Ukukhangela Inkqubela Yomsebenzi Ongxamisekileyo Wokwenza Abafundi
1 Ngaphambi kokuba emke emhlabeni, uYesu wayalela abafundi bakhe ukuba ‘benze abafundi abantu beentlanga zonke.’ Kwakufuneka bashumayele ngokuzimisela baze baphum’ iphulo befundisa baze bawandise umsebenzi wabo kuwo wonke umhlaba omiweyo. (Mat. 28:19, 20; IZe. 1:8) Ngaba olo thumo balujonga njengomthwalo—ekunzima gqitha ukuwuthwala? Akunjalo ngokutsho kukampostile uYohane. Emva kokuchitha iminyaka engama-65 esenza abafundi, wabhala: “Oku koko uthando lukaThixo luthetha kona, ukuba sigcine imiyalelo yakhe; ukanti imiyalelo yakhe asiloxanduva.”—1 Yoh. 5:3.
2 Ingxelo eseZibhalweni engomsebenzi wamaKristu okuqala ingqina ukuba aluphumeza ngongxamiseko uthumo lwawo lokwenza abafundi bakaYesu Kristu. (2 Tim. 4:1, 2) Akazange enze oko kuba nje yayingumsebenzi wawo, kodwa ayenomnqweno onothando wokuzukisa uThixo nokunika abanye ithemba losindiso. (IZe. 13:47-49) Ngenxa yokuba bonke abo baba ngabafundi benza abafundi nabo kamva, ibandla lamaKristu landa ngokukhawuleza ngenkulungwane yokuqala.—IZe. 5:14; 6:7; 16:5.
3 Umsebenzi Wokwenza Abafundi Uyakhawuleziswa: Kule nkulungwane yama-20, umsebenzi wokushumayela wenziwa ngendlel’ apha esemagqabini! Ukuza kuthi ga ngoku, izigidi zabantu ziye zazamkela iindaba ezilungileyo zaza zazisebenzisa. (Luka 8:15) Njengoko le nkqubo yezinto ikhoyo iphelelwa lixesha ngokukhawuleza, “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liye lasinika izixhobo zokunceda abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo bafunde inyaniso ngokukhawuleza.—Mat. 24:45.
4 Ngowe-1995 safumana incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, ngowe-1996 kwalandela incwadana ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Ithetha ngencwadi ethi Ulwazi, inkupho yeMboniselo kaJanuwari 15, 1996, iphepha 14 yathi: “Le ncwadi inamaphepha ali-192 inokufundwa ngexesha elifutshane kakhulu, yaye abo ‘babenotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade’ bafanele bakwazi ukufumana ulwazi olwaneleyo ukuba bazahlulele kuYehova baze babhaptizwe emva kokuyifunda.”—IZe. 13:48.
5 Isihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1996 esinomxholo othi “Indlela Yokwenza Abafundi Ngencwadi Ethi Ulwazi,” sasibekela olu sukelo: “Ngokuxhomekeka kwiimeko nesakhono somfundi, usenokukwazi ukugubungela izahluko ezininzi malunga nesithuba seyure, ngaphandle kokusileqa isifundo. Abafundi baya kwenza inkqubela entle xa umfundisi kunye nomfundi beligcina ixesha labo lesifundo iveki nganye.” Eli nqaku lahlabela mgama lisithi: “Kufanele kulindelwe ukuba ngexesha umfundi eya kube egqiba ukufundisisa incwadi ethi Ulwazi, ukunyaniseka kwakhe nokuba nomdla ongazenzisiyo ekunquleni uThixo kuya kube kuzicacele.” Isingxobo Semibuzo esikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 1996 sathi: “Kulindeleke ukuba kwithutyana nje elingephi ngokwentelekiso, umfundisi onempumelelo uya kukwazi ukunceda nawuphi na umfundi afumane ulwazi olwaneleyo oluya kumenza azenzele isigqibo esibhadlileyo sokukhonza uYehova.”
