-
Bonakalisa Uxabiso Olufanelekileyo Ngesipho Onaso SobomiIMboniselo—2004 | Juni 15
-
-
Bonakalisa Uxabiso Olufanelekileyo Ngesipho Onaso Sobomi
“Igazi likaKristu, [liya] kuhlambulula izazela zethu kwimisebenzi efileyo ukuze sinikele inkonzo engcwele kuThixo ophilayo.”—HEBHERE 9:14.
1. Ziziphi iindlela esibonisa ngazo ukuba sibuxabisa gqitha ubomi?
UKUBA bekunokubuzwa ukuba buxabiseke kangakanani ubomi bakho, ubuya kuthini? Sibuxabisa gqitha ubomi—obethu nobabanye. Ngenxa yoko, sisenokuya kugqirha ukuze asinyange xa sigula okanye siye kuxilongwa ngokuthe rhoqo. Sifuna ukuhlala siphila yaye sisempilweni. Kwanenkoliso yabantu abalupheleyo okanye abaneziphene abafuni kufa; bafuna ukuhlala bephila.
2, 3. (a) IMizekeliso 23:22 ibalaselisa yiphi imbopheleleko? (b) UThixo ungenelela njani kwimbopheleleko echazwe kwiMizekeliso 23:22?
2 Indlela obujonga ngayo ubomi inokuthanani nolwalamano onalo nabanye. Ngokomzekelo, iLizwi likaThixo liyalela lisithi: “Mphulaphule uyihlo okuzeleyo, yaye ungamdeleli unyoko ngenxa nje yokuba emdala.” (IMizekeliso 23:22) ‘Ukuphulaphula’ kuthetha okungakumbi kunokuva nje amazwi; lo mzekeliso uthetha ukuphulaphula uze uthobele. (Eksodus 15:26; Duteronomi 7:12; 13:18; 15:5; Yoshuwa 22:2; INdumiso 81:13) ILizwi likaThixo linikela siphi isizathu sokuphulaphula? Alithi phulaphula uyihlo nonyoko kuba nje bebadala kuwe okanye benamava angakumbi. Isizathu esichaziweyo sikukuba ‘ukuzele.’ Ezinye iinguqulelo zithi kule ndinyana: “Mphulaphule uyihlo owakunika ubomi.” Kuyaqondakala ukuba, ukuba ubuxabisile ubomi bakho, umxabise ngakumbi umntu owakunika obo bomi.
3 Phofu ke, ukuba ungumKristu wokwenene, uyaqonda ukuba uMthombo wobomi bakho nguYehova. Ngaye, ‘unobomi’ uyakwazi ‘ukushukuma,’ ukwenza izinto njengesidalwa esineemvakalelo; yaye ngoku ‘ukho’, unokucinga okanye ucebe ikamva, kuquka nobomi obungapheliyo. (IZenzo 17:28; INdumiso 36:9; INtshumayeli 3:11) Ngokuvumelana neMizekeliso 23:22, kufanelekile ‘ukumphulaphula’ uThixo ngokuzithoba, unomnqweno wokukuqonda nokwenza ukuthanda kwakhe kunokukhetha ukwenza nantoni na ebomini.
Bonakalisa Uxabiso Ngobomi
4. Kwasekuqaleni kwembali yabantu, yavuka njani imbambano yokuhlonela ubomi?
4 Kwasekuqaleni kwembali yabantu, uYehova wakwenza kwacaca ukuba akabavumeli abantu bazikhethele indlela yokubusebenzisa (okanye yokubusebenzisa kakubi) ubomi nangasiphi na isizathu. Ephethwe ngumona, uKayin waphelisa ubomi bomntu ongenatyala, obomntakwabo uAbheli. Ngaba ucinga ukuba uKayin wayenelungelo lokwenza eso sigqibo ngobomi? UThixo akazange acinge njalo. Wambuza uKayin esithi: “Wenze ntoni na? Phulaphula! Igazi lomntakwenu liyadanduluka kum emhlabeni.” (Genesis 4:10) Phawula ukuba igazi lika-Abheli elisemhlabeni lalimela ubomi bakhe, obuye bashunqulelwa ngenkohlakalo, yaye babukhalela impindezelo kaThixo.—Hebhere 12:24.
5. (a) Nguwuphi umqathango uThixo awubeka ngomhla kaNowa, yaye wawusebenza koobani? (b) Lo mqathango wawulinyathelo elibalulekileyo ngayiphi ingqiqo?
5 Emva koMkhukula, abantu baba nesiqalo esitsha beyimiphefumlo nje esibhozo. Ethetha nabantu bonke, uThixo wabatyhilela okungakumbi ngendlela abuxabisa ngayo ubomi negazi. Wathi abantu bangayitya inyama yezilwanyana, kodwa wabeka lo mqathango: “Zonke [izilwanyana] eziphilileyo mazibe kukutya kuni. Njengotyani obuluhlaza, ndizinikela zonke kuni. Kuphela yinyama enomphefumlo wayo—igazi layo—eningamele niyidle.” (Genesis 9:3, 4) Wambi amaYuda akuthabatha oku njengokuthetha ukuba abantu abafanele bayitye inyama okanye igazi lesilwanyana esisaphilayo. Kodwa ekuhambeni kwexesha kwacaca ukuba apha uThixo wayethetha ukutya igazi ukuze ubani alondoloze ubomi. Ngaphezu koko, umyalelo kaThixo owadluliselwa ngoNowa wawubaluleke gqitha ekufezeni injongo Yakhe ebalulekileyo ebandakanya igazi—nto leyo eyayiya kuvumela abantu ukuba bafumane ubomi obungunaphakade.
