekani Ngemfundo Eyongezelelekileyo?
Ngenxa yobugcisa obutsha, iindlela zokufumana umsebenzi ziyatshintshatshintsha. Ngenxa yoko, abaselula abaninzi kuya kufuneka basebenze kwimisebenzi okanye benze izinto ababengaqeqeshelwanga zona ngokukhethekileyo. Ngenxa yoko, eyona nto iya kubanceda kakhulu, yindlela abasebenza ngayo nabaziqeqesha ngayo, ngokukodwa
-