6 Incwadi Ethi Ulwazi Iba Nemiphumo Emihle: Ngoxa lalibhaptizwa, elinye ibhinqa eliselula labalisa ngendlela elavakalelwa ngayo kukufundisa incwadi ethi Ulwazi. Kangangethuba elithile, lalifundisisa incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade ibe lalisaneliseka kukuyithela chu xa liyifunda. Xa kwakhululwa incwadi ethi Ulwazi, udade owayeliqhubela isifundo watshintshela kule ncwadi intsha. Lo mfundi wabona zisuka nje ukuba kuza kufuneka enze isigqibo, ibe loo nto yamkhuthazela ukuba enze inkqubela ekhawulezileyo ukususela kweloo nqanaba ukusa phambili. Eli bhinqa liselula, ngoku elingudadewethu, lithi: “Incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade yandinceda ndamthanda uYehova, kodwa incwadi ethi Ulwazi yandinceda ndenza isigqibo sokukhonza uYehova.”
7 Khawucinge nje ngendlela elinye ibhinqa elayifunda ngokukhawuleza ngayo inyaniso. Emva kokufunda izihlandlo ezibini, laya kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani ngoxa kwakutyelele umveleli wesiphaluka. Kuloo veki, njengoko lalifunda okwesithathu, lamxelela ukuba sele lizahlulele kuYehova ibe lifuna ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga. Ladibana nabadala, abalincomelayo njengomvakalisi ibe kwiveki elandela leyo laqalisa kwinkonzo yasentsimini. Lazimisela gqitha kwisifundo salo seBhayibhile kangangokuba lahlab’ ikhefu emsebenzini ukuze lifundisise kabini okanye kathathu ngeveki lize lichithe ixesha elingakumbi kubulungiseleli. Udade owayeliqhubela isifundo wayengasiqhubi isifundo ukuba alizikrwelelanga iimpendulo lize likhangele izibhalo kwangaphambili. Maxa wambi babedla ngokuxubusha izahluko ezibini okanye ezithathu ngexesh’ elinye. Lenza inkqubela ekhawulezileyo kuzo zonke iinkalo zobomi balo, layigqiba incwadi ethi Ulwazi ngeeveki nje ezine laza lenza inkqubela eyakhokelela ekubeni libhaptizwe!
8 Umyeni womnye udade uthi xa ezichaza “wayeliqabane elingakholwayo hayi nje kancinane.” Ngeny’ imini, omnye umzalwana wacela ukumqhubela isifundo seBhayibhile kwincwadi ethi Ulwazi bavumelana ngelokuba angasithi tya nanini na efuna eso sifundo. Lo myeni walo dade wathi uya kukhe azame nje, nangona wayengengomfundi ukrelekrele ngoxa wayesafunda ibe wayengazange afunde naluphi uhlobo loncwadi lonqulo kangangeminyaka engaphezu kwama-20. Wasabela njani emva kokuba efunde incwadi ethi Ulwazi? Wathi: “Kaloku kwandiyolisa gqitha ukufumanisa ukuba le ncwadi yokufundisisa iBhayibhile ibhalwe ngendlela ecace ngolu hlobo. Ngendlela ecace nefaneleke ngayo le nkcazelo sasiba ngathi asisafiki isifundo esilandelayo. Esebenzisa ubuchule umfundisi wam walandela iindlela zokwenza abafundi ezandlalwe nguMbutho ibe ngoncedo lomoya kaYehova, ndabhaptizwa kwiinyanga ezine emva koko. Eneneni ndingathi ukuba sihlakulela uthando ngokwenza abafundi, siqhubeke sikhangela abantliziyo zilungileyo kubulungiseleli basentsimini, sisebenzise incwadi ethi Ulwazi nezinye iincwadi zokufundisisa iBhayibhile esizinikwe nguMbutho size, eyona nto ibaluleke gqitha sithandazele ulwalathiso lukaYehova, siya kuba nelungelo elikhethekileyo lokuncedisa ekwenzeni abafundi.” Noko ke, la mava angasentla akhetheke ngokwenene. Kaloku uninzi lwabafundi bethu alungeni ngokukhawuleza ngolu hlobo enyanisweni.