6. Esebenzisa uNowa, uThixo wayigxininisa njani indlela abujonga ngayo ubomi?
6 UThixo wahlabela mgama waza wathi: “Ndiya kulibiza igazi lemiphefumlo yenu. Ndiya kulibiza esandleni sazo zonke izidalwa eziphilayo; nasesandleni somntu, ndiwubize umphefumlo womntu esandleni sakhe ngamnye ongumzalwana wakhe. Nabani na ophalaza igazi lomntu, lophalazwa ngumntu nelakhe igazi, kuba umntu wenziwa ngomfanekiso kaThixo.” (Genesis 9:5, 6) Ngokusuka kula mazwi awayebhekiswa kubo bonke abantu unokubona ukuba uThixo wayeligqala igazi njengelimela ubomi baloo mntu. UMdali unika umntu ukuphila, yaye akukho mntu ofanele abuthabathe obo bomi, obumelwa ligazi. Ukuba, njengoKayin, ubani ubulala umntu, uMdali unelungelo ‘lokubiza’ ubomi balowo ubuleleyo.
7. Kutheni sifanele sibe nomdla koko uThixo wakuthethayo kuNowa ngegazi?
7 Ngala mazwi, uThixo wayeyalela abantu ukuba bangalisebenzisi kakubi igazi. Ngaba wakha wazibuza isizathu? Kwakhona, ngaba wakha wazibuza isizathu sokuba uThixo aligqale ngale ndlela igazi? Enyanisweni, impendulo ibandakanya enye yezona mfundiso zibalulekileyo eBhayibhileni. Loo mfundiso ingundoqo wesigidimi samaKristu, nangona iicawa ezininzi zikhetha ukusityeshela. Yiyiphi loo mfundiso, yaye ubomi bakho, izigqibo nezinto ozenzayo zibandakanyeke njani?
Igazi—Linokusetyenziswa Njani?
8. EMthethweni, uYehova wabeka wuphi umqathango ngokusetyenziswa kwegazi?
8 UYehova wanikela iinkcukacha ezingakumbi ngobomi negazi xa wanika uSirayeli uMthetho. Ngoxa wayesenza oko, wathabatha elinye inyathelo ekufezeni iinjongo zakhe. Mhlawumbi uyazi ukuba uMthetho wawuyalela ukuba kunikelwe amadini kuThixo, njengokutya okuziinkozo, ioli newayini. (Levitikus 2:1-4; 23:13; Numeri 15:1-5) Kwakufanele kwenziwe namadini ezilwanyana. UThixo wathi ngezi zinto: “Umphefumlo wenyama usegazini, yaye mna ndaninika lona esibingelelweni ukuze kucanyagushelwe imiphefumlo yenu, kuba igazi eli licamagusha ngomphefumlo okulo. Kungenxa yoko le nto ndithe koonyana bakaSirayeli: ‘Makungabikho namnye umphefumlo kuni odla igazi.’” UYehova wongezelela esithi, ukuba umntu othile njengomzingeli okanye umfama, uxhele isilwanyana esithile ukuze sityiwe, kufuneka asophise aze igazi laso aligqumelele ngomhlaba. Umhlaba usisihlalo seenyawo zikaThixo, yaye ngokulithululela emhlabeni igazi, loo mntu wayevuma ukubuyisela ubomi kuMniki-bomi.—Levitikus 17:11-13; Isaya 66:1.
9. UMthetho wayalela ukuba igazi lisetyenziselwe ntoni kuphela, yaye oku kwakungayiphi injongo?
9 Loo mthetho wawungesosithethe nje sonqulo esingabalulekanga kuthi. Ngaba usiphawulile isizathu sokuba amaSirayeli kwakufuneka angalidli igazi? UThixo wathi: “Kungenxa yoko le nto ndithe koonyana bakaSirayeli: ‘Makungabikho namnye umphefumlo kuni odla igazi.’” Kwakungenxa yasiphi isizathu? “Mna ndaninika [igazi] esibingelelweni ukuze kucanyagushelwe imiphefumlo yenu.” Ngaba uphawulile ukuba esi sisizathu sokuba uThixo waxelela uNowa ukuba abantu babengafanele balitye igazi? UMdali wakhetha ukuligqala igazi njengento ebalulekileyo, elisebenzisela into ebalulekileyo enokusindisa ubomi. Igazi laliza kuba nendima ebalulekileyo ekugubungeleni izono (intlawulelo). Ngoko ke ngokutsho koMthetho, uThixo wayalela ukuba igazi lisetyenziswe esibingelelweni ukuze licamagushele ubomi bamaSirayeli, awayefuna ukuxolelwa nguYehova.
10. Kutheni igazi lezilwanyana lalingenakukhokelela ekuxolelweni okupheleleyo kwezono, kodwa amadini awayesenziwa phantsi koMthetho ayesisikhumbuzo santoni?
10 Le asinto ingaziwayo ngamaKristu. Ethetha ngeli lungiselelo loMthetho elamiselwa nguThixo, umpostile uPawulos owayengumKristu wabhala wathi: “Phantse zonke izinto zihlanjululwa ngegazi ngokuvumelana noMthetho, yaye kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa.” (Hebhere 9:22) UPawulos wacacisa ukuba amadini awayefanele enziwe ayengawenzi amaSirayeli abe ngabantu abafezekileyo, abantu abangenasono. Wabhala: “Ngale mibingelelo kukhunjuzwa ngezono unyaka nonyaka, kuba akunakwenzeka ukuba igazi leenkunzi zeenkomo neleebhokhwe lisuse izono.” (Hebhere 10:1-4) Sekunjalo, amadini anjalo ayefeza injongo ethile. Ayekhumbuza amaSirayeli ukuba ayenesono yaye ayefanele enze okungakumbi ukuze axolelwe ngokupheleleyo. Kodwa ukuba igazi elalimela ubomi bezilwanyana lalingakwazi ukuzigubungela ngokupheleleyo izono zabantu, ngaba likho igazi elalinokukwenza oko?
