Ngaba UliNgqina Lexesha Elizeleyo?
1 Ngaba unokuphendula ngokuthi ewe kulo mbuzo? Nangona ingengabo bonke abakhonzi bakaYehova abazahluleleyo abanokungenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo, ngaba kuyinto esengqiqweni ngathi ukulindela ukuba sonke sizigqale njengamaNgqina akhe exesha elizeleyo? Kunjalo kanye.
2 Ayikho into ekuthiwa ngumKristu wamaxesha athile. Ethetha ngoyise uYesu wathi: “Ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo kuye.” (Yoh. 8:29) UPawulos, owayevakalelwa kwangolo hlobo, wasibongoza esithi ‘zonke izinto masizenzele uzuko lukaThixo.’ (1 Kor. 10:31) Ngoko ke, sonke sifanele sizigqale njengamaNgqina kaYehova exesha elizeleyo. Ukuzigqala ngolu hlobo kuya kusinceda kuwo wonke umsebenzi esiwenzayo.
3 Qwalasela Ubungqina: Imbonakalo yethu, intetho nehambo yethu zinokubonisa abanye abantu ukuba singamaNgqina kaYehova ngokwenene. Siyaqonda ukuba sifanele sibe nembonakalo engagabadelanga, intetho eyakhayo kunye nehambo efanelekileyo nanini na sikwinkonzo yasentsimini okanye sisiya kwiintlanganiso zamaKristu. Noko ke, enoba siya esikolweni, emsebenzini, okanye siyazihlaziya, yonke into edibene nathi ifanele inikele ubungqina bokuba siphila ngemilinganiselo kaYehova yobulungisa.
4 UYesu wathi: “Isixeko asinako ukufihlakala xa simi phezu kwentaba. . . . Makukhanye ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle base uzuko kuYihlo osemazulwini.” (Mat. 5:14-16) Oku kufanele kube njalo kuyo yonke into esiyenzayo nangawo onke amaxesha. Ukuba sinokuze sibe madolw’ anzima ukunikela ubungqina ngenxa yendawo esikuyo okanye ngenxa yoko sikwenzayo, sifanele sizibuze, ‘Ngaba ndikhonza uYehova ngamaxesha athile okanye ixesha elizeleyo?’ Kwanga asingewayeki amathuba okuthetha nabanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.
5 Khumbula ukuba, xa siphendula lo mbuzo uthi, “Ngaba uliNgqina lexesha elizeleyo?” “ngoEwe!” omkhulu, siyamzukisa yaye siyamkholisa uYehova.