9 Inkqubela Yabafundi Iyashiyana: Into esimele siyiqonde yile yokuba ubuchule bomfundisi nomfundi weLizwi likaThixo busenokwahluka gqitha. Usenokukhawuleza enze inkqubela ngokomoya okanye acothe. Kwiinyanga nje ezimbalwa abanye abafundi banokwenza inkqubela ekunokuthabatha iinyanga ngaphambi kokuba yenziwe ngabanye. Umlinganiselo umntu enza ngawo inkqubela yokomoya unento yokwenza nemfundo yakhe, indlela azixabisa ngayo izinto zokomoya nobunzulu bokuzinikela kwakhe kuYehova. Asinguye wonke umntu esifunda naye ‘oneyona ntumekelelo inkulu yengqondo’ yokufunda iZibhalo imihla ngemihla, njengoko benzayo abantu baseBhereya ababa ngamakholwa.—IZe. 17:11, 12.
10 Kungeso sizathu isihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Aprili 1998, esinomxholo othi “Kufunwa—Izifundo ZeBhayibhile Ezingakumbi,” sinikela olu lwalathiso lusengqiqweni: “Kakade ke, abafundi beBhayibhile abenzi nkqubela ngomlinganiselo ofanayo. Bambi abatyekelanga kwizinto zokomoya njengabanye bengakwazi kananjalo ukuzibamba ngokukhawuleza izinto abazifundiswayo. Abanye baphila ubomi obumanxadanxada yaye basenokungakwazi ukuba nexesha lokugubungela isahluko ngeveki nganye. Ngaloo ndlela, maxa wambi kusenokufuneka usebenzise izihlandlo ezingaphezu kwesinye ukuze ugubungele izahluko ezithile kunye neenyanga ezithile ezongezelelekileyo ukuze ugqibe incwadi.”
11 Abo Benza Abafundi Bahlala Benembono Elungeleleneyo: Ngoxa sifanele sibe nosukelo lokusigqiba kangangoko kunokwenzeka isifundo seBhayibhile nomntu othile kufuneka sihlole inkqubela yesifundo ngokweemeko nesakhono somfundi. Njengoko sikhuthazwa ukuba siziqalise izifundo kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, kusenokuthabatha iinyanga ezimbini okanye ezintathu ngaphambi kokuba igqitywe kuze kudlulelwe kwincwadi ethi Ulwazi. Ukuba siwasebenzisa onke amacebiso awayekwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1996, kusenokuthabatha ezinye iinyanga ezintandathu ukuya kutsho kwezisithoba ukuze sigqibe incwadi ethi Ulwazi. Ukuba isifundo besiqalwe kwincwadi ethi Ulwazi ibe senza inkqubela entle, kunokuba yingenelo ukufunda incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo emva kokuba igqityiwe le ncwadi, ngaloo ndlela nihlolisisa ngokukhawuleza iinyaniso ezisisiseko zeLizwi likaThixo. Kuzo zombini ezi meko, asifuni ukuba umfundi angacacelwa kuba nje sileqel’ ukugqiba. Kufuneka wonke umfundi abe nesiseko esomeleleyo sokholo lwakhe olutsha kwiLizwi likaThixo.
12 Ngenxa yendawo esikuyo kumsinga wexesha, kungxamiseke ngakumbi kunanini na ngaphambili ukuba sincede abanye bafunde inyaniso. Ngaphandle kokuthandazela ukuqalisa izifundo ezitsha zeBhayibhile, masithandazele abo sele sifunda nabo. Kuya kusivuyisa ukuqhubeka sibhaptiza abafundi abangakumbi “yonke imihla de kube sekuqoshelisweni kwenkqubo yezinto.”—Mat. 28:20.