Isicombululo SoMniki-bomi
11. Sazi njani ukuba amadini egazi lezilwanyana ayekhokelela kwenye into?
11 Enyanisweni uMthetho wawukhokelela kwinto ebaluleke ngakumbi ekufezweni kwenjongo kaThixo. UPawulos wabuza: “Kuthekani, ke ngoko, ngoMthetho?” Waphendula esithi: “Wongezwa ukuze ukunxaxha kubonakaliswe, de ifike imbewu ekwakwenziwe kuyo isithembiso; yaye wadluliselwa ngeengelosi ngesandla somlamli [uMoses].” (Galati 3:19) Kwakhona, uPawulos wabhala: “UMthetho unesithunzi sezinto ezilungileyo eziza kuza, kodwa ungenawo owona mongo wezinto.”—Hebhere 10:1.
12. Ngokuphathelele igazi, sinokukubona njani ukutyhileka kwenjongo kaThixo?
12 Ngamafutshane, khumbula ukuba ngomhla kaNowa uThixo wabavumela abantu ukuba batye inyama ukuze baqhubeke bephila, kodwa babengafanele balitye igazi. Ekuhambeni kwexesha, uThixo wathi “umphefumlo wenyama usegazini.” Ewe, wakhetha ukuligqala igazi njengelimela ubomi waza wathi: “Mna ndaninika [igazi] esibingelelweni ukuze kucanyagushelwe imiphefumlo yenu.” Noko ke, kwakuseza kutyhileka enye injongo kaThixo ebalulekileyo. UMthetho wawusisithunzi sezinto ezintle ezizayo. Ziziphi ezo zinto?
13. Ukufa kukaYesu kwakubaluleke ngantoni?
13 Umongo uphathelele ukufa kukaYesu Kristu. Uyazi ukuba uYesu wathuthunjiswa waza wabethelelwa. Wafa njengesikrelemnqa. UPawulos wathi: “UKristu, wathi ngoxa sasisebuthathaka, wabafela abantu abangenabuthixo ngexesha elimiselweyo. . . . UThixo ubonakalisa uthando lwakhe kuthi ngokuthi, ngoxa sasisengaboni, uKristu asifele.” (Roma 5:6, 8) Ngokusifela kwakhe, uKristu wanikela intlawulelo yokugubungela izono zethu. Loo ntlawulelo ingundoqo kwisigidimi samaKristu. (Mateyu 20:28; Yohane 3:16; 1 Korinte 15:3; 1 Timoti 2:6) Oku kunakuthanani negazi nobomi, yaye ubomi bakho bubandakanyeke njani?
14, 15. (a) Ezinye iinguqulelo kwabase-Efese 1:7 zigxininisa njani ekufeni kukaYesu? (b) Yiyiphi ingongoma enokutyeshelwa kwabase-Efese 1:7?
14 Ezinye iicawa ziyakubalaselisa ukufa kukaYesu, kangangokuba amarhamente ade athi “uYesu wandifela.” Phawula indlela ezinye iinguqulelo zeBhayibhile eziyiguqulela ngayo eyabase-Efese 1:7: “Sikhululwe ngaye nangokufa kwakhe, saxolelwa iziphoso zethu.” (The American Bible, nguFrank Scheil Ballentine, 1902) “Ngokufa kukaKristu sikhululwe, yaye izono zethu zixolelwe.” (Today’s English Version, 1966) “Sikhululwe ngoKristu nangokuncama kwakhe ubomi bakhe, inkululeko ethetha ukuxolelwa kwezono.” (The New Testament, nguWilliam Barclay, 1969) “Izono zethu zixolelwe ngokufa kukaKristu yaye sikhululwe.” (The Translator’s New Testament, 1973) Kwezi nguqulelo usenokubona indlela ekugxininiswa ngayo ukufa kukaYesu. Abanye basenokuthi ‘kakade, kubaluleke ngokwenene ukufa kukaYesu. Ngoko ke, yintoni le ityeshelweyo kwezi nguqulelo?’
15 Enyanisweni, ukuba ubuxhomekeke kwezi nguqulelo, usenokungayiboni ingongoma ebalulekileyo, yaye oku kusenokukwenza ungasiqondi ngokupheleleyo isigidimi seBhayibhile. Ezi nguqulelo aziyivelisi ingongoma yokuba inguqulelo yamandulo kwabase-Efese 1:7 yayinegama lesiGrike elithetha “igazi.” Ngenxa yoko, iiBhayibhile ezininzi, njengeNguqulelo Yehlabathi Elitsha, zisondele kwinguqulelo yamandulo ethi: “Ngaye siye sakhululwa ngentlawulelo ngalo igazi lakhe, saxolelwa izigqitho zethu, ngokobutyebi bobubele bakhe obungasifanelanga.”
16. Amazwi athi “igazi lakhe” afanele asenze sicinge ntoni?
16 Amazwi athi “igazi lakhe” aqulethe lukhulu yaye afanele asenze sicingisise nzulu. Kwakufuneka okungakumbi kunokufa nje, kwanokufa komntu ofezekileyo uYesu. Wazalisekisa oko kwafuziselwa eMthethweni, ngokukhethekileyo uMhla Wocamagusho. Ngolo suku lukhethekileyo, kwakusenziwa amadini ngezilwanyana ezithile ezikhethiweyo. Wayesandula ke umbingeleli omkhulu acaphule inxalenye yegazi lazo angene kwigumbi okanye kwitempile ekweYona Ngcwele, aze alisondeze kuThixo, ngokungathi uphambi kwakhe.—Eksodus 25:22; Levitikus 16:2-19.
