Ukunika UYehova Okona Kusemagqabini
1 UMthetho kaYehova kumaSirayeli watsho ngokucacileyo ukuba izilwanyana ezazinikelwa kuye njengedini zazifanele “ziphile.” Isilwanyana esinesiphene sasingamkelekanga. (Lev. 22:18-20; Mal. 1:6-9) Ukongezelela, xa kusenziwa idini, onke amanqatha—ezona ndawo zityebileyo—yayizezikaYehova. (Lev. 3:14-16) NjengoYise wamaSirayeli neNkosi eZukileyo, uYehova wayefanelwe kokona kusemagqabini.
2 Njengamandulo, uThixo unomdla kakhulu kumgangatho wamadini ethu namhlanje. Inkonzo yethu ifanele ibonise intlonelo enzulu ngoYehova. Kakade ke, iimeko ziyahluka ngokwabantu ngabanye. Kodwa ke, sinako ukuhlolisisa iimeko zethu ukuze siqiniseke ukuba simnika eyona nkonzo isemagqabini.—Efe. 5:10.
3 Inkonzo Yomphefumlo Uphela: Ukuze ubulungiseleli bethu buzukise uYehova buze buchukumise iintliziyo zabaphulaphuli bethu, abufanele bube ngathi kukudlulis’ usana kunina. Amagqabaza esiwenzayo ngoThixo wethu neenjongo zakhe ezizukileyo afanele aphume kwintliziyo ezele luxabiso. (INdu. 145:7) Oku kubonisa ukubaluleka kokuba nocwangciso lobuqu lokufundisisa iBhayibhile.—IMize. 15:28.
4 Ukuze simnike okona kusemagqabini uYehova kufuneka sixelise indlela abathanda ngayo abantu. (Efe. 5:1, 2) Ukuba siyabathanda abantu siya kuzama ukufikelela abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ngesigidimi senyaniso esinika ubomi. (Marko 6:34) Olo thando lusenza sibe nomdla kubantu esithetha nabo. Lusenza siqhubeke sicinga ngabo emva kotyelelo lokuqala size sibuyele ngokukhawuleza. Luyasiqhuba ukuba senze konke esinako ukuze sibancede benze inkqubela ngokomoya.—IZe. 20:24; 26:28, 29.
5 “Idini Lendumiso”: Enye indlela esimdumisa ngayo uYehova kukuzibhokoxa kubulungiseleli bethu. Ukuba silungelelene yaye sinikela ingqalelo kumsebenzi ekufuneka siwenze, sinokuphumeza okuninzi ngexesha esinalo. (1 Tim. 4:10) Xa silungiselele kakuhle siye sithethe ngokucacileyo ngolweyiseko, ngaloo ndlela sibenza abantu basabele kakuhle nangakumbi. (IMize. 16:21) Njengoko sithetha nabanye ngeendaba ezilungileyo, amagqabaza ethu asuka entliziyweni kunokuthiwa ‘ngumbingelelo wendumiso.’—Heb. 13:15.