17. UYesu wakuzalisekisa njani oko kwakufuziselwa nguMhla Wocamagusho?
17 UYesu wakuzalisekisa oko kwakufuziselwa nguMhla Wocamagusho, njengokuba uPawulos wacacisa. Okokuqala, wakhankanya ukuba umbingeleli omkhulu kwaSirayeli wayengena kweYona Ngcwele kanye ngonyaka enegazi aza kulinikela “ngenxa yakhe nangenxa yezono ezenziwa ngabantu ngokungazi.” (Hebhere 9:6, 7) Ngokuvisisana noko, emva kokuvuswa engumoya, uYesu waya ezulwini. Njengomoya, engenamzimba wenyama negazi, wayenokubonakala phambi “kukaThixo ngenkqu ngenxa yethu.” Wayezise ntoni kuThixo? Wayengazisanga into ebonakalayo kodwa into ebaluleke gqitha. UPawulos uhlabela mgama esithi: “Xa uKristu weza njengombingeleli omkhulu . . . , wangena, kungekhona ngegazi leebhokhwe nelamathole eenkomo aziinkunzi, kodwa ngelakhe igazi, kwaba kanye kwindawo engcwele waza wasizuzela intlangulo engunaphakade. Kuba ukuba igazi leebhokhwe neleenkunzi zeenkomo . . . lingcwalisa ukusa kumkhamo wokuhlanjululwa kwenyama, liya kuba nako ngakumbi kangakanani na ke lona igazi likaKristu, owathi ngomoya ongunaphakade wazinikela kuThixo engenasiphako, ukuhlambulula izazela zethu kwimisebenzi efileyo ukuze sinikele inkonzo engcwele kuThixo ophilayo?” Ewe, uYesu wanikela kuThixo ixabiso legazi lakhe.—Hebhere 9:11-14, 24, 28; 10:11-14; 1 Petros 3:18.
18. Kutheni kubalulekile oko iBhayibhile ikuthethayo ngegazi kumaKristu namhlanje?
18 Le nyaniso ivela kuThixo isenza sikwazi ukubona ukubaluleka koko kuthethwa yiBhayibhile ngegazi—isizathu sokuba uThixo alijonge ngendlela alijonga ngayo, indlela esifanele silijonge ngayo, nesizathu sokuba siyithobele imiqathango uThixo ayibekileyo ngokuphathelele ukusetyenziswa kwegazi. Xa ufunda iincwadi zeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, uya kufumana iindinyana ezininzi ezithetha ngegazi likaKristu. (Bona ibhokisi.) Ezi ndinyana zibonisa ngokucacileyo ukuba umKristu ngamnye ufanele abe nokholo “kwigazi lakhe [uYesu].” (Roma 3:25) Sinokuxolelwa size sibe seluxolweni noThixo kuphela “ngegazi [uYesu] awaliphalaza.” (Kolose 1:20) Ngokuqinisekileyo oku kunjalo kwabo uYesu wenza umnqophiso wokulawula kunye naye ezulwini. (Luka 22:20, 28-30; 1 Korinte 11:25; Hebhere 13:20) Kwakhona kunjalo ‘nangesihlwele esikhulu’ namhlanje, esiya kusinda ‘kwimbandezelo enkulu’ ezayo size siphile ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. Ngokufuziselayo, ‘sihlamba imiwunduzo yaso egazini leMvana.’—ISityhilelo 7:9, 14.
19, 20. (a) Kutheni uThixo wakhetha ukubeka imiqathango kwindlela elisetyenziswa ngayo igazi, yaye thina sifanele sivakalelwe njani ngoko? (b) Yintoni esifanele sifune ukuyazi?
19 Ngokucacileyo, igazi libalulekile kuThixo. Lifanele libe njalo nakuthi. UMdali, onomdla kubomi, unelungelo lokubekela abantu imiqathango ngoko bafanele bakwenze ngegazi. Enomdla okhethekileyo ngobomi bethu, ukhethe ukuba igazi lisetyenziselwe injongo enye ebalulekileyo, ekuphela kwendlela yokuba ukuphila okungunaphakade kufumaneke. Loo ndlela yabandakanya igazi elixabisekileyo likaYesu. Hayi indlela esinombulelo ngayo kuba uYehova uThixo uye wasinceda ngokusebenzisa igazi—igazi likaYesu—ngendlela yakhe yokusindisa ubomi! Yaye hayi indlela esifanele sibe nombulelo ngayo kuYesu ngokuncama igazi lakhe ngenxa yethu! Ngokwenene, sinokuwaqonda amazwi athethwa ngumpostile uYohane xa wathi: “Kulowo usithandayo nowasikhululayo kwizono zethu ngegazi lakhe—yaye wasenza ukuba sibe bubukumkani, ababingeleli kuThixo wakhe noYise—ewe, kuye makubekho uzuko namandla ngonaphakade. Amen.”—ISityhilelo 1:5, 6.
20 Kudala uThixo wethu onobulumko bonke nonguMniki-bomi eyazi indima anayo ekusindiseni ubomi. Sisenokubuza, ‘Ngaba oku kufanele kuzichaphazele njani izigqibo esizenzayo nezenzo zethu?’ Inqaku elilandelayo liza kuwuphendula lo mbuzo.
-
-
Yamkela Ukhokelo LoThixo OphilayoIMboniselo—2004 | Juni 15
-
-
Yamkela Ukhokelo LoThixo Ophilayo
“[Jikani nize] . . . kuThixo ophilayo, owenza izulu nomhlaba nolwandle nezinto zonke ezikuzo.”—IZENZO 14:15.
1, 2. Kutheni kufanelekile ukumgqala uYehova ‘njengoThixo ophilayo’?
EMVA kokuba umpostile uPawulos noBharnabhas bephilise umntu othile, uPawulos wabaqinisekisa abantu ababebukele eListra esithi: “Nathi singabantu abanobulwelwe obufanayo njengoko ninjalo nani, yaye sivakalisa iindaba ezilungileyo kuni, ukuba nani nijike kwezi zinto zililize niye kuThixo ophilayo, owenza izulu nomhlaba nolwandle nezinto zonke ezikuzo.”—IZenzo 14:15.
2 Hayi indlela okuyinyaniso ngayo ukuba uYehova, akasosithixo nje singaphiliyo, kodwa ‘nguThixo ophilayo’! (Yeremiya 10:10; 1 Tesalonika 1:9, 10) Phezu kwako nje ukuba yena ephila, uYehova nguMthombo wobomi bethu. “Yena ubanika bonke abantu ubomi nempefumlo nezinto zonke.” (IZenzo 17:25) Unomdla wokuba sikuvuyele ukuphila, ngoku nakwixesha elizayo. UPawulos wongezelela esithi uThixo ‘akazange azishiye yena ngokwakhe ngaphandle kobungqina ngokuba wenza okulungileyo, eninika iimvula ezivela ezulwini namaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zenu ngokutya nangokuchwayita.’—IZenzo 14:17.
3. Kutheni sinokuluthemba ukhokelo lukaThixo?
3 Umdla uThixo anawo kubomi bethu usinika isizathu sokuluthemba ukhokelo lwakhe. (INdumiso 147:8; Mateyu 5:45) Abanye basenokungavumelani noku xa befumanisa ukuba umyalelo othile weBhayibhile abawuqondi okanye ubonakala ubabekela umqathango. Sekunjalo, ukuluthemba ukhokelo lukaYehova kungqineke kububulumko. Ukuzekelisa: Enoba umSirayeli wayengawuqondi umthetho owawusalela ukuchukunyiswa kwesidumbu, wazuza ngokuwuthobela. Okokuqala, ukuwuthobela kwakuya kumsondeza ngakumbi kuThixo ophilayo; okwesibini, kwakuya kumnceda aphephe izifo.—Levitikus 5:2; 11:24.
4, 5. (a) Ngaphambi kwexesha lamaKristu, uYehova wanikela luphi ukhokelo ngokuphathelele igazi? (b) Sazi njani ukuba ukhokelo lukaThixo ngokuphathelele igazi luyawachaphazela amaKristu?
4 Oku kunjalo nangokhokelo lukaThixo ngegazi. Waxelela uNowa ukuba abantu abafanele balidle igazi. Wandula ke ngoMthetho, uThixo watyhila ukuba ekuphela kwendlela eyamkelekileyo yokusetyenziswa kwegazi kusesibingelelweni—ukuze kuxolelwe izono. Ngaloo mithetho uThixo wayebeka isiseko seyona ndlela ibalaseleyo yokusetyenziswa kwegazi—ukusindiswa kwabantu ngentlawulelo kaYesu. (Hebhere 9:14) Ewe, uThixo wamisela olu khokelo ecinga ngobomi nempilo-ntle yethu. Ethetha ngeGenesis 9:4, umphengululi weBhayibhile wenkulungwane ye-19 uAdam Clarke wabhala: “Lo mthetho [owanikelwa kuNowa] usathotyelwa ngokungqongqo ngamaKristu asempuma . . . Igazi lalingadliwa ngaphantsi komthetho, kuba lalifanekisela igazi ekwakufuneka lithululwe ngenxa yezono zehlabathi, yaye ngokutsho kweVangeli alifanele lidliwe, ngoba lifanele lisoloko ligqalwa njengegazi eliye laphalala ukuxolela izono.”
5 Lo mphengululi usenokuba wayethetha ngevangeli, okanye iindaba ezilungileyo, ezazisekelwe kuYesu. Oku kuquka ukuthumela kukaThixo uNyana wakhe ukuze asifele, ukuthululwa kwegazi lakhe ukuze sifumane ubomi obungunaphakade. (Mateyu 20:28; Yohane 3:16; Roma 5:8, 9) La mazwi aquka nomyalelo wamva wokuba abalandeli bakaKristu bafanele bangalityi igazi.
6. AmaKristu anikwa yiphi imiyalelo ngokuphathelele igazi, yaye ngoba?
6 Uyazi ukuba uThixo wanika amaSirayeli imimiselo emininzi. Emva kokufa kukaYesu, abafundi bakhe babenganyanzelekanga ukuyithobela yonke loo mithetho. (Roma 7:4, 6; Kolose 2:13, 14, 17; Hebhere 8:6, 13) Noko ke, ekuhambeni kwexesha kwabakho imbambano eyayibalulekile—ukwaluswa kwamakhwenkwe. Ngaba abo babengengomaYuda ababefuna ukuzuza kwigazi likaKristu babefanele baluswe, ukubonisa ukuba babesephantsi koMthetho? Ngowama-49 C.E., iqumrhu elilawulayo lamaKristu layisingatha le mbambano. (IZenzo, isahluko 15) Bencedwa ngumoya kaThixo, abapostile namadoda amakhulu bagqiba kwelokuba umyalelo wolwaluko waphela xa kwakubhangiswa uMthetho. Sekunjalo, yayikho eminye imithetho kaThixo ekwakusafuneka amaKristu ayithobele. Kwincwadi elayibhalela amabandla, iqumrhu elilawulayo lathi: “Kukholekile kumoya oyingcwele nakuthi ngokwethu ukungongezeleli uxanduva olubhekele phaya kuni, ngaphandle kwezi zinto ziyimfuneko, ukuba nikhwebuke kwizinto ezibingelelwe kwizithixo nasegazini nakwizinto ezikrwitshiweyo nakuhenyuzo. Ukuba niyazikhwebula kwezi zinto, niya kuphumelela.”—IZenzo 15:28, 29.
7. Kubaluleke kangakanani ukuba amaKristu ‘azinxweme kwigazi’?
7 Ngokucacileyo, iqumrhu elilawulayo lalikugqala ‘ukuzinxwema kwigazi’ njengento eyayibalulekile ngokuziphatha njengokukuphepha ukuziphatha okubi ngokwesini okanye ukukhonza izithixo. Oku kungqina ukuba umthetho wokungalityi igazi ubalulekile. AmaKristu anqula izithixo naziphethe kakubi ngokwesini yaye engaguquki ‘akanakubudla ilifa ubukumkani bukaThixo’; ‘isahlulo sawo sikukufa kwesibini.’ (1 Korinte 6:9, 10; ISityhilelo 21:8; 22:15) Phawula lo mahluko: Ukungaluthobeli ukhokelo lukaThixo ngokuphathelele ubungcwele begazi kusenokuphumela kukufa okungunaphakade. Ukubonisa uxabiso ngedini likaYesu kusenokukhokelela kubomi obungunaphakade.
8. Yintoni ebonisa ukuba kumaKristu okuqala ukhokelo lukaThixo ngokuphathelele igazi lwalungumbandela onzulu?
8 AmaKristu okuqala aluqonda aza aluthobela njani ukhokelo lukaThixo ngokuphathelele igazi? Khumbula amazwi kaClarke athi: “Ngokutsho kweVangeli alifanele lidliwe, ngoba lifanele lisoloko ligqalwa njengegazi eliye laphalala ukuxolelwa kwezono.” Imbali ingqina ukuba amaKristu okuqala ayewugqala lo mbandela njengonzulu. UTertullian wabhala: “Yiba nomfanekiso wabo babenyolukile, kwibala lemidlalo, bethabatha igazi lezikrelemnqa . . . baze bahambe nalo ukuze baye kunyanga ngalo isathuthwane.” Nangona abahedeni babelitya igazi, uTertullian wathi amaKristu “ayengalityi kwanegazi lezilwanyana ekutyeni [kwawo] . . . Xa ufuna ukulinga amaKristu wanike iisoseji ezinegazi. Phofu ke, uya kuqiniseka ukuba oku akuvumelekanga kuwo.” Ewe, enoba ayesongelwa ngokubulawa, amaKristu ayengasoze alitye igazi. Ukhokelo lukaThixo lwalubaluleke kangako kuwo.
9. Ukuzinxwema kwigazi kwakuquka ntoni ngaphandle kokulitya?
9 Bambi basenokucinga ukuba iqumrhu elilawulayo lalithetha nje ukuba amaKristu angalityi okanye angaliseli igazi okanye angayityi inyama engophiswanga okanye ukutya okuxutywe negazi. Liyinyaniso elokuba le yayiyintsingiselo yokuqala yalo myalelo kaThixo owawusiya kuNowa. Yaye lo mmiselo wabapostile wawaxelela amaKristu ukuba “azigcine kwinto ekrwitshiweyo,” inyama enegazi. (Genesis 9:3, 4; IZenzo 21:25) Noko ke, amaKristu okuqala ayesazi ukuba kubandakanyeke okungakumbi. Maxa wambi igazi lalityiwa ukunyanga into ethile. UTertullian wathi ukuze kunyangwe isathuthwane, abanye abahedeni babesitya igazi. Yaye kusenokwenzeka ukuba zazikho nezinye iindlela igazi elalisetyenziswa ngazo ukunyanga izifo okanye ukuphucula impilo kabani. Ngenxa yoko, ukuzinxwema kwamaKristu egazini kwakuthetha ukungalityi nangenjongo ‘yonyango.’ Ayesenjenjalo enoba oko kwakubeka ubomi bawo engozini.
Igazi Njengeyeza
10. Igazi lisetyenziswa ngaziphi iindlela kwezonyango, yaye oku kubangela yiphi imibuzo?
10 Ngoku kuxhaphakile ukusetyenziswa kwegazi njengonyango. Ngaphambili kwakutofelwa igazi elipheleleyo—litsalwa kuloo mntu unikela ngalo, ligcinwe, lize litofelwe kulowo ugulayo, mhlawumbi umntu owenzakele edabini. Kamva, abaphandi baye bafunda ukulahlula libe ziindidi zeencindi eziliqela. Ngokutofela iincindi ezithile, oogqirha basenokutofela igazi kubantu abagulayo abangakumbi, mhlawumbi iplasma kumntu owenzakeleyo neeseli ezibomvu komnye. Uphando olungakumbi lwabonisa ukuba kwincindi ethile, njengakwiplasma, kusenokufunyanwa iincindi ezininzi, ezinokutofelwa kubantu abangakumbi abagulayo. Uphando oluphathelele oku lusaqhubeka, yaye kufunyanwa iincindi ezingakumbi ezintsha ezinokusetyenziswa. UmKristu ufanele akujonge njani oku? Masithi wenze isigqibo sokungakwamkeli ukutofelwa igazi, kodwa ugqirha uyamcenga ukuba amkele incindi ethile, mhlawumbi iiseli ezibomvu. Okanye unyango lusenokuba luquka incindi ethile efunyenwe kwenye incindi. Umkhonzi kaThixo unokusenza njani isigqibo kwiimeko ezinjalo, ekhumbula ukuba igazi lingcwele yaye igazi likaKristu lisindisa ubomi?
11. Kangangexesha elide amaNgqina ebekujonga njani ukusetyenziswa kwegazi kwezonyango?
11 Kumashumi eminyaka adluleyo amaNgqina kaYehova ayicacisa indlela awujonga ngayo lo mbandela. Ngokomzekelo, apapasha inqaku kwiThe Journal of the American Medical Association (Novemba 27, 1981; laphinda lashicilelwa kwincwadana ethi Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho? iphepha 27-9).a Elo nqaku lacaphula iGenesis, iLevitikus neZenzo. Lathi: “Nangona ezi ndinyana zingabhekiseli kumbandela wezamayeza, amaNgqina azijonga njengezikwalelayo ukutofela igazi, iiseli ezibomvu zegazi neziyileli (plasma), kwaneeseli ezimhlophe zegazi nokufakwa kweeplatelets.” Incwadi yowama-2001 ethi Emergency Care, kumxholo othi “Composition of the Blood [Izinto Eziyila Igazi],” kwathiwa: “Igazi liyilwa ziincindi ezininzi: iplasma, iiseli ezibomvu nezimhlophe, neeplatelets.” Ngenxa yoko, ngokuvumelana nezizathu zezonyango, amaNgqina akavumi ukutofelwa igazi elipheleleyo okanye iincindi zalo eziphambili ezine.
12. (a) Ziziphi izigqibo ezicacisiweyo ngokuphathelele iincindi ezifunyenwe kwiincindi eziphambili zegazi? (b) Inokufunyanwa phi inkcazelo eyongezelelekileyo ngalo mbandela?
12 Eli nqaku lezonyango lahlabela mgama lisithi: “Phofu ke, ukuqonda kwamaNgqina okusekelwe elunqulweni akukwaleli ngokupheleleyo ukusetyenziswa kweenxalenye ezinjengealbumin, immune globulins, nolwelo olulungiselelwe abanesifo sokopha kakhulu; Ngqina ngalinye limele lizenzele isigqibo ngokwalo enoba liya kuzamkela na ezi nxalenye.” Ukususela ngowe-1981, kuye kwafunyanwa ezinye iinxalenye okanye iincindi (iincindi ezivela kwezi zine ziphambili) ukuze zisetyenziswe kwezonyango. Ngokuvumelana noku, IMboniselo kaJuni 15, 2000, yanikela inkcazelo eluncedo ngalo mbandela kwinqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi.” Ukwenzela abafundi bethu abaninzi, eli nqaku liphinde lashicilelwa kwiphepha 29-31 leli phephancwadi. Linikela iinkcukacha nendlela yokuqiqa, ukanti uya kuphawula ukuba oko kuthethwa kulo kuyavumelana nenkcazelo esisiseko eyanikelwa ngowe-1981.
Indima Yesazela Sakho
13, 14. (a) Yintoni isazela, singenelela njani kumbandela wegazi? (b) Luluphi ukhokelo uThixo awalunika uSirayeli ngokutya inyama, yaye yiyiphi imibuzo eyayisenokuvela?
13 Le nkcazelo ifuna ubani asebenzise isazela sakhe. Ngoba? AmaKristu ayavuma ukuba kufanele alandele ukhokelo lukaThixo, kodwa kweminye imibandela kufuneka ubani azenzele isigqibo ngokuvunyelwa sisazela sakhe. Isazela ngamandla okuzihlolisisa izinto nokwenza izigqibo, ngokuqhelekileyo ngeemeko eziphathelele imibandela yokuziphatha. (Roma 2:14, 15) Noko ke, izazela zabantu ziyahluka.b IBhayibhile ikhankanya ukuba ‘isazela sabanye sibuthathaka,’ nto leyo ethetha ukuba izazela zabanye zomelele. (1 Korinte 8:12) AmaKristu enza inkqubela engafaniyo ngokufunda oko kuthethwa nguThixo, ukuphulaphula iingcamango zakhe, nokukusebenzisa xa esenza izigqibo. Oku sinokukuzekelisa ngamaYuda nokudliwa kwenyama.
14 IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba umntu othobela uThixo akasayi kuyitya inyama engophiswanga. Oku kwakubaluleke kangangokuba kwanakwiimeko zongxamiseko xa amajoni angamaSirayeli etye inyama engophiswanga, ayeba netyala okanye isono esinzulu. (Duteronomi 12:15, 16; 1 Samuweli 14:31-35) Sekunjalo, kwakusenokuvela eminye imibuzo. Xa umSirayeli exhele igusha, kwakufuneka athabathe ixesha elingakanani eyophisa? Ngaba kwakufuneka ayinqumle umqala ukuze yophe? Ngaba kwakufuneka loo gusha ayixhome ngemilenze yangasemva? Kwakufuneka ayixhome ixesha elide kangakanani? Wayeya kuthini ukuba ibiyinkomo? Nasemva kokuyophisa, kusenokusala igazi elithile kuloo nyama. Ngaba wayenokuyitya loo nyama? Ngubani owayeya kwenza isigqibo?
15. Amanye amaYuda awusingatha njani umbandela wokutya inyama, kodwa uThixo wayalela ntoni?
15 Khawucinge ngomYuda onenzondelelo ejamelene nembambano enjalo. Wayesenokucinga ukuba kubhetele angayityi inyama ethengiswa emarikeni, kanye njengokuba omnye ebengayi kuyitya inyama ekusenokwenzeka ukuba ikhe yabingelelwa kwizithixo. Amanye amaYuda asenokuba ayeyitya inyama emva kokwenza amatiletile ezama ukuyophisa.c (Mateyu 23:23, 24) Ucinga ntoni ngeendlela ezahluke ngolo hlobo zokusingatha lo mbandela? Ukongezelela, ekubeni uThixo wayengalindelanga ukuba kwenziwe ezo zinto, ngaba kwakuyimfuneko ukuba amaYuda athumele uthotho lwemibuzo kwiqumrhu loorabhi ukuze enzelwe izigqibo kumbandela ngamnye? Nangona kwabakho isiko elinjalo kubuYuda, sinokuvuyiswa kukuba uYehova akazange ayalele abanquli bokwenyaniso ukuba balandele loo nkqubo xa besenza izigqibo kumbandela wegazi. UThixo wanikela umyalelo osisiseko wokuxhela izilwanyana ezicocekileyo nendlela yokuzophisa, kodwa akazange anikele obunye ubugocigoci.—Yohane 8:32.
16. Kutheni amanye amaKristu asenokuba nezimvo ezahlukileyo ngokutofelwa enye yeencindi ezincinane zegazi?
16 Njengokuba kuphawulwe kwisiqendu 11 nese-12, amaNgqina kaYehova akakwamkeli ukutofelwa igazi elipheleleyo okanye iincindi zalo eziphambili ezine—iplasma, iiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe neeplatelets. Kuthekani ngezinye iincindi ezifumaneka kwezi ziphambili, njengencindi enezibulala-zintsholongwane elwa nezifo okanye yokubulala ubuhlungu benyoka? (Bona iphepha 30, isiqendu 4.) Bambi baye bagqiba ngelithi ezi ncindi, eneneni, aziselilo igazi, yaye ngoko ke azikho phantsi komthetho othi “nikhwebuke egazini.” (IZenzo 15:29; 21:25; iphepha 31, isiqendu 1) Eso sisigqibo sabo. Isazela sabanye asibavumeli ukuba bamkele nantoni na efumaneka kwigazi (lesilwanyana okanye lomntu), nencindi nje efumaneka kwiincindi eziphambili.d Sekunjalo abanye basenokwamkela ukutofelwa iproteyini yeplasma elwa nezifo okanye ephelisa ubuhlungu benyoka kodwa bangazamkeli ezinye iincindi ezifumaneka kuyo. Ngaphezu koko, ezinye izinto ezenziwe ngenye yeencindi ezine eziphambili zisenokwenza umsebenzi owenziwa ligazi elipheleleyo zize zibe nendima yokusindisa ubomi kangangokuba inkoliso yamaKristu igqibe ngokungazamkeli.
17. (a) Isazela sethu sinokusinceda njani xa sijamelene nembambano yeencindi zegazi? (b) Kutheni kuyinto enzulu ukwenza izigqibo ngalo mbandela?
17 Oko iBhayibhile ikuthethayo ngesazela kuluncedo xa sisenza izigqibo ezinjalo. Inyathelo lokuqala kukufunda oko iLizwi likaThixo likuthethayo uze uvisisanise isazela sakho kunye nalo. Oko kuya kukunceda wenze isigqibo esivumelana nokhokelo lukaThixo kunokucela omnye umntu akwenzele isigqibo. (INdumiso 25:4, 5) Ngokuphathelele ukwamkela iincindi ezithile zegazi, abanye baye bacinga ngale ndlela, ‘Lo ngumbandela wesazela, ngoko ke akunamsebenzi enoba ndenza siphi isigqibo.’ Leyo yindlela ephosakeleyo yokuqiqa. Into yokuba umbandela othile ulawulwa sisazela akuthethi kuthi awunakuba namiphumo. Oko kusenokuba nemiphumo enzulu. Esinye isizathu sikukuba oku kunokuchaphazela abantu abanezazela ezingafaniyo nezethu. Oku sikubona kwicebiso likaPawulos ngokuphathelele inyama esenokuba yayibingelelwe kwisithixo emva koko yathengiswa emarikeni. UmKristu ufanele akulumkele ‘ukungxwelerha isazela sabanye esibuthathaka.’ Ukuba ubani ukhubekisa abanye ‘usenokonakalisa umzalwana wakhe awathi uKristu wamfela’ abe ngaloo ndlela wona uKristu. Ngenxa yoko, ngoxa ukwamkela iincindi ezithile zegazi kungumbandela wesigqibo sobuqu, eso sigqibo sifanele sigqalwe njengesinzulu.—1 Korinte 8:8, 11-13; 10:25-31.
18. UmKristu unokukuphepha njani ukubulala isazela sakhe xa esenza izigqibo eziphathelele igazi?
18 Naku okunye okugxininisa ubunzulu bokwenza isigqibo ngegazi. Yindlela izigqibo ezinjalo ezinokukuchaphazela ngayo wena. Ukuba ukwamkela incindi ethile yegazi kuya kusikhathaza isazela sakho esiqeqeshwe ngeBhayibhile, akufanele usityeshele. Yaye akufanele utyeshele utyekelo lwesazela sakho kuba nje omnye umntu esithi, “unokuyamkela le ncindi; abaninzi baye benjenjalo.” Khumbula ukuba, abantu abaninzi namhlanje bayazityeshela izazela zabo, yaye ziyafa, zibavumele ukuba baxoke okanye benze ezinye izinto ezimbi bengazisoli. Ngokuqinisekileyo amaKristu afanele asiphephe isimo sengqondo esinjalo.—2 Samuweli 24:10; 1 Timoti 4:1, 2.
19. Yintoni esifanele sisoloko siyikhumbula xa sisenza izigqibo ngonyango olubandakanya igazi?
19 Ngasekuqukumbeleni, impendulo ephinde yashicilelwa kwiphepha 29-31 ithi: “Ngaba isibakala sokuba iimbono kunye nezigqibo ezixhaswa zizazela zisenokungafani sithetha ukuba lo mba uyinto nje engenamsebenzi? Akunjalo. Ngumbandela onzulu lo.” Oku kunjalo ngakumbi kuba kubandakanyeke ulwalamano lwakho ‘noThixo ophilayo.’ Lolo lwalamano kuphela olunokukukhokelela kubomi obungunaphakade, obufumaneka ngenxa yamandla okusindisa egazi likaYesu elaphalalayo. Yakha uxabiso olunzulu ngegazi ngenxa yoko uThixo akwenzayo ngalo—ukusindisa ubomi babantu. Enyanisile uPawulos wabhala: ‘Naningenathemba yaye ningenaye uThixo ehlabathini. Kodwa ngoku ngokumanyene noKristu Yesu nina enanikade nikude niye naba kufuphi ngalo igazi likaKristu.’—Efese 2:12, 